1KWAYE kute ngomnyaka wesixe̔nxe, ngeyesihlanu inyanga, ngoweshumi umhla wenyanga, kweza amadoda akubo abadala bo‐Sirayeli ukubuza kuyehova, ahlala pantsi ebusweni bam. 2Laza ilizwi likayehova leza kum, lisiti: 3Nyana woluntu! teta nabo abadala bo‐Sirayeli, uti kubo: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Nize ukubuza kum na? Ndihleli nje mna, andiyi kubuzelwa nini! itsho inkosi e nguyehova. 4Akuyi kubagweba na, akuyi kugweba na, nyana woluntu? Bazise izinto ezibuntshontsho zoyise babo; 5uti kubo: Itsho inkosi e nguyehova ukuti:
Emhleni ndamnyulayo u‐Sirayeli, nesandla sam ndasipakamisela kwinzalo yendlu ka‐Yakobi, nxa ndazazisa kubo elizweni le‐Jipete, nesandla sam ndasipakamisela kubo, ndisiti: Mna ndi nguyehova, utixo wenu; 6kwa semhleni lowo ndabapakamisela isandla sam, ukuba ndiya kubapumisa ezweni le‐Jipete baye ezweni endibe ndibahlolele, elela ubisi nobusi, elibubuhle bamazwe onke; 7ndaza ndati kubo: Abanye ngabanye izinto ezizondekileyo zamehlo abo zilahleni, nangezitixwana zase‐Jipete ningazinco̔lisi: mna ndi nguyehova, utixo wenu. 8Kodwa bavukela ngakum, bengavumanga ukundipulapula; abazilahla abanye ngabanye izinto ezizondekileyo zamehlo abo, nezitixwana zase‐Jipete abazishiya. Ndandula ndati: Ndiya kutulula ubuṙalaṙume bam pezu kwabo, nengqumbo yam ndoyigqiba kubo pakati kwelizwe le‐Jipete. 9Koko ndenzayo ngenxa yegama lam, ukuba lingadyojwa emehlweni abaheyideni, ababepakati kwabo, endazazisayo kubo pambi kwamehlo abo, ngokubapumisa elizweni le‐Jipete.
10Ndaza ndabapumisa elizweni le‐Jipete, ndabazisa entlango. 11Ndabanika izimiselo zam, nezigwebo zam ndazazisa kubo, eziti ukuba umntu uyazenza, uya kubudla ubomi ngazo. 12Kanjalo nesabata zam ndazinika kubo, ukuba zibe ngumqondiso pakati kwam nabo, ukuze bakwazi okokuba mna ndi nguyehova obangcwalisayo. 13Kodwa indlu ka‐Sirayeli yavukela ngakum entlango; abahamba ngezimiselo zam, nezigwebo zam bazidela, eziti ukuba umntu uyazenza, uya kubudla ubomi ngazo; nesabata zam bazinco̔lisa kakulu; ndandula ndati: Ndiya kutulula ubuṙalaṙume bam pezu kwabo entlango, ndize ndibagqibe. 14Koko ndenzayo ngenxa yegama lam, ukuba lingadyojwa emehlweni abaheyideni, endabapumisayo pambi kwamehlo abo. 15Nakanjako ndabapakamisela isandla sam entlango, ukuba andiyi kubazisa elizweni endandilinikile kubo, elela ubisi nobusi, elibubuhle bamazwe onke; 16ngenxa yokuba bebedela izigwebo zam, nezimiselo zam abahamba ngazo, nesabata zam bazinco̔lisa: ngokuba intliziyo yabo yahamba emva kwezitixwana zabo. 17Noko, iliso lam belinosizi pezu kwabo, ukuba ndingabatshabalalisi; kanjako bendingabenzeli ukugqitywa entlango. 18Ndaye ndisiti kubantwana babo entlango: Ningahambi ngezimiselo zoyihlo benu, nezigwebo zabo ningazigcini, nangezitixwana zabo ningazinco̔lisi. 19Mna Yehova ndi ngutixo wenu; hambani ngezimiselo zam, nigcine izigwebo zam, nizenze: 20nesabata zam nizenze ngcwele, zize zibe ngumqondiso pakati kwam nani, ukuba nikwazi okokuba mna Yehova ndi ngutixo wenu. 21Kodwa abantwana babo bavukela ngakum: abahamba ngezimiselo zam, nezigwebo zam abazigcina ukuba bazenze, eziti ukuba umntu uyazenza, uya kubudla ubomi ngazo; bazinco̔lisa isabata zam; ndandula ndati: Ndiya kutulula ubuṙalaṙume bam pezu kwabo, ukuze ndigqibe ingqumbo yam kubo entlango. 22Koko ndabuyisa isandla sam, ndenza ngenxa yegama lam, ukuba lingadyojwa emehlweni abaheyideni, endabapumisayo pambi kwamehlo abo. 23Kanjalo ndabapakamisela isandla sam entlango, ukuba ndobati sa pakati kwabaheyideni, nokuba ndobacita pakati kwamazwe; 24ngenxa yokuba bebengenzanga izigwebo zam, koko bebedelile izimiselo zam, nesabata zam bebezinco̔lisile, namehlo abo wona ebelandele izitixwana zoyise babo. 25Ngako nam ndabanika izimiselo ezingalungileyo, nezigwebo abangayi kubudla ubomi ngazo; 26ndabanco̔lisa ngezipo zabo, ekudluliseni emlilweni konke kuzityulwa ngako, ukuze ndibenze zé, bade bakwazi okokuba mna ndi nguyehova.
27Ngako oko teta kwindlu ka‐Sirayeli, nyana woluntu! uti kubo: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Kanjako ngoku bandigxekile oyihlo benu, ngokwenza ngobumenemene ngakum kakulu. 28Ngokuba ndabazisa elizweni, endibe ndipakamisile isandla sam, ukuba ndiya kubapa lona; baza babona zonke induli ezinde, nayo yonke imiti ebungqingqwa, babingelela kona imibingo yabo, banikela nakona ingcapukiso yomnikelo wabo, babeka nakona ivumba elimnandi labo, batulula nakona iminikelo yokusela yabo. 29Ndandula ndati kubo: Iyinina indawo epakamileyo apo niya kona? Laye igama layo libizwa ngokuti yi‐Bama kwada kwanamhla nje.
30Ngako oko yiti kwindlu ka‐Sirayeli: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Nizinco̔lisile na ngesiko loyihlo benu? Nenza umbulo na ngokulandela izinto zabo ezizondekileyo? 31Ngokuba ekunikeleni izipo zenu, ekudluliseni abantwana benu emlilweni, nizinco̔lisile ngazo zonke izitixwana zenu kwada kwanamhla: sendiya kubuzelwa nini na, ndlu ka‐Sirayeli? Ndihleli nje mna, itsho inkosi e nguyehova, andiyi kubuzelwa nini! 32Kanjalo oko okuvukileyo emoyeni wenu akuyi kuka kubeko, oko ukuba niti: Siya kuba njengabaheyideni, njengezizalwane zamazwe, ukukonza imiti namatye.
33Ndihleli nje mna, itsho inkosi e nguyehova, ngenyaniso, ngesandla esomeleleyo, nangengalo eyolulweyo, nangobuṙalaṙume obutululweyo, ndiya kupata ubukosi pezu kwenu! 34Ndandiya kunipumisa ezizweni, ndinibute emazweni enitiwe sa kuwo, ngesandla esomeleleyo, nangengalo eyolulweyo, nangobuṙalaṙume obutululweyo. 35Ndandiya kunizisa entlango yezizwe, ndipike nani kona, ubuso ngakubo ubuso. 36Njengokuba bendipika noyihlo benu entlango yelizwe le‐Jipete, ndiya kupika njalo nani, itsho inkosi e nguyehova. 37Ndandiya kunidlulisa ngapantsi kwentonga, ndiningenise kuyo imbopelelo yocebano. 38Nabangevayo ndobahlula kuni, kwa nabo bagqita ngakum: ndobapumisa elizweni lokupambukela kwabo, baye bengayi kungena emhlabeni wakwa‐Sirayeli: naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova. 39Nani, ndlu ka‐Sirayeli! itsho inkosi e nguyehova ukuti: Hambani, nikonze abanye ngabanye izitixwana zabo, nasemva kwoku kanjako, ukuba aniyi kupulapula kum; kodwa igama lam ningabuyi nilidyobe ngezipo zenu, nangezitixwana zenu. 40Ngokuba entabeni yam engcwele, entabeni ende yakwa‐Sirayeli, itsho inkosi e nguyehova, kwa kona yonke indlu ka‐Sirayeli, bonke abayo elizweni, baya kundikonza; kwa kona ndiya kubabuka, nakona ndiya kubiza iminikelo yenu, nesandulelo sezitabataba zenu, kunye nazo zonke izinto zenu ezingcwele. 41Ngevumba elimnandi lenu ndonibuka, ndakunipumisa ezizweni, ndinibute emazweni enitiwe sa kuwo; ndandiya kungcwaliswa pakati kwenu pambi kwamehlo abaheyideni. 42Naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova, ndakuningenisa emhlabeni wakwa‐Sirayeli, elizweni endapakamisa isandla sam, ukuba ndiya kunika lona koyihlo benu. 43Nakona niya kukumbula indlela zenu, nazo zonke izenzo zenu, eninco̔lisiwe ngazo; naniya kuzidela ngokwenu ngenxa yazo zonke izikohlakalo zenu enizenzileyo. 44Naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova, ndakuba ndinenzele ngenxa yegama lam, kungenjengendlela zenu ezikohlakeleyo, nanjengezenzo zenu ezonakeleyo, ndlu ka‐Sirayeli! itsho inkosi e nguyehova.
45KANJAKO ilizwi likayehova leza kum, lisiti: 46Nyana woluntu! beka ubuso bako ngasendleleni yasesuyide, uku̔pe ilizwi ngasesuyide, uprofiteshe ngasehlatini lezindle zasesuyide; 47uti kulo ihlati lasesuyide: Yiva ilizwi likayehova: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndiya kupemba umlilo kuwe, oya kudla kuwe yonke imiti eluhlaza, nayo yonke imiti eyomileyo; ilangatye elidangazelayo aliyi kucinywa, babuya kuṙaulwa ngalo bonke ubuso kwa sesuyide kude kube senode. 48Lwaye uluntu lwonke luya kubona ukuba mna Yehova ndilipembile: aliyi kucinywa. 49Ndaza ndati: Au, Nkosi Yehova! bati ngam: Akateti ngemizekeliso na yena?