1PULAPULA, Sirayeli! uya kuwela namhla i‐Yoredane, ukuba uye ufuye okwentlanga ezizezikulu nezinamandla pezu kwako; izixeko ezikulu ezinqatyiselweyo ngasezulwini; 2abantu abakulu, abade, usapo lwama‐Hanaki, olo ulwaziyo, novileyo ngalo ukuti: Ngubanina ongemayo ebusweni bosapo luka‐Hanaki? 3Yazi ke namhla, ukuba uyehova, utixo wako, unguye oya kuwela pambi kwako, ongumlilo odlayo; nguye oya kubatshabalalisa, nguye oya kubatobisa ebusweni bako; wauya kubagqogqa, ubabubise kamsinya, njengokuba etetile uyehova kuwe.
4Ungatsho entliziyweni yako, nxa uyehova, utixo wako, abasantsulisile pambi kwako, usiti: Kungokulunga kwam andingenisile uyehova ukuza kulifuya elilizwe: ngokuba kungokukohlakala kwezintlanga uyehova azigqogqayo pambi kwako. 5Akungokulunga kwako, nangolungelelwano lwentliziyo yako, uyayo ukulifuya ilizwe lazo: koko kungokukohlakala kwezintlanga uyehova, utixo wako, azigqogqayo pambi kwako, nangokuba eya kuliqinisa ilizwi, owabefunga ngalo uyehova koyihlo bako, ku‐Abrahame, ku‐Yisake, naku‐Yakobi. 6Yazi ngoko, ukuba akungokulunga kwako uyehova, utixo wako, akupayo elilizwe lilungileyo ukulifuya: ngokuba ungabantu abantamo ilukuni.
7Kumbula, ungalibali, okokuba ubuqumbisa uyehova, utixo wako, entlango: kwa kulowamhla nibe nipuma ngawo ezweni le‐Jipete, nide nafika kulendawo, nivukelene noyehova.
8Nase‐Horebe nibe niqumbisa uyehova, wada wati uyehova waniqumbela ukunitshabalalisa. 9Xeshekweni ndibe ndinyukele entabeni apo, ukuya kuwamkela amacwecwe amatye, amacwecwe ocebano owabelwenzile nani uyehova, ndandula ndahlala entabeni imini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane, isonka ndingasityanga, namanzi ndingawaselanga: 10waye uyehova wanika kum amacwecwe amatye amabini, eba̔lelwe ngomnwe katixo; napezu kwawo kwaba̔lwa njengawo onke amazwi, abewatetile uyehova kuni entabeni epakati kwomlilo, ngomhla wentlanganisano. 11Kwaza kwati, ekupeleni kwemini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane, uyehova wanika kum lawo amacwecwe amatye amabini, amacwecwe ocebano. 12Wayesiti uyehova kum: Suka, nxama uhle apa; ngokuba abantu bako, abo ubakupileyo e‐Jipete, sebezonakalisile; bapambukile kamsinya endleleni endibe ndibayalela ngayo; bazenzele umfanekiso otyityishiweyo. 13Walekela wateta uyehova kum, esiti: Ndibabonile abantu aba; kekaloku, bona ke, bangabantu abantamo ilukuni: 14ndiyeke, ukuba ndibatshabalalise, ndicime igama labo pantsi kwezulu; ndandiya kukwenza wena ube luhlanga olunamandla nolukulu pezu kwabo.
15Ndada ndajika, ndehla entabeni; yati intaba yatsha ngomlilo: aye lomacwecwe amabini ocebano ebesezandleni zam zozibini. 16Ndaza ndakangela, kekaloku bona ke, nibe nonile ngakuye uyehova, utixo wenu; nibe nizenzele itole elityityishiweyo; nibe nipambukile kamsinya endleleni abeniyalele ngayo uyehova. 17Ndaza ndabamba amacwecwe lawo omabini, ndawalahla ezandleni zam zozibini, ndawaqekeza emehlweni enu. 18Ndandul’ ukuziwisa pambi kwoyehova, njengasekuqaleni, imini zamashumi mane nobusuku bakwa mashumi mane; isonka bendingasidli, namanzi bendingawaseli; ngenxa yazo zonke izono zenu enibe nonile ngazo, ngokwenza okubi emehlweni kayehova ukumqumbisa. 19Ngokuba bendisoyikela ingqumbo nomsindo abequmbile ngawo uyehova pezu kwenu ukunitshabalalisa. Kodwa uyehova wabepulapula kum nangeloxesha. 20Kanjako u‐Arone uyehova wabemqumbela kunene ukumtshabalalisa; koko ndabenditandazela no‐Arone ngexesha elo. 21Nesono senu, itole enibe nilenzile, lona ndalitabata, ndalitshisa ngomlilo, ndalinqusha, ndikolisa ukulisila, lada lacoleka njengotuli; ndaza ndaluposa utuli lwalo emlanjaneni owehlayo entabeni.
22(Kwa nase‐Tabera, nase‐Masa, nase‐Kibrote‐hatava, nibe nimqumbisa uyehova. 23Kanjako nxa uyehova wanisusayo e‐Kadeshe‐baneha, esiti: Nyukani niye nilifuye elozwe nilipiwe ndim; nandula navukela umteto kayehova, utixo wenu, ningakolwanga nguye, ningapulapulanga nelizwi lake. 24Nivukelene noyehova kuselokwalomhla bendinazi ngawo.)
25Kwa njalo ndaziwisa pantsi ebusweni bukayehova, ezomini zimashumi mane nobusuku bukwa mashumi mane, njengoko bendiziwisile pantsi ekuqaleni; ngokuba ebete uyehova uya kunitshabalalisa. 26Ndaza ndatandaza kuyehova, ndati: Nkosi, Yehova! zungabubisi abantu bako nelifa lako, obakululeyo ngobukulu bako, obapumisileyo e‐Jipete ngesandla esomeleleyo. 27Kumbulela izicaka zako, u‐Abrahame, u‐Yisake, no‐Yakobi; zungabeki kubo ubulukuni babantu aba, nakuyo inkohlakalo yabo, nakuso isono sabo; 28hleze liti elozwe ubusipumisa kulo: Ngenxa yokuba ebekohliwe uyehova ukubangenisa elizweni, owabetetile ngalo kubo, nokuba wabatiya, kukona abapumisileyo ukuba abafise entlango. 29Noko bangabantu bako nelifa lako, owabubapumisa ngamandla ako amakulu nangengalo yako eyolulweyo.