1Ndiya kuma pezu kwendawo yam yokulinda, ndizimise pezu kwenqaba, ndandiya kuqolosela ndize ndibone ukuba uya kuteta nto nina kum, nento endiya kupendula yona ngokupikisa kwam.
2Waza uyehova wandipendula, wati: Ba̔la umboniso, uwuqingqe pezu kwamacwecwe, ukuze abaleke lowo uwuleseshayo. 3Ngokuba umboniso ungowexesha elimiselweyo; kodwa uya kuteta ekupeleni, awuyi kuxoka: nakuba uzilazilayo, wulinde; ngokuba uya kuza ngenyaniso, awuyi kulibala. 4Bona ke, ukukumele, awulungelelene umpefumlo wake pakati kwake; kodwa olungileyo uya kupila ngokolo.
5Nakanjako, uyakohlisa ngeveyine; uyindoda ezidlayo, akahlali ekaya; owandisa inkanuko yake njengayo ihadesi; ewe, unjengokufa, akangekoliswe; uyazihlanganisela izizwe zonke, uyazibutela abantu bonke. 6Aba bonke abayi kuteta ingoma na ngakuye, nesintsonkotelo sokuhlekisa ngaye, besiti: Makube nzima kulowo okwandisayo okungekokwake! kwoba kade kangakananina? nakulowo ozitwesayo ngezibambiselo ezininzi! 7Abayi kusuka ngesiqupe na abo abaya kukuluma, bavuke abo abaya kukuzamazamisa? wauya kuba ngamaxoba abo. 8Ngokuba upangile izizwe ezininzi, sonke isisalela sabantu siya kupanga wena; ngenxa yegazi labantu, nobudlwengu obenziwe elizweni, esixekweni, nakubo bonke abemiyo kuso.
9Kwoba nzima kulowo oqwebela indlu yake inzuzo ekohlakeleyo, ukuba ayibeke pezulu indawo yake yokuhlala, aze akululeke emandleni elishwa! 10Ucebile okulihlazo kwindlu yako, ngokunqamla abantu abaninzi, usona owako umpefumlo nje. 11Ngokuba ilitye laseludongeni libiza, nembopelelo yasemitini isabela kulo.
12Kwoba nzima kulowo owakayo isixeko ngegazi, omisayo inqili ngobumenemene! 13Bona ke, akuveli na kuyehova wemikosi, ukuba izizwe ziya kuzamela umlilo, nokuba intlanga zozidinisela okungento? 14Ngokuba umhlaba uya kuzaliswa kukwaziwa kwobungcwalisa bukayehova, njengokuba amanzi egubungela ulwandle.
15Kwoba nzima kulowo omsezayo ummelwane wake, utulula ubushushu bako, umnxilisa nje kanjako, ukuze ukangele ubuzé babo! 16Ukolisile ukuba nehlazo esikundleni sobungcwalisa; sela nawe, uzibonakalise ungalukanga; indebe yesokunene isandla sikayehova yojikela kuwe, kwakuya kubako ihlazo elikulu pezu kwobungcwalisa bako. 17Ngokuba ubudlwengu obenzelwe i‐Lebanone buya kugubungela wena, njengokuba imbujiswa yezilo itusa zona; ngenxa yegazi labantu, nobudlwengu obenziwe elizweni, esixekweni, nakubo bonke abemiyo kuso.
18Kunceda nto nina umfanekiso oqingqiweyo, ukuba umdali wawo uwuqingqile? kunceda nto nina umfanekiso otyityishiweyo, ofundisayo ubuxoki, ukuba umdali wesidalo sake atembele kuso, esenza izitixo ezingenakuteta? 19Kwoba nzima kulowo oti emtini: Vuka! nasetyeni elingenakuteta: Zivuse! Wofundisa wona nje! Nanguya walekiwe ngegolide nangesilivere, kanti akuko namnye umoya pakati kwawo. 20Kodwa uyehova usetempileni yake engcwele: yiti tu ebusweni bake, mhlaba wonke!