1NINA nilusapo lukayehova, utixo wenu: aniyi kuziqapula, aniyi kwenza ubunqai pakati kwamehlo enu kanjako, ngenxa yofileyo. 2Ngokuba ningabantu abangcwele nina kuyehova, utixo wenu; kanjalo nina uniqashile uyehova, utixo wenu, ukuba nibe ngabantu abanqabileyo kuye, ngapezu kwabo bonke abantu abasebusweni bomhlaba.
3Akuyi kutya nanye into eyintshontsho. 4Zizo ezi izilo eniya kuzidla: inkomo, igusha, nebokwe; 5ixama, nebadi, neliza, nentlangu, newula, nembabala, nempunzi. 6Nazo zonke izilo ezilwahlula upupu, ezicanda upupu ezahlulweni zibini, ezihlafuna umtyiso, pakati kwezilo, ezona niya kuzidla. 7Ezi noko aniyi kuzidla kwezo zityisayo, nakwezo zilwahlulayo upupu olucandekileyo: inkamela, nomvundla, nembila; ngokuba ezi zihlafuna umtyiso, kodwa upupu azilwahluli; zinco̔lile zona kuni: 8nehangu, ngokuba leyo ilwahlula upupu, kodwa ayityisi; inco̔lile yona kuni: kwinyama yazo aniyi kudla, nesidumbu sazo aniyi kusicukumisa.
9Ezi niya kuzidla kwezo zonke ezisemanzini: zonke ezinamapiko nenkwetu niya kuzidla. 10Kodwa zonke ezingenamapiko nenkwetu aniyi kuzidla; zinco̔lile zona kuni.
11Zonke intaka ezicocekileyo niya kuzidla. 12Kodwa ezi zeningayi kudla kuzo: ukozi, nengqanga, nonomakwezane, 13nesanxa, nexalanga limhlope, nexalanga limnyama ngemmilo yalo; 14nabo bonke onomyai ngemmilo yabo; 15nenciniba, nondebeza, nogwidi, nontloyiya ngemmilo yake; 16nesikova, nentsikizi, nelowe, 17nencwangube, nengqo, nokwalimanzi, 18neṙaside, noqimgqoshe ngemmilo yake, noboboyi, nelulwane.
19Kanjalo zonke izinambuzane ezinamapiko zoba yintshontsho kuni; aziyi kudliwa. 20Zonke intaka ezicocekileyo ningazidla.
21Aniyi kudla nasinye isidumbu: uya kusinika kowasemzini opakati kwamasango ako, ukuba asidle yena; umhlaumbi ungatengisa ngaso kowolunye uhlanga; ngokuba ningabantu abangcwele nina kuyehova, utixo wenu.
Musa ukupeka itakane lebokwe elubisini lwonina.
22Uya kunika ngenyaniso izishumi zako konke ukuvelisa kwembewu yako, epumayo entsimini umnyaka ngomnyaka. 23Wauya kutya pambi kwoyehova, utixo wako, endaweni aya kuyinyula ukuba alimise igama lake kona, isishumi senqolowa yako, eseveyine yako, neseoli yako, namazibulo enkomo zako nawegusha zako; ukuze ufunde ukwoyika uyehova, utixo wako, imihla yonke.
24Naxeshekweni indlela inde kuwe, ukuba ukohliwe kukusitwala, ngokuba ikude nawe indawo aya kuyinyula uyehova, utixo wako, ukuba alibeke igama lake kona; nxa akutamsanqeleyo uyehova, utixo wako: 25uya kwandula usanane ngemali, uyibope imali leyo esandleni sako, uye kulondawo, uyehova, utixo wako, aya kunyula yona; 26uze unike imali leyo ngenxa yako konke ukukanukayo umpefumlo wako, ngenxa yenkomo, nangenxa yegusha, nangenxa yeveyine, nangenxa yoselo olunamandla, nangenxa yako konke umpefumlo wako ukubiza kuwe; wauya kutya apo pambi kwoyehova, utixo wako, uvuye nokuvuya, wena nendlu yako: 27nom‐Levi opakati kwamasango ako akuyi kumshiya; ngokuba kungeko kuye isabelwa nelifa kunye nawe.
28Ekupeleni kweminyaka mitatu uya kukupa sonke isishumi senzuzo yako, kwa ngomnyaka lowo, usibekele pakati kwamasango ako: 29ukuba makuze um‐Levi, (ngokuba kungeko kuye isabelwa nelifa kunye nawe,) nowasemzini, nenkedama, nomhlolokazi, abapakati kwamasango ako, badle bahlute nokuhluta; ukuze uyehova, utixo wako, akutamsanqele kuwo wonke umsebenzi wesandla sako owenzayo.