1ABAPERISITE abangaba‐Levi, naso sonke isizwe sika‐Levi, abayi kuba nasabelwa nalifa kunye no‐Sirayeli: iminikelo eyenziwa ngomlilo kayehova baya kuyidla, nelifa lake. 2Ngako abayi kuba nalifa pakati kwabazalwana babo: nguyehova olilifa labo, njengokuba etetile kubo.
3Eli loba libango labaperisite livela ebantwini, kubo ababingayo umbingo, nokuba yinkabi, nokuba yigusha: mabanike umperisite umkono, nezidlele zozibini, necabanga. 4Isiqalo senqolowa yako, eseveyine yako, neseoli yako, nesiqalo soboya obucetyiweyo begusha zako, uya kusinika kuye. 5Ngokuba yena uyehova, utixo wako, emnyulile kuzo zonke izizwe zako, ukuba eme ukukonza egameni likayehova, yena nonyana bake, imihla yonke.
6Kanjalo xeshekweni kuvela um‐Levi kwelinye lamasango ako, kuyo yonke i‐Sirayeli, apo wabehlala kona, eze ngayo yonke inkanuko yompefumlo wake, kulondawo aya kuyinyula uyehova; 7andule akonze egameni likayehova, utixo wake, njengabo bonke abazalwana bake aba‐Levi, abemiyo kona ebusweni bukayehova: 8ziya kufana izabelwa baya kuzidla, ngapandle kwokutengisa kwake ngokuvela koyise.
9Xeshekweni ufikileyo kwelozwe ulipiwayo nguyehova, utixo wako, akuyi kufunda ukwenza ngezinto ezibuntshontsho zezontlanga. 10Akuyi kufunyanwa pakati kwenu odlulisayo unyana wake, umhlaumbi intombi yake, emlilweni, noyincibi yokulaula, nowenza ngobugqi, notakatayo, nosisanuse, 11nowenza ngokunyanga, nocebisana nomshologu, nolitola, nobuzayo kubafileyo. 12Ngokuba beyintshontsho kuyehova bonke abakwenje njalo: kungenxa yezizinto ezibuntshontsho uyehova, utixo wako, abagqogqayo pambi kwenu. 13Wofezeka ukulunga ngakuye uyehova, utixo wako. 14Ngokuba ezintlanga, oya kufuya okwazo, zipulapula kwabenzi bobugqi nakubalauli: kodwa wena, uyehova, utixo wako, akakuvumelanga okunjalo.
15Uyehova, utixo wako, wokuvusela umprofite evela pakati kwako, kubazalwana bako, njengam: kwa kuye niya kupulapula. 16Njengako konke wakucelayo kuyehova, utixo wako, e‐Horebe, ngomhla wentlanganisano, usiti: Mandingapindi ukuva ilizwi likayehova, utixo wam; nalomlilo omkulu mandingabuyi ndiwubone, ukuba ndingafi. 17Waza uyehova wati kum: Balungisile ngoko bakutetileyo. 18Ndobavusela unprofite evela pakati kwabazalwana babo, njengawe; namazwi am ndowabeka emlonyeni wake; waeya kuteta kubo konke endiya kumyalela ngako. 19Kwakuya kuti, lowamntu ongayi kupulapula amazwi am, aya kuteta wona egameni lam, ndiya kumbuza mna.
20Kodwa lomprofite owenza nger̔atshi ukuteta ilizwi egameni lam, endingamyalelanga ukuliteta, nalowo oya kuteta egameni lotixo bambi, kwa umprofite lowo uya kufa. 21Naxeshekweni uya kuti entliziyweni yako: Soti nina ukulazi ilizwi angalitetanga uyehova? 22Okuya aya kuteta lomprofite egameni likayehova, landule lingabiko ilizwi, lingezi nokuza, lelo ilizwi uyehova angalitetanga; wateta lona nger̔atshi umprofite lowo: aniyi kwoyika ngenxa yake.