1LALEKELA leza kum ilizwi likayehova, lisiti: 2Nyana woluntu! profitesha ngakubo abalusi bakwa‐Sirayeli; profitesha, uti kubo, kubalusi:
Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Makube nzima kubo abalusi bakwa‐Sirayeli abazidlisa bona! Abalusi ngebengazidlisi igusha na? 3Inqata niyalidla, noboya niyavata ngabo; ezityetyisiweyo niyazixe̔la; kodwa igusha anizidlisi. 4Ezibutataka anizomelezanga, nefayo aniyipilisanga, neyapukileyo aniyibopanga, negxotiweyo aniyibuyisanga, nelahlekileyo aniyifunanga; koko nizipete ngamandla, nangobulukuni. 5Zaba lusali, ngokuba engeko umalusi; zaba kukutya kuwo onke amaṙamncwa asendle kanjalo, zakuba lusali. 6Igusha zam zadungudela kuzo zonke intaba, napezu kwazo zonke induli ezinde; ewe igusha zam zaba lusali pezu kwobuso bonke bomhlaba, kungeko obuzayo, kungeko nofunayo.
7Ngako oko, nina balusi! yivani ilizwi likayehova: 8Ndihleli nje mna, itsho inkosi e nguyehova, ngenyaniso ngokokuba igusha zam zaba lixoba, nokuba igusha zam zaba kukutya kuwo onke amaṙamncwa asendle, ngokuba engeko umalusi, nokuba abalusi bam bengabuzeli igusha zam, kodwa abalusi bayazidlisa bona, negusha zam abazidlisi; 9ngako oko, nina balusi! yivani ilizwi likayehova: 10Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndingakubo abalusi; negusha zam ndiya kuzibiza esandleni sabo, ndenze bayeke ukuzidlisa igusha; kanjako abalusi abayi kubuya bazidlise bona; ngokuba ndiya kuhlangula igusha zam emlonyeni wabo, zize zingabi kukutya kubo.
11Ngokuba isitsho inkosi e nguyehova ukuti; Bona ke, ndiya kuti mna, ndibazele igusha zam, ndizifunisele kanjalo. 12Njengokuba umalusi efunisela umhlambi wake, emhleni akoyo pakati kwegusha zake ezipangaleleyo, ndiya kwenje njalo ukufunisela igusha zam; ndandiya kuzihlangula kuzo zonke indawo, apo zitiwe sa kona emhleni wamafu nobumnyama. 13Ndandiya kuzipumisa ezizweni, ndizibute emazweni, ndizizise emhlabeni wazo, ndizidlise ezintabeni zakwa‐Sirayeli, ezintilini, nakuzo zonke indawo ezimiweyo zelizwe. 14Kwelilungileyo idlelo ndozidlisa, napezu kwentaba ezinde zakwa‐Sirayeli siya kubako isikundla sazo; kona apo ziya kubutuma esikundleni esilungileyo, nakulo idlelo elityebileyo ziya kudla, ezintabeni zakwa‐Sirayeli. 15Ndiya kudlisa igusha zam, ndandiya kuzibutumisa, itsho inkosi e nguyehova. 16Elahlekileyo ndoyifuna, negxotiweyo ndoyibuyisa, neyapukileyo ndoyibopa, nebutataka ndiya kuyomeleza; kodwa etyebileyo neyomeleleyo ndozitshabalalisa, ndiya kudlisa zona ngomgwebo.
17Nani, zigusha zam! itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndigweba pakati kwenkomo ezincinane nenkomo ezincinane, pakati kwenkunzi zegusha nenkunzi zebokwe. 18Kuyinto encinane na kuni, ukuba niyadla idlelo elilungileyo, nize ninyatele isisalela samadlelo enu ngenyawo zenu; nokuba niyasela kuwo amanzi anzulu, nize niwenze budaka aseleyo ngenyawo zenu? 19Negusha zam, okunyatelweyo ngenyawo zenu ziyakudla, nokwenziwe budaka ngenyawo zenu ziyakusela.
20Ngako oko itsho inkosi e nguyehova kuzo ukuti: Bona ke, ndiya kuti mna, ndigwebe pakati kwenkomo ezincinane ezityebileyo nenkomo ezincinane ezibityileyo. 21Ngenxa yokuba nisunduzile ngecala nangegxalaba, nokuba ninqubile zonke ezibutataka ngempondo zenu, nada naziti sa ngasendle; 22ngako ndiya kusindisa igusha zam, zize zingabi selixoba; ndandiya kugweba pakati kwenkomo ezincinane nenkomo ezincinane. 23Ndandiya kumisa pezu kwazo umalusi emnye, oya kuzidlisa, isicaka sam u‐Davide; yena wozidlisa, kanjalo yena woba ngumalusi wazo. 24Nam, Yehova, ndoba ngutixo wazo; nesicaka sam, u‐Davide, soba yinkosi pakati kwazo: mna Yehova nditetile. 25Ndiya kulwenza nazo ucebano lwoxolo, ndiwapelise amaṙamncwa elizweni; zaziya kuhlala entlango ngokunqaba, zilale emahlatini. 26Ndandiya kuzenza zona nenqele zenduli yam zibe litamsanqa; ndonisa isipango ngexesha laso; izipango zetamsanqa ziya kubako. 27Wandule umti wasendle unike ukuqa̔ma kwawo, nomhlaba unike ukuxakata kwawo, ziti zona zibeko emhlabeni wazo ngokunqaba, zazi nokwazi ukuba mna ndi nguyehova, ndakwapula izibonda zeyokwe yazo, ndizihlangule esandleni sabo bazikonzisayo. 28Kanjalo azisayi kuba selixoba kubaheyideni, namaṙamncwa omhlaba akayi kuzidla; koko ziya kuhlala ngokunqaba, kungeko okuya kuzoyikisa. 29Ndandiya kuzivusela isityalwa sodumo; aziyi kubuya zisuswe ngendlala elizweni, nehlazo labaheyideni aziyi kubuya zilitwale. 30Kwa njalo ziya kukwazi okokuba mna Yehova, utixo wazo, ndinazo, nokuba zona zingabantu bam, indlu ka‐Sirayeli, itsho inkosi e nguyehova. 31Nani, zigusha zam, zigusha zedlelo lam! ningabantu nina; mna ndi ngutixo wenu, itsho inkosi e nguyehova.