U‐Hosheha 8
1IXILONGO libeke emlonyeni wako: woza njengokozi ngakuyo indlu kayehova; ngokuba begqitile ucebano lwam, bevukele ngakuwo umteto wam. 2Baya kukala kum, besiti: Tixo wam! siyakwazi tina Sirayeli. 3U‐Sirayeli ulahlile okulungileyo; utshaba luya kumputuma. 4Benza okumkani, kodwa bekungengam; bamisa inkosi, kodwa mna bendingazazi: bazenzele izitixo ngayo isilivere yabo negolide yabo, ukuze banqanyulwe.
5Itole lako, Samariya! liyintshontsho; ingqumbo yam iyavuta ngakubo: baya kukohlwa kukuba ngcwele kude kube ninina? 6Ngokuba bekuvela kwa‐Sirayeli kwa lona: incibi yalenza; alinguye utixo lona: ngenyaniso itole lase‐Samariya loba ngamaqekeza. 7Ngokuba behlwayele umoya, kukona baya kuvuna isaqwiti: akuko izela kubo; okuhlumayo akuyi kuwenza umgubo: ukuba umhlaumbi kuyawenza, abasemzini bowuginya. 8Baginyiwe o‐Sirayeli; bako kaloku pakati kwabaheyideni, njengesitya ekungeko inyamekelo kuso. 9Ngokuba benyukele e‐Asiriya njengeqwaṙa elilodwa: u‐Frayime ubaqeshile abatandi ngamabaso. 10Kodwa nakuba baqeshileyo ngamabaso pakati kwabaheyideni, ndoti kaloku ndibabute; babeya kuva ubuhlungu umzuzwana, ngenxa yomtwalo wokumkani wenkosana.
11Ngokuba u‐Frayime ezandisile izibingelo zokwona, kwobako kuye izibingelo zokwona. 12Ndimba̔lele indawo ezinkulu zomteto wam, kodwa zibe zibalwa njengento yasemzini. 13Imibingo yeminikelo yam, bayabinga inyama, bayidle; kodwa uyehova akayibuki: kwa kaloku uya kukumbula ukukohlakala kwabo, ohlwayele izono zabo: bobuyela e‐Jipete. 14Ngokuba u‐Sirayeli emlibele umenzi wake, wazaka itempile; no‐Juda uzandisile izixeko ezinqatyisiweyo: kodwa ndiya kutuma umlilo pezu kwezixeko zake, oya kuzidla izindlukazi zazo.
Bible Society of South Africa 1902