1LAYE ilizwi likayehova lisiza kum, lisiti: 2Nyana woluntu! beka ubuso bako ngakuye u‐Goge welizwe lakwa‐Magoge, inkosi ye‐Roshi, i‐Mesheki, ne‐Tubali, uprofiteshe ngakuye, 3uti:
Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndingakuwe, Goge, nkosi ye‐Roshi, i‐Mesheki, ne‐Tubali! 4ndandiya kukubuyisa, ndifake amaqeṙu emihlatini yako; ndoti kanjalo ndikupumise wena nayo yonke impi yako, amahashe nabakweli bamahashe, bonke bevatisiwe ngento ebungcwalisa, umhlambi omkulu unamakaka namakakana, bepete amaṙele bonke: 5ama‐Peresiya, nama‐Tiyopiya, nama‐Pute kunye nawo, enekakana nomnqwazi onke; 6u‐Gomere nawo onke amabandla ake; indlu ka‐Togama yasemacaleni asenode, nawo onke amabandla ake; abantu abaninzi benawe. 7Yiba ulungile, uzilungisele, wena nawo wonke umhlambi wako ohlanganiseneyo kuwe, uze ube ngumlindi kubo. 8Emveni kwemihla emininzi uya kumiselwa; ekupeleni kweminyaka uya kuza kwilizwe elibuyisiweyo eṙeleni, elibutiweyo ezizweni ezininzi, pezu kwentaba zakwa‐Sirayeli, ezibe zibugxwayiba futi; elite lona lapunyiswa ezizweni, baza abantu bahlala ngokunqaba bonke. 9Uya kunyuka ke, uya kuza njengalo uquta, woba njengelifu ukugubungela ilizwe, wena nawo onke amabandla ako, nabantu abaninzi kunye nawe. 10Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Kwakuya kuti ngomhla lowo, ziya kunyuka izinto entliziyweni yako, wauya kuqinga iqinga elikohlakeleyo, 11uti: Ndonyuka ndiye ezweni lemizi, ndoza kubo abasekwonwabeni, abahlala ngokunqaba; abati bonke bahlale bengenandonga, kungeko imivalo nengcango kubo; 12ukutimba itimbo, nokupanga impango; ukusonga isandla sako pezu kwamanxuwa amiweyo kanjako, nangakubo abantu abahlanganisiweyo kubaheyideni, abaqwebileyo inkomo nempahla, abahlala enkalweni yelizwe. 13I‐Sheba, ne‐Dedane, nabatengisi base‐Tareshishe, nazo zonke ingonyamana zayo, baya kuti kuwe: Uze wena ukutimba itimbo na? uhlanganisile umhlambi wako ukupanga impango na? ukususa isilivere negolide na? ukutabata inkomo nempahla na? ukutimba itimbo elikulu na?
14Ngako oko profitesha, nyana woluntu! uti kuye u‐Goge: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngalomhla okuya abantu bam o‐Sirayeli bahlala ngokunqaba, akuyi kwazi na? 15Uya kuza ke uvela endaweni yako, emacaleni asenode, wena nabantu abaninzi kunye nawe, bekwele emahasheni bonke, umhlambi omkulu, impi eyinto eninzi: 16wauya kunyuka ngakubo abantu bam o‐Sirayeli, njengelifu, ukugubungela ilizwe; ekupeleni kwemihla kuya kubako; ndandiya kukuzisa ngakulo ilizwe lam, ukuze abaheyideni bandazi mna, ndakungcwaliswa kuwe, Goge! pambi kwamehlo abo. 17Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Wena unguye na enditetileyo ngaye emihleni yakudala, ngesandla sezicaka zam abaprofite bakwa‐Sirayeli, abaprofiteshayo kulomihla, iminyaka mininzi, ukuba ndiya kukuzisa ngakubo?
18Kwaye kuya kuti ngomhla lowo, ngomhla aya kuza u‐Goge pezu kwomhlaba wakwa‐Sirayeli, itsho inkosi e nguyehova, buya kunyuka ubuṙalaṙume bam empumlweni zam. 19Ngokuba ngobukwele bam, ngomlilo womsindo wam, nditetile ukuti: Ngenyaniso ngomhla lowo kuya kubako ukungcangcazela okukulu emhlabeni wakwa‐Sirayeli! 20zaziya kungcangcazela pambi kwam intlanzi zolwandle, nentaka zezulu, nezilo zasendle, nazo zonke izinambuzane ezinambuzelayo emhlabeni, nabo bonke abantu abapezu kwobuso bomhlaba; kanjalo intaba ziya kucitwa, namawa aya kuwa, nazo zonke indonga zowa ngasemhlabeni. 21Ndandiya bubizela iṙele ngakuye kuzo zonke intaba zam, itsho inkosi e nguyehova; iṙele lomnye loba ngakuye umlingane wake. 22Ndandiya kupika naye ngesifo esibubisayo nangegazi; nemvula ekukulayo, nezico̔to ezikulu, nomlilo, nesufure, ndozinisa pezu kwake, napezu kwamabandla ake, napezu kwabantu abaninzi abanaye. 23Kwa njalo ndiya kuzenza mkulu, ndizingcwalise; ndandiya kwazeka pambi kwamehlo ezizwe ezininzi, eziya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.