1KEKALOKU eli litamsanqeliso, owati u‐Mosesi, indoda katixo, watamsanqelisa usapo luka‐Sirayeli ngalo, engekabubi. 2Wayesiti:
Uyehova wavela e‐Sinai, wapuma e‐Sehire pezu kwabo; wakazimla entabeni ye‐Parane, weza namawakawaka abangcwele; kwesokunene sake umlilo wabungumteto kubo. 3Okunene wabetanda abantu! bonke abangcwele bake basesandleni sako; babehleli pantsi ezinyaweni zako, bamkela amazwi ako.
4U‐Mosesi wasiyalela umteto, ilifa lomhlambi ka‐Yakobi. 5Waba ngukumkani kwa‐Yeshurune, kwakuhlanganiswa intloko zabantu kunye nezizwe zo‐Sirayeli.
6Makapile u‐Rubene, angafi; ati amadoda ake angabi ngumbalwa.
7Oku ke kokuka‐Juda. Wayesiti: Yiva, Yehova! ilizwi lika‐Juda, umzise ebantwini bake: izandla zake mazimanele, ube ngumncedi ngakuzo intshaba zake.
8Nango‐Levi wati: i‐Tumime yako ne‐Urime yako mazibe noyingcwele yako, owabumlinga e‐Masa, owabupika naye ngasemanzini e‐Meriba: 9owabesiti ngoyise nangonina: Andimbonanga; nabazalwana bake akabavuma, nabantwana bake akabazi: ngokuba bewagcinile amazwi ako, nocebano lwako balubamba. 10Baya kufundisa u‐Yakobi izigwebo zako, no‐Sirayeli umteto wako: baya kubeka isiqumiso pambi kwako, nedini elitshiswayo lipela pezu kwesibingelo sako. 11Tamsanqela, Yehova! indyebo yake, nomsebenzi wezandla zake uwubuke; tyumza izinqe zabamsukelayo, nezabamtiyayo, bangabuyi besuke.
12Ngo‐Benjamine wati: Umtandwa kayehova uya kuhlala ngokunqaba ngakuye; uya kumkusela imini yonke, napakati kwamagxalaba ake uya kuhlala.
13Nango‐Josefe wati: Malitanyusanqelwe nguyehova ilizwe lake; ngezinto ezinqabileyo zezulu, ngombete, nangenzulu elele ngapantsi; 14nangezinto ezinqabileyo zokuvelisa kwelanga, nangezinto ezinqabileyo zokuhlumisa kwenyanga ngenyanga; 15nangezinto ezinkulu zentaba zakudala, nangezinto ezinqabileyo zenduli ezingunapakade; 16nangezinto ezinqabileyo zomhlaba nokuzala kwawo, nangembuko yalowo ubehlala etyolweni: elitamsanqa malize pezu kwentloko ka‐Josefe, napezu kwokakai lwalowo ube wahlukene nabazalwana bake. 17Ubungcwalisa bake bunjengezibulo lenkomo yake, nempondo zake zinjengempondo zenyati; kwa ngazo uya kunquba abantu kunye ezipelweni zelizwe: ezi zingamawakawaka akwa‐Frayime, ezi zingamawaka akwa‐Manase.
18Nango‐Zebulone wati: Vuya, Zebulone! ekupumeni kwako; no‐Yisakare! ezintenteni zako. 19Baya kubiza abantu beze entabeni; apo baya kubinga imibingo yobulungisa: ngokuba beya kwanya ubuninzi belwandle, nendyebo eziselelweyo entlabatini.
20Nango‐Gadi wati: Makabongwe lowo owenzela u‐Gadi indawo! uhleli njengengonyama, uyaṙazula umkono, kwa nokakai. 21Wazikangelela okwokuqala; ngokuba kona, esabelweni somnikamteto, ebehlaliswa ngokunqaba; wayesiza nentloko zabantu, wenza ubulungisa bukayehova, nemigwebo yake, kunye no‐Sirayeli.
22Nango‐Dane wati: u‐Dane ulitole lengonyama, elitsibayo e‐Bashane.
23Nango‐Nefatali wati: Nefatali, okolisiwe yimbuko, ozele litamsanqa likayehova! fuya ulwandle nesuyide.
24Nango‐Ashere wati: Makatanyusanqelwe u‐Ashere ngabantwana; makabe ekoleka kubazalwana bake, antywilise unyawo lwake eolini. 25Imivalo yako yoba sisincete nexina; nanjengemihla yako oba njalo amandla ako.
26Akuko onjengaye utixo wo‐Yeshurune, okwelayo ezulwini ngokuncedwa kwako, nasesibakabakeni ngesitomo sake.
27Utixo ongunapakade ulipepelo lako; ingalo ezingunapakade zingapantsi: waeya kugxota utshaba pambi kwako, ati: Tshabalalisa! 28Uya kwandula u‐Sirayeli ahlale yedwa ngokunqaba; umtombo ka‐Yakobi woba pezu kwomhlaba wenqolowa neveyine; ewe, izulu lake liya kutontsela umbete. 29Hai inyweba yako, Sirayeli! ngubanina onjengawe? ungabantu abasindisiweyo nguyehova, ikaka loncedo lwako, noliṙele lesitomo sako! ngako intshaba zako ziya kuzenzisa kuwe, nendawo ezipakamileyo zazo wozinyatela wena.