ISAHLUKO I.
1NGAWO la amazwi abewateta u‐Mosesi kubo bonke o‐Sirayeli, nganeno kwe‐Yoredane, entlango, etafeni malungana ne‐Sufe, pakati kwe‐Parane, ne‐Tofeli, ne‐Labane, ne‐Hatserote, ne‐Dizahabi. 2(Yihambo yemihla elishumi linesinye kusuka e‐Horebe ukuya ngendlela yentaba ye‐Sehire e‐Kadeshe‐baneha.) 3Kwaye kute ngomnyaka wamashumi mane, ngenyanga yeshumi linesinye, ngowokuqala umhla wenyanga, wateta u‐Mosesi elusatsheni luka‐Sirayeli, njengako konke abemyalezela kona uyehova kulo: 4emvenikweni wabebulele u‐Sihone ukumkani waba‐Amori, owahlala e‐Heshebone, no‐Hogi ukumkani we‐Bashane, owahlala e‐Hashetarote nase‐Edrehi. 5Nganeno kwe‐Yoredane, ezweni le‐Mowabi, waqala u‐Mosesi ukushumayela lomteto, esiti:
6Uyehova, utixo wetu, wateta kuti e‐Horebe, esiti: Kwanele ukuhlala kwenu kulentaba: 7jikani, nihambe ke, niye entabeni yaba‐Amori, nakubo bonke abamelwane babo, etafeni, ezintabeni, ezihlanjeni, nasesuyide, naselunxwemeni lwolwandle; ezweni laba‐Kanane, nase‐Lebanone, kude kube ngumlambo omkulu, umlambo ongum‐Ferate. 8Bona ke, ndilibekile pambi kwenu ilizwe elo: ngenani nifuye ilizwe owabefunga ngalo uyehova koyihlo benu, u‐Abrahame, u‐Yisake, no‐Yakobi, ukuba uya kulinika kubo, nakwinzalo yabo emva kwabo.
9Ndaye ndibe nditeta kuni ngeloxesha, ndisiti: Ndikohliwe ndindedwa kukunitwala: 10uyehova, utixo wenu, unenze baninzi; kekaloku, nanku namhla nje ninjengenkwenkwezi zezulu ngobuninzi. 11(Wanga uyehova, utixo woyihlo benu, anganandisa ngokuliwaka pezu kwokuba njalo kwenu, anitamsanqele, njengokuba etshilo kuni!) 12Ndingati nina ukutwala ndedwa indiniso yenu, nomtwalo wenu, nempikiswano yenu? 13Kupani amadoda alumkileyo, anokuqonda, anokwazeka ezizweni zenu, ndize ndiwamise abe zintloko