1Nangezuluṙa, nesimnyama, nesibomvu, bazenza izivato zobukonzo, zokuba kukonzwe kweyingcwele indawo; bazenza nezivato ezingcwele ezibe zezika‐Arone, njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi.
2Iyefodi wayenza ngegolide, ngezuluṙa, nesimnyama, nesibomvu, nepotiweyo iqiya eshiceneyo. 3Baye bekandela amaceba egolide, bancwela intsinga, kuze kusetyenzwe ngazo pakati kwezuluṙa, napakati kwesimnyama, napakati kwesibomvu, napakati kwayo epotiweyo iqiya eshiceneyo, ngesetyenzwa lencibi yokuluka. 4Bayenzela neziziba zamagxalaba ezibandakanyiweyo; kwa sezincameni zayo ezimbini yabandakanyiswa. 5Nombinqo ocikiziweyo weyefodi yake, opezu kwayo, wayinto yakuyo, njengesetyenzwa layo; ngegolide, ngezuluṙa, nesimnyama, nesibomvu, nepotiweyo iqiya eschiceneyo; njengokuba uyehova ebemyalale u‐Mosesi.
6Balungisa namatye eshohame evingcelwe ezingingqini zegolide, eqingqelwe njengeziqingqwa zaso isincamatiselo, enamagama onyana baka‐Sirayeli. 7Wayebeka wona pezu kwezamagxalaba iziziba zeyefodi, abe ngamatye okukumbuza elusatsheni luka‐Sirayeli; njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi.
8Wayenza nembeka ngesetyenzwa lencibi yokuluka, njengesetyenzwa layo iyefodi; ngegolide, ngezuluṙa, nesimnyama, nesibomvu, nepotiweyo iqiya eshicenyo. 9Ibinamacala mane; ipindiwe bayenza imbeka: yaisisoluko sesandla ubude bayo, nesoluko sesandla ububanzi bayo, ipindiwe. 10Baye befaka kuyo inṙozo zane zamatye; olunye uṙozo lwaluyirubi, netpoasze, nekabunukele: lwaluṙozo lwokuqala olu. 11Lwaye uṙozo lwesibini luyisamagide, nesafire, neyahalome. 12Lwaye uṙozo lwesitatu luyiyasinte, neyagate, neyametisite. 13Lwaye uṙozo lwesine luyikrusolite, nesadonutse, nejasipidi: avingcelwa izigingqini zegolide ezimfakweni zawo. 14Amatye la ebenjengamagama onyana baka‐Sirayeli, elishumi linamabini, njengawo amagama abo, njengeziqingqwa zaso isincamatiselo, elinye ngelinye linegama lalo, ngenxa yezizwe ezilishumi linesibini. 15Benza kanjalo pezu kwembeka imixokolelwane ejijanisiweyo, isetyenzwa elitsontelweyo, ngegolide ecocekileyo. 16Bazenza nezigingqi zazibini ngegolide, nemisesane yegolide yamibini; baza babeka imisesane leyo yomibini pezu kwazo incam ezimbini zembeka. 17Baye befaka lomibini imixokolelwane etsontelweyo yegolide kuyo imisesane mibini esezincameni zembeka. 18Kodwa ezinye incam ezimbini zemixokolelwane mibini etsontelweyo bazikonxa kuzo izigingqi zibini, bazibeka pezu kweziziba zamagxalaba zeyefodi, empambili, wayo. 19Babuya bayenza imisesane mibini yegolide, bayimisa ezincameni ezimbini zembeka, empetweni wayo osecaleni leyefodi ngapakati. 20Bayenza neminye imisesane mibini yegolide, wayibeka pezu kweziziba zamagxalaba zozibini zeyefodi ngasezantsi, ngasempambili wayo, malungana nokubandakanywa kwayo, ngapezulu kwombinqo ocikiziweyo weyefodi. 21Baye benxibelela imbeka ngemisesane yayo kwa kuyo imisesane yeyefodi ngosinga lwezuluṙa, ukuba ibe pezulu kwawo umbinqo ocikiziweyo weyefodi, nokuba imbeka ingashenxeki kuyo iyefodi; njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi.
