Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 2
1Ngako oko sifanele ukuzinyamekela kakulu ngakumbi izinto esizivileyo, hleze sike sipulukane nazo. 2Ngokuba ilizwi elibe litetwe zingelosi ukuba libe liqinisekile, nokuba konke ukugqita nokungeva kwamkela umvuzo ofanelekileyo, 3soti nina tina ukusinda sakuba singakataleli usindiso olukulu kangaka; olwati, lutetiwe yinkosi nje ukuqala kwalo, lwaqiniselwa kuti ngabo bayivayo; 4utixo enqi̔nelana nabo kwa ngemiqondiso, nangemimangaliso, nangezenzo zamandla ezininzi, nangezabelo zomoya oyingcwele, njengokwentando yake?
5NGOKUBA engalibekanga pantsi kwazo ingelosi ilizwe eliza kuza, elona siteta ngalo. 6Kodwa omnye wanqi̔nisa endaweni etile, esiti: Uyinina umntu, lento umkumbulayo; kwa nonyana woluntu, lento umnonelelayo? 7wamenza abe ngapantsi kancinane kuzo ingelosi; wamvatisa ngobungcwalisa nangodumo, wammisa pezu kwemisebenzi yezandla zako: 8uzibekile pantsi zonke izinto ngapantsi kwenyawo zake. Ngokuba, ekubeni wazibekayo ngapantsi kwake zonke izinto, akashiya nanye ingabekwanga ngapantsi kwake. Kodwa ngoku asikaboni zonke izinto zibekiwe pantsi kwake. 9Siyambona kodwa u‐Yesu, owenziwa abe ngapantsi kancinane kuzo ingelosi, ngenxa yobuhlungu bokufa, evatisiwe ngobungcwalisa nangodumo, ukuze ati ngofefe lukatixo abavele ukufa kwa bonke. 10Ngokuba bekufanelekile kuye, ekungenxa yake ziko zonke izinto, nekungaye ziko zonke izinto, akuzisa onyana abaninzi ebungcwaliseni, ukuba afezekise imbangi yosindiswa lwabo ngazo intlungu.
11Ngokuba kwa nalowo ungcwalisayo nabo bangcwaliswayo bevela kuye omnye bonke: ekungenxa yalendawo akanantloni ukubabiza ngabazalwana, 12esiti: Ndoshumayela igama lako kubazalwana bam; pakati kwentlanganiso ndovuma amaculo kuwe. 13Nakanjako: Ndoba nditembela kuye. Nakanjako: Bona ke mna nabantwana endibapiweyo ngutixo. 14Ukuba ngoko bona abantwana bevela nenyama negazi, naye ngokwake kwa ngokunjalo watabata kuzo, ukuze ati ngako ukufa atshabalalise lowo unamandla okufa, oko kukuti, u‐Satane, 15akulule abo abebete ngokwoyika ukufa babanjelwa ebukobokeni lonke ixesha lokudla kwabo ubomi. 16Ngokuba okunene engazincedi ingelosi, koko eyinceda inzalo ka‐Abrahame. 17Kukona abefanelwa kukuba afane nabazalwana bake ngento zonke, ukuze abe ngumperisite omkulu onofefe nonyanisekileyo ezintweni ezilunge kutixo, aze enzele izono zabantu isizi. 18Ngokuba ekokubeni avile intlungu yena ngokwake akulingwa, angabasiza abo balingwayo.
Bible Society of South Africa 1902