1KWATI kwakufika inyanga yesixe̔nxe, nxa usapo luka‐Sirayeli belusezixekweni, bandula abantu bazihlanganisela e‐Yerusaleme njengomntu mnye. 2Waza wesuka u‐Yoshuwa unyana ka‐Yotsadaki, nabazalwana bake abaperisite, no‐Zerubabeli unyana ka‐Shalatiyeli, nabazalwana bake, baye besaka isibingelo sotixo wo‐Sirayeli, kuze kunikelwe amadini okutshiswa pezu kwaso, njengokuba̔liweyo emtetweni ka‐Mosesi indoda katixo.
3Baza bamisa isibingelo pezu kwamasekelo aso; ngokuba ukwoyika bekupezu kwabo ngenxa yabantu balomazwe: banikela pezu kwaso amadini okutshiswa kuyehova, amadini okutshiswa okusa nawokuhlwa. 4Benza umtendeleko wamapempe kanjalo, njengokuba̔liweyo; namadini okutshiswa emihla ngemihla ngenani, njengalo isiko, into yemini ngemini yayo; 5nasemva kwoko, idini lokutshiswa elifuti, nelenyanga ezitwasileyo, nelayo yonke imitendeleko emisiweyo kayehova ebingcwalisiwe, nelabo bonke abanikela ngokuvuma kuyehova umnikelo wesisa. 6Kwa kuwo owokuqala umhla wenyanga yesixe̔nxe, baqala ukunikela amadini okutshiswa kuyehova. Kodwa itempile kayehova ibingekasekwa. 7Kanjako banika imali kwincibi zamatye, nakwincibi zemiti; nokudla, nento yokusela, neoli, kwabase‐Tsidone, nakwabase‐Tire, ukuba basuse imiti yesedare e‐Lebanone bayise elwandle lwase‐Jopa, njengokuvunyelwa kwabo ngu‐Koreshe ukumkani we‐Peresiya.
8Kekaloku ngowesibini umnyaka emva kwokufika kwabo endlwini katixo e‐Yerusaleme, ngenyanga yesibini, baqala u‐Zerubabeli unyana ka‐Shalatiyeli, no‐Yoshuwa unyana ka‐Yotsadaki, nesisalela sabazalwana babo, abaperisite naba‐Levi, nabo bonke abebevele ekutinjweni ukuza e‐Yerusaleme; bamisela aba‐Levi, abaminyaka yebudala imashumi mabini napezulu, ukwongama umsebenzi wayo indlu kayehova. 9Kwandula ukusuka u‐Yoshuwa, onyana bake, nabazalwana bake, u‐Kadimele, nonyana bake, usapo luka‐Juda, kwa kunye, ukuba bongame abawenzayo umsebenzi endlwini katixo: onyana baka‐Henadade, onyana babo, nabazalwana babo, aba‐Levi.
10Kwati kwakusekwa itempile kayehova ngabaki, bamisa abaperisite, bevatisiwe, benamaxilongo, naba‐Levi, onyana baka‐Safa, benesimbali, ukuba bamdumise uyehova, ngesimiselo sika‐Davide ukumkani wo‐Sirayeli. 11Baza bahlabelelana ekumdumiseni nasekumbuleleni uyehova, besiti: Ngokuba elungile; ngokuba ububele bake bungunapakade pezu kwo‐Sirayeli. Bati abantu bonke bamemeza ngesimemezo esikulu, ekumdumiseni uyehova, ngenxa yokusekwa kwayo indlu kayehova. 12Kodwa abaninzi kubo abaperisite, naba‐Levi, nabazintloko zendlu zoyise, abo badala, abebebonile indlu yokuqala, kwakusekwa le indlu pambi kwamehlo abo, balila ngelizwi elikulu; kanjalo abaninzi bapakamisa ilizwi ngokumemeza ngovuyo; 13ukuba abantu bebengenakuqiqa ilizwi lesimemezo sovuyo, ngenxa yelizwi lokulila kwabantu: ngokuba abantu bamemeza ngesimemezo esikulu, yada intlokoma yavakala kwa kude.