1OLINYAZIWE ngokutenwa, umhlaumbi onqanyulweyo isidoda, akayi kungena emhlambini kayehova. 2Ongumntwana wesisu akayi kungena emhlambini kayehova; kwa eseshumi isizukulwana sake asiyi kungena emhlambini kayehova. 3Um‐Hamoni, umhlaumbi um‐Mowabi, akayi kungena emhlambini kayehova; kwa eseshumi isizukulwana sabo asiyi kungena emhlambini kayehova kude kube ngunapakade: 4ngendawo yokuba bebengezi nesonka namanzi ukunikaulela endleleni, nakupuma e‐Jipete; nokuba bebemqesha ngakuni u‐Bilame, unyana ka‐Behori, owase‐Petore e‐Mesopotami, aze akuqalekise. 5Noko ebengavumi uyehova, utixo wako, ukupulapula ku‐Bilame; kodwa uyehova, utixo wako, wakuguqulela isiqalekiso sibe litamsanqa, ngenxa yokuba uyehova, utixo wako, ebekutanda. 6Akuyi kufuna uxolo lwabo nokulunga kwabo yonke imihla yako kude kube ngunapakade. 7Akuyi kumzonda um‐Edome; ngokuba engumzalwana wako yena: akuyi kumzonda um‐Jipete; ngokuba ubungowasemzini elizweni lake. 8Abantwana abazelweyo ngabo, abesesitatu isizukulwana baya kungena emhlambini kayehova.
9Xeshekweni kupuma umkosi ngakuzo intshaba zako, zibambe ke kuzo zonke izinto ezikohlakeleyo. 10Xeshekweni kuko pakati kwenu indoda, engacocekileyo ngenxa yokuyihlileyo ebusuku, yona iya kupuma iye ngapandle kwomnquba, ayiyi kungena pakati kwomnquba: 11koko kuya kuti, xa kuza kuhlwa, iya kuhlamba emanzini; naxeshekweni kutshonile ilanga, iya kungena pakati kwomnquba. 12Kanjako uya kuba nendawo ngapandle kwomnquba, apo uya kupumela kona endle: 13wauya kuba nolugxa, ngapezu kwempahla yako; kwakuya kuti, wakuhlala pantsi endle, uya kupanda ngalo, uze ujike, uselele okupumayo kuwe: 14ngokuba uyehova, utixo wako, ehamba pakati kwomnquba wako, ukuba akusindise, nokuba azinike intshaba zako ebusweni bako; ngako umnquba wako woba ngcwele, aze angaboni pakati kwako into ehlazekileyo, andul’ ukubuya kuwe.
15Akuyi kunikela isicaka kwinkosi yaso, esisindileyo enkosini yaso ukuza kuwe: 16sohlala kuwe, pakati kwenu, kulondawo siya kuyinyula kwelinye lamasango ako, apo kusilungeleyo kona: akuyi kusibandezela.
17Akuyi kubako ingnawokazi pakati kwentombi zakwa‐Sirayeli; kanjalo akuyi kubako ingnawo pakati kwonyana bakwa‐Sirayeli. 18Akuyi kungenisa umvuzo wengnawokazi nexabiso lenja endlwini kayehova, utixo wako, ngenxa yaso nasinye isibambiso: ngokuba ziyintshontsho kuyehova, utixo wako, kwa zombini.
19Akuyi kuboleka umzalwana wako ngenxa yayo inzuzo; inzuzo yemali, inzuzo yokutya, inzuzo yenye into kubolekwa ngayo ngenxa yenzuzo: 20owasemzini ungamboleka ngenxa yenzuzo, kodwa umzalwana wako akuyi kumboleka ngenxa yenzuzo; ukuze uyehova, utixo wako, akutamsanqele kuko konke usolulela kona isandla sako, elizweni apo uya kona ukulifuya.
21Xeshekweni uya kubambisa ngesibambiso kuyehova, utixo wako, akuyi kulibala ukusihlaula: ngokuba uyehova, utixo wako, eya kusibiza kuwe ngenyaniso, kwandule kubeko kuwe isono. 22Kanti nxa uyekayo ukubambisa, akuyi kubako kuwe isono. 23Oko kupumayo emlonyeni wako, uya kubamba kona ukwenze; njengokuya ubambisile kuyehova, utixo wako, ngomnikelo wesisa, owutetileyo ngomlomo wako.
24Xeshekweni uzayo esitiyeni sommelwane wako, ungazidla idreyive ngokwomxe̔lo wako, ude uhlute; kodwa akuyi kubeka esityeni sako. 25Xeshekweni uzayo enqoloweni yommelwane wako, ungazika izikwebu ngesandla sako; kodwa musa kushukumisa iṙenqa ngakuyo inqolowa yommelwane wako.