1XESHEKWENI indoda iya kuzeka umfazi, itshate naye; kuya kuti, ukuba akafumani ufefe emehlweni ayo, ngenxa yokuba ifumene kuye into ehlazekileyo, iya kwandula imba̔lele incwadi yokumlahla, iyinike esandleni sake, imndulule endlwini yayo. 2Kekaloku akuba epumile endlwini yayo, angaya abe ngumfazi kwenye indoda. 3Ukuba iyamtiya lendoda yasemva, imba̔lele incwadi yokumlahla nayo, iyinike esandleni sake, imndulule endlwini yayo; umhlaumbi nxa ifileyo lendoda yasemva, eyamzeka abe ngumfazi wayo; 4indoda yake yokuqala, eyamndululayo, ayingebuye imzeke abe ngumfazi wayo, emveni kwokuba unco̔lisiwe; ngokuba kuyintshontsho oko ebusweni bukayehova: kwa njalo akuyi kulenza ilizwe lone, elo ulipiwayo nguyehova, utixo wako, libe lilifa.
5Xeshekweni indoda izekile umfazi omtsha, ayiyi kupuma nawo umkosi, kanjalo akuyi kubekwa pezu kwayo namnye umsebenzi; yoba ikululekile ekaya layo umnyaka ube mnye, imvuyise umfazi wayo imzekileyo.
6Akuyi kwenziwa umbambiso ngelapantsi nangelapezulu ilitye lokusila: ngokuba kusenziwa umbambiso ngento kupilwa ngayo.
7Xeshekweni kufunyanwa umntu esiba̔ omnye kubazalwana bake, kulo usapo luka‐Sirayeli, andule amkonzise, atengise ngaye; isela elo liya kufa; wauya kukwelelisa inkohlakalo pakati kwenu.
8Zilumkele esibulaweni sesilepero, ukuba ulumke kunene wenze ngako konke baya kunifundisa kona abaperisite abangaba‐Levi; njengokuba ndiyalele bona, niya kulumkela ukwenje njalo. 9Kumbula oko wabekwenza uyehova, utixo wako, ku‐Miriyame endleleni, emveni kwokupuma kwenu e‐Jipete.
10Xeshekweni uya kuboleka ummelwane wako into, akuyi kungena endlwini yake ukuba utabate umbambiso wake: 11uya kuma ngapandle, ati umntu owaumbolekile, apume nawo umbambiso eze kuwe ngapandle. 12Kodwa ukuba ulihlwempu umntu lowo, akuyi kulala unombambiso wake: 13wobuyisela kuye ngenyaniso lombambiso lakutshona ilanga, ukuba alale ngeyake ingubo, akutamsanqele; kuze kube bubulungisa kuwe pambi kwoyehova, utixo wako.
14Akuyi kubandezela umqeshwa olihlwempu nosweleyo, nokuba ungowabazalwana bako, nokuba ungowabasemzini bako abaselizweni lako pakati kwamasango ako: 15ngemini yake uya kunika umvuzo wake, kanjalo ilanga aliyi kutshona pezu kwawo; ngokuba elihlwempu yena, nompefumlo wake uwubekisele kuwo; ukuze angakali pezu kwako kuyehova, kwandule kubeko kuwe isono.
16Oyise abayi kufiswa ngenxa yabantwana, kanjalo abantwana abayi kufiswa ngenxa yoyise: umntu wofiselwa esake isono.
17Akuyi kutyekisa ibango lowasemzini nelenkedama; akuyi kutabata isivato somhlolokazi sibe ngumbambiso kanjako: 18kodwa uya kukumbula ukuba ubusisicaka e‐Jipete, nokuba uyehova, utixo wako, wakukulula kwa kona: ngako oko ndiyakuyalela ukuba uyenze lento.
19Xeshekweni uvunayo isivuno sako entsimini yako, ukuba ulibele isitungu entsimini, akuyi kubuya ukuya kusitabata: soba sesowasemzini, nesenkedama, nesomhlolokazi; ukuze uyehova, utixo wako, akutamsanqele kuwo wonke umsebenzi wezandla zako. 20Xeshekweni uvutulula umnquma wako, akuyi kufuna kanjako emagatyeni emva kwako: kwoba kokwowasemzini, nokwenkedama, nokwomhlolokazi. 21Xeshekweni ukayo idreyive zesitiya sako, akuyi kubikica emva kwako: kwoba kokwowasemzini, nokwenkedama, nokwomhlolokazi. 22Wauya kukumbula ukuba ubusisicaka elizweni le‐Jipete: ngako oko ndiyakuyalela ukuba uyenze lento.