22Kanjako wayenza ingubo yaseyefodini ngesetyenzwa lomluki, ipela ngezuluṙa. 23Kwakuko intunja pakati kwayo ingubo, njengentunja yesigcinisifuba; ibinompeto lentunja ngento engqongayo, ize ingaṙazuki. 24Bazenza pezu kwemiqukumbelo yengubo igranate zezuluṙa, nesimnyama, nesibomvu, neqiya epotiweyo. 25Bazenza nezikencezelo zegolide ecocekileyo, babeka izikencezelo ezo pakati kwazo ingranate pezu kwemiqukumbelo yengubo, kwa ngento engqongayo pakati kwegranate; 26kuze kwabako isikencezelo negranate, isikencezelo negranate, pezu kwemiqukumbelo yengubo ngento engqongayo; ukuba kukonzwe, njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi.
27Baye besenza ihempe ngeqiya eshiceneyo, ngensetyenzwa lomluki, zibe zezika‐Arone nezonyana bake; 28nonkontsho ngeqiya eshiceneyo, neminqwazi emihle ngeqiya eshiceneyo, nebrukwe zeqiya ngepotiweyo eqiya eshiceneyo; 29noqwemesha ngepotiweyo iqiya eshiceneyo, nezuluṙa, nesimnyama, nesibomvu, ngesetyenzwa lomtungi wamabala ngamabala; njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi.
30Bayenza nembasa yekrone engcwele ngegolide ecocekileyo, baba̔la pezu kwayo isiba̔lo, njengeziqingqwa zesincamatiselo, sokuti: ubungcwele kuyehova! 31Baye bebopa kuyo usinga lwezuluṙa, ize ibekwe pezulu pezu kwalo unkontsho; njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi. 32Kwada kwagqitywa wonke umsebenzi wayo itabanakele yentente yentlangano: lwaye usapo luka‐Sirayeli lube lwenzile njengako konke uyehova abemyalele u‐Mosesi ngako, lwenje njalo ke.
33Baza bazisa itabanakele ku‐Mosesi, intente, nazo zonke impahla zayo, amakonxo ayo, ipanke zayo, imivalo yayo, nentsika zayo, neziseko zayo; 34nesigubungelo sezintsu zenkunzi zegusha zenziwe bomvu, nesigubungelo sezintsu zamacelesi, nekuselo lelengalenga; 35ityeya yesinqi̔no, nezibonda wayo, nesihlalo sofefe; 36itafila, nazo zonke impahla zayo, nezokna zokubonakala; 37ikandelare ecocekileyo, nezibane zayo, izibane zokucwangciswa, nazo zonke impahla zayo, neoli yesikanyiso; 38nesibingelo segolide, neoli yokutambisa, nesiqumiso esimnandi, nelengalenga locango lwetabanakele; 39isibingelo sexina, neziko lexina esibe sinalo, izibonda zaso, nazo zonke impahla zaso; isihlambelo, nesikondo saso; 40amalengalenga ebala, intsika zalo, neziseko zalo; nelengalenga lesango lebala, intambo zalo, nezikonkwane zalo, nazo zonke impahla zenkonzo yetabanakele, ezintente yentlangano; 41izivato zobukonzo, zokuba kukonzwe kweyingcwele indawo; izivato ezingcwele zika‐Arone umperisite, nezivato zonyana bake, zokuba bakonze ngobuperisite. 42Njengako konke uyehova abemyalele u‐Mosesi ngako, lwenza kwa ngokunjalo usapo luke‐Sirayeli wonke umsebenzi. 43Waza u‐Mosesi wawukangela wonke umsebenzi, kekaloku bona ke, beluwenzile njengokuba uyehova ebeyalele; kwa ngokunjalo ke beluwenzile: wandula u‐Mosesi walutamsanqelisa.