1Wabuya wati kum: Nyana woluntu! oko ukufumanayo ukutye; yitya umqulu lo, uze uhambe, utete kuyo indlu ka‐Sirayeli. 2Ndasuka ndavula umlomo wam, waza wandidlisa umqulu lowo. 3Wayesiti kum: Nyana woluntu! yenza isisu sako sidle, uwazalise amatumbu ako ngalomqulu endiwunika kuwe. Ndaza ndawudla; waye usemlonyeni wam njengobusi ukuba mnandi.
4Waza wati kum: Nyana woluntu! hamba, uye kwindlu ka‐Sirayeli, utete ngamazwi am kubo. 5Ngokuba kungekubo abantu abakuteta kungumgushanxa nabanteto inzima utunyiweyo, kukuyo indlu ka‐Sirayeli; 6kungekuzo izizwe ezininzi ezikuteta kungumgushanxa nezinteto inzima, ezimazwi ungawevayo: ngokwenene ukuba bendikutumile kuzo, beziya kupulapula kuwe zona. 7Kanti indlu ka‐Sirayeli ayiyi kuvuma ukupulapula kuwe; ngokuba ingavumi ukupulapula kum: ngokuba yonke indlu ka‐Sirayeli ingababunzi lilukuni nabantliziyo inokanda. 8Bona ke, ndibenzile ubuso bako bomelele ngakubo ubuso babo, nebunzi lako lomelele ngakuwo amabunzi abo. 9Njengedamante enokanda pezu kwelitye elilukuni, ndilenzile ibunzi lako: ungaboyiki, ungetuswa nangobuso babo; ngokuba beyindlu enenkani bona.
10Walekela wati kum: Nyana woluntu! onke amazwi am endiya kuwateta kuwe, wamkele entliziyweni yako, uweve ngendlebe zako. 11Uze uhambe, uye kubo abatinjwa, kulo usapo lwabantu bako, utete nabo, uti kubo: Itsho inkosi e nguyehova; nokuba baya kuva, nokuba baya kuyeka.
12WANDULA umoya wandifunqula; ndaza ndeva ilizwi lempitimpiti enkulu, lisiti: Mabubongwe ubungcwalisa bukayehova kwa sendaweni yake! 13Ndeva nentlokoma yamapiko ezidalwa ezipilileyo awafikelelana elinye nelinye, nentlokoma yevili malungana nazo, nentlokoma yempitimpiti enkulu. 14Wati umoya wandifunqula, wandisusa; ndaza ndahamba ngobuṙaṙa, ebushushwini bomoya wam; kodwa isandla sikayehova sibe sinamandla pezu kwam. 15Ndandula ndeza kubatinjwa e‐Telabibe, abebehleli ngasemlanjeni we‐Kebare, ndahlala apo babehleli kona; ndahlala kona imihla yasixe̔nxe, ndinokuti nqa pakati kwabo.
16Kwaza kwati ekupeleni kwemihla esixe̔nxe, landula leza ilizwi likayehova kum, lisiti: 17Nyana woluntu! ndikwenzile umlindi kwindlu ka‐Sirayeli; wauya kuva ilizwi ngomlomo wam, ubayale kwa kum. 18Ndakuti kokohlakeleyo: Uya kufa ngenyaniso; ukuba akumyali, nokuba akuteti ukumyala okohlakeleyo aguquke endleleni yake ekohlakeleyo, ukuze kulondolozwe ubomi bake; lowo okohlakeleyo uya kufa etyaleni lake, negazi lake ndolibiza esandleni sako. 19Kodwa nxa umyala okohlakeleyo, kanti akaguquki ekukohlakaleni kwake, nasendleleni yake ekohlakeleyo; uya kufa yena etyaleni lake, nawe uhlangule umpefumlo wako. 20Kanjalo, akuguquka olungileyo ekulungeni kwake, enze ubumenemene, ndandule ndibeke isiku̔bekiso pambi kwake, yena uya kufa: ngokuba ungamyalanga, uya kufa esonweni sake, nezenzo zake ezilungileyo azenzileyo, zona azisayi kukunjulwa; negazi lake ndolibiza esandleni sako. 21Kodwa nxa umyala olungileyo, ukuba makangoni olungileyo, ati yena angoni, uya kudla ubomi ngenyaniso, ngokuba wayaleka; nawe uhlangule umpefumlo wako.
22Saye isandla sikayehova sibe sipezu kwam kona apo; waza wati kum: Suka, puma uye etafeni, ndandiya kuteta nawe kona. 23Ndesuka ke, ndapuma ndaya etafeni: kekaloku nabuya ubungcwalisa bukayehova bumi kona, njengobungcwalisa obo ndabubonayo ngasemlanjeni we‐Kebare: ndaza ndawa ngobuso bam. 24Wandula umoya wangena kum, wandimisa pezu kwenyawo zam, wateta nam, wati kum: Yiya, uzivalele pakati kwendlu yako. 25Kodwa wena, nyana woluntu! bona ke, bokufaka intambo, bakunxibe ngazo, ukuba ungapumeli pakati kwabo. 26Nolwimi lwako ndolunamatelisa ekuhlangubeni lako, ukuba ube sidenge, nokuba ungabi nguye umohlwayi kubo; ngokuba beyindlu enenkani bona. 27Kodwa nxa nditeta nawe, ndiya kuvula umlomo wako, wauya kuti bubo: Itsho inkosi e nguyehova: Ovayo, makeve, noyekayo, makayeke; ngokuba beyindlu enenkani bona.