Umshumayeli 11
1POSA isonka sako pezu kwobuso bamanzi; ngokuba uya kusifumana emveni kwemihla emininzi: 2nika isabelwa kwabasixe̔nxe, ewe, nakwabasibozo; ngokuba ungazi lilipina ilishwa eliya kubako emhlabeni.
3Nxa amafu azele yimvula, ayayitulula pezu kwomhlaba; naxeshekweni umti uwayo ngasesuyide, umhlaumbi ngasenode, endaweni apo uwileyo umti lowo, uya kubako kona. 4Olindayo umoya, akayi kuhlwayela; nokangelayo amafu, akayi kuvuna. 5Njengokuba ungazi ukuba iyinina indlela yomoya, njengokuba ungazi amatambo asesizalweni somitiyo, kwa njalo akuwazi umsebenzi katixo okwenzayo konke. 6Ngako kusasa hlwayela imbewu yako, nangokuhlwa ungapumzi isandla sako; ngokuba ungazi ukuba yiyipina eya kuhluma, ukuba yilé, ukuba yileyo, kusinina; nokuba ziya kufana ukulunga zombini na.
7Kwa njalo ukukanya kwoba mnandi; ewe, kwoba yinto elungileyo emehlweni ukubona ilanga. 8Kodwa nokuba umntu uya kuhlala iminyaka ibe mininzi, avuye kuyo yona yonke, makakumbule noko imihla yobumnyama, ukuba iya kuba mininzi; konke okuzayo kokungendawo.
9Vuya, ndodana! ebutsheni bako, iti ke intliziyo yako ikucwayitise emihleni yobudodana bako, uhambe ngendlela zentliziyo yako, nangombono wamehlo ako: yazi ke kodwa, ukuba, ngenxa yezizinto zonke, utixo wokuzisa ekugwebeni. 10Ngako shenxisa nsizi entliziyweni yako, nobubi bukwelelise enyameni yako: ngokuba ubutsha nobudodana kokungendawo.
Bible Society of South Africa 1902