ISAHLUKO I.
1NGOWESIBINI umnyaka ka‐Dariyusi ukumkani, ngenyanga yesitandatu, ngowokuqala umhla wenyanga, leza ilizwi likayehova ngo‐Hagai umprofite ku‐Zerubabeli unyana ka‐Shalatiyeli, inkosi ye‐Juda, naku‐Yoshuwa unyana ka‐Yotsadaki, umperisite omkulu, lisiti:
2Utsho uyehova wemikosi ukuti: Ababantu bati: Ixesha alikafiki, ixesha lokwakiwa kwendlu kayehova.
3Landula ilizwi likayehova leza ngo‐Hagai umprofite, lisiti: 4Lixesha na kuni, ninandini! lokuba nihlale ezindlwini zenu ezifulelweyo, ize indlu le ibe ici̔takele? 5Ngako kaloku, utsho uyehova wemikosi, bekelani imikwa yenu intliziyo. 6Nihlwayele okuninzi, kanti ningenisile okuncinane; nidlile, kanti anihlutanga; nisele, kanti anikolisile ukusela; nambete, kanti akuko ofudumeleyo; kanjalo ozuzayo umvuzo, uyawuzuzela inxowa esisibadlu. 7Utsho uyehova wemikosi ukuti: Bekelani imikwa yenu intliziyo. 8Nyukani intaba, nizise imiti, niyake indlu, ndandiya kuyikolela, ndenzelwe ubungcwalisa, utsho uyehova. 9Benikangela okuninzi, kodwa bona ke, bekukuncinane; kanjako nakukugodusa, ndapepeta pezu kwako. Nganina? utsho uyehova wemikosi: ngenxa yendlu yam eci̔takeleyo, nokuba nibaleka abanye ngabanye ukuya kwezabo izindlu. 10Ngako oko kungenxa yenu ukuba izulu libamba umbete, nokuba umhlaba ubamba ukuxakata kwawo. 11Ndandibizile ukwoma pezu kwelizwe, napezu kwentaba, napezu kwenqolowa, napezu kweveyine entsha, napezu kweoli, napezu kwoko umhlaba ukuvelisayo, napezu kwabantu, napezu kwenkomo, napezu kwomsebenzi wonke wezandla.
12Wandula u‐Zerubabeli unyana ka‐Shalatiyeli, no‐Yoshuwa unyana ka‐Yotsadaki, umperisite omkulu, naso sonke isisalela sabantu, bapulapula ilizwi likayehova, utixo wabo, namazwi ka‐Hagai umprofite, njengokuba uyehova, utixo wabo, emtumile; bati abantu bamoyika uyehova.
13Waza wateta u‐Hagai, isitunywa sikayehova, ngomyalezo kayehova, ebantwini, esiti: Ndiko nani, utsho uyehova.
14Waye uyehova wawuvusa umoya ka‐Zerubabeli unyana ka‐Shalatiyeli, inkosi ye‐Juda, nomoya ka‐Yoshuwa unyana ka‐Yotsadaki, umperisite omkulu, nomoya waso sonke isisalela sabantu; baye besiza basebenza endlwini kayehova wemikosi, utixo wabo, 15ngowamashumi mabini anesine umhla wenyanga yesitandatu, ngowesibini umnyaka ka‐Dariyusi ukumkani.