ISAHLUKO I.
1KWAYE kute ngowamashumi matatu umnyaka, ngeyesine inyanga, ngowesihlanu umhla wenyanga, nxa bendipakati kwabatinjwa ngasemlanjeni we‐Kebare, avuleka amazulu, ndaza ndabona imiboniso katixo. 2Ngowesihlanu umhla wenyanga, (lowo ubungumnyaka wesihlanu wokutinjwa kwokumkani u‐Yoyakine,) 3leza ngenyaniso ilizwi likayehova ku‐Hezekile, unyana ka‐Buzi, umperisite, elizweni lama‐Kaledine, ngasemlanjeni we‐Kebare; saye sipezu kwake kona isandla sikayehova.
4Ndaza ndakangela; kekaloku nalu uquta luvela enode, ilifu elikulu, nomlilo uzibambela, nenkazimlo ilingqonga, napakati kwawo njengobubengebenge bekashemali, pakati kwomlilo. 5Napakati kwawo kwavela ukufana kwezidalwa ezipilileyo ezine; kuko oku ukubonakala kwazo: zibe zinokufana kwomntu. 6Kwaye kuko ubuso bune kwezinye ngezinye, namapiko emane kuzo zonke ngezinye. 7Nenyawo zazo zazizinyawo ezite ntse; nomzantsi wenyawo zazo wona ubunjengawo umzantsi wonyawo lwetole; zaye zibengezela njengobubengebenge bexina egudisiweyo. 8Zanezandla zomntu ngapantsi kwamapiko azo, ngasemacaleni azo omane; zazibe zinobuso bazo namapiko azo zona zone. 9Amapiko azo abebandakanyiwe elinye nelinye; bezingajiki ekuhambeni kwazo; zahamba ezinye ngezinye ngokuti ngqo. 10Nokufana kwobuso bazo, bekuko ubuso bomntu nobuso bengonyama ngecala lokunene kuzo zone; nobuso benkabi ngecala lokohlo kuzo zone; nobuso bokozi kuzo zone. 11Bebunjalo ubuso bazo, namapiko azo wona abe ahlukene ngapezulu; amabini ezinye ngezinye abebandakanyana, namabini abegubungela imizimba yazo. 12Zaye zihamba ezinye ngezinye ngokuti ngqo; apo abeza kuya kona umoya, zaya zona; bezingajiki ekuhambeni kwazo. 13Nokufana kwezidalwa ezipilileyo, ukubonakala kwazo bekunjengamalahle omlilo esitsha, njengokubonakala kwezibane; wona ubuhambahamba pakati kwezidalwa ezipilileyo; waye umlilo ubunenkazimlo, nakuwo umlilo wapuma umbane. 14Zati izidalwa ezipilileyo zabaleka zabuya njengokubonakala kwemibane.
15Nxa bendikangela izidalwa ezipilileyo ezo, nantsi ivili inye pezu kwomhlaba ngasecaleni lezidalwa ezipilileyo, inobuso bayo bobune. 16Ukubonakala kwevili nesetyenzwa lazo, bekunjengobubengebenge belitye letareshishe; kwakuko ukufana kunye kuzo zone; nokubonakala kwazo, nesetyenzwa lazo, bekunjengokungati kuko ivili pakati kwevili. 17Zaye zihamba ngamacala azo omane ekuhambeni kwazo; bezingajiki zakuhamba. 18Nezazinge zazo, zibe zide, zibe zinokwoyikeka kanjalo; ezozazinge zazo zibe zizele ngamehlo ngokungqonga kuzo zone. 19Nasekuhambeni kwezidalwa ezipilileyo, zahamba ivili ezo ngasecaleni lazo; naxeshekweni izidalwa ezipilileyo bezifunqulwa emhlabeni, ivili zafunqulwa nazo. 20Apo abeza kuya kona umoya, zaya zona, kwa lapo abeza kuya kona umoya; zaye ivili zifunqulwa kunye nazo; ngokuba umoya wezidalwa ezipilileyo ubukuzo ivili. 21Zakuhamba ezo, zahamba zona; zakuma ezo, zema zona; naxeshekweni ezo bezifunqulwa emhlabeni, ivili zafunqulwa kunye nazo; ngokuba umoya wezidalwa ezipilileyo ubukuzo ivili.
22Napezu kwentloko zezidalwa ezipilileyo bekuko ukufana kwesibakabaka, njengobubengebenge bekrisitale eyoyikekileyo, solukile pezu kwentloko zazo pezulu. 23Nangapantsi kwesibakabaka eso amapiko azo ebepakamile, elinye ngakulo elinye: ezinye ngezinye bezinamabini egubungela imizimba yazo ngelicala, nezinye ngezinye bezinamabini eyigubungela ngeliya icala. 24Ndeva intlokoma yamapiko azo, njengentlokoma yamanzi amaninzi, njengelizwi lonamandla onke, ekuhambeni kwazo; intlokoma yesipitipiti, njengentlokoma yomkosi: ekumeni kwazo, zahlisa pantsi amapiko azo. 25Kwaye kuvela ilizwi kwa pezulu kwesibakabaka, esibe sipezu kwentloko zazo, nxa zemayo zahlisa pantsi amapiko azo.
26Napezulu kwesibakabaka, esibe sipezu kwentloko zazo, njengokubonakala kwelitye lesafire, bekuko ukufana kweterone; napezu kwokufana kweterone, bekuko ukufana njengokubonakala kwomntu pezu kwayo ngapezulu. 27Ndaza ndabona njengobubengebenge bekashemali, njengokubonakala kwomlilo pakati kwako ngokungqonga; kwa kuko ukubonakala kwesinqe sake napezulu, nakuko ukubonakala kwesinqe sake nasezantsi, ndabona njengokungati kukubonakala kwomlilo, obunenkazimlo ngokungqonga. 28Njengokubonakala kwomnyama oselifini ngomhla wemvula, bekunjalo ukubonakala kwenkazimlo engqongayo.
Kuko oku ukubonakala kwako ukufana kwobungcwalisa bukayehova. Ndati ndakubona, ndawa ngobuso bam; ndaza ndeva ilizwi lobeteta.