1LABUYA ilizwi likayehova leza kum, lisiti:
2Niti nina, ukuba nizekelisa pezu kwelizwe lakwa‐Sirayeli ngalomzekeliso wokuti: Oyise bazityile idreyive ezimuncu, nabantwana amazinyo abo atelezisiwe? 3Ndihleli nje mna, itsho inkosi e nguyehova, anisayi kuba nisazekelisa ngalomzekeliso kwa‐Sirayeli! 4Bona ke, yonke imipefumlo yeyam: njengompefumlo woyise, kwa njalo umpefumlo wonyana ungowam; umpefumlo owonayo wona uya kufa.
5Ngako umntu nxa alungile, esenza okufanelekileyo nokulungileyo; 6ongadlanga pezu kwentaba, namehlo ake akawapakamiselanga kwizitixwana zendlu ka‐Sirayeli, nomfazi wommelwane wake akamnco̔lisanga, nenkazana esesifeni sayo akasondelanga kuyo; 7ongabandezelanga mntu, isibanjiselwa sake setyala usibuyisile, impango akayipanganga, isonka sake usinikile kolambileyo, nohamba zé umambesile ngengubo; 8ongabolekanga ngenxa yenzuzo enkulu, nokwanda okuninzi akakutabatanga, isandla sake usinqandile ebumenemeneni, ubugwebo obuyinyaniso ubenzile pakati kwomnye nomnye; 9ohambile emimisweni yam, nezigwebo zam uzigcinile, ukwenza ngenene: ulungile yena, uya kubudla ubomi ngenyaniso, itsho inkosi e nguyehova.
10Ukuba uzele unyana, olinyangaza, opalaza igazi, owenza okufana nenye kwezizinto, 11nazo zonke eziya akazenzi, koko adlile pezu kwentaba, nomfazi wommelwane wake umnco̔lisile, 12ihlwempu nosweleyo ubabandezele, impango uyipangile, isibanjiselwa akasibuyisanga, namehlo ake uwapakamisele kwizitixwana, into ebuntshontsho uyenzile, 13ubolekile ngenxa yenzuzo enkulu, nokwanda okuninzi uwutabatile; uya kudla ubomi ke na? akayi kudla ubomi: zonke ezizinto ezibuntshontsho uzenzile; uya kufa ngenyaniso; igazi lake loba pezu kwake.
14Ukuba, bona ke, uzele unyana, ozibonayo zonke izono zoyise, ezo azenzileyo; oti akubona, angenzi njengazo; 15ongadlanga pezu kwentaba, namehlo ake akawapakamiselanga kwizitixwana zendlu ka‐Sirayeli, nomfazi wommelwane wake akamnco̔lisanga; 16ongabandezelanga mntu, isibambiso akasamkelanga, impango akayipanganga, isonka sake usinikile kolambileyo, nohamba zé umambesile ngengubo; 17obuyisile isandla sake kolihlwempu, inzuzo enkulu nokwanda okuninzi akakutabatanga, izigwebo zam uzenzile, nasemimisweni yam uhambile; lowo akayi kufa ngenxa yenkohlakalo yoyise; uya kudla ubomi ngenyaniso. 18Uyise, ngokokuba wabandezela ngobukali, wapanga umzalwana wake ngobudlwengu, nokungalungileyo wakwenza pakati kwabantu bake, yena, bona ke, uya kufa ngenkohlakalo yake.
19Noko niti: Yinina? unyana akatwali ityala loyise na? Nxa unyana enzile okufanelekileyo nokulungileyo, yonke imimiso yam uyigcinile, wayenza nokuyenza, uya kudla ubomi ngenyaniso. 20Umpefumlo owonayo wona uya kufa: unyana akayi kutwala ityala loyise, kanjalo uyise akayi kutwala ityala lonyana; ukulunga kwolungileyo kwoba pezu kwake, nokukohlakala kwokohlakeleyo kwoba pezu kwake. 21Kodwa okohlakeleyo nxa aguqukayo kuzo zonke izono zake azenzileyo, ayigcine yonke imimiso yam, akwenze okufanelekileyo nokulungileyo, uya kudla ubomi ngenyaniso, akayi kufa. 22Zonke izigqito zake azenzileyo, aziyi kumkunjulelwa: ngokulunga kwake akwenzileyo uya kudla ubomi. 23Ndika nditande na ukufa kwokohlakeleyo? itsho inkosi e nguyehova; anditandi na ukuba aguquke endleleni yake, adle ubomi? 24Kodwa olungileyo akuguquka ekulungeni kwake, enze ubumenemene, esenza ngazo zonke izinto ezibuntshontsho azenzayo okohlakeleyo, woka adle ubomi na? Konke ukulunga kwake akwenzileyo akuyi kukunjulwa; ngesigqito sake agqitileyo ngaso, nangesono sake onileyo ngaso, kwa ngazo uya kufa. 25Noko niti: Indlela yenkosi ayilungelelene. Yivani ke, ndlu ka‐Sirayeli! indlela yam asi yiyo elungeleleneyo na? indlela zenu asi zizo ezingalungeleleneyo na? 26Olungileyo akuguquka ekulungeni kwake, enze ubumenemene, ade afele kona; ngobumenemene bake abenzileyo uya kufa. 27Nokohlakeleyo akuguquka ekukohlakaleni kwake akwenzileyo, enze okufanelekileyo nokulungileyo, yena uya kulondoloza umpefumlo wake ebomini. 28Ukuba uya kugqala, aguquke kuzo zonke izigqito zake azenzileyo, uya kudla ubomi ngenyaniso, akayi kufa. 29Noko, iti indlu ka‐Sirayeli: Indlela yenkosi ayilungelelene. Indlela zam asi zizo ezilungeleleneyo na, ndlu ka‐Sirayeli? indlela zenu asi zizo ezingalungeleleneyo na? 30Ngako oko ndiya kunigweba, ndlu ka‐Sirayeli! abanye ngabanye njengendlela zabo, itsho inkosi e nguyehova.
Guqukani, niziguqule kuzo zonke izigqito zenu, ize inkohlakalo ingabi sisiku̔bekiso kuni. 31Lahlani kuni zonke izigqito zenu, enigqitileyo ngazo; nize nizenzele intliziyo entsha nomoya omtsha: ngokuba kunganina ukuba niya kufa, ndlu ka‐Sirayeli? 32Ngokuba ndingakutandi ukufa kwalowo ufayo, itsho inkosi e nguyehova: ngako ziguquleni, nibudle ubomi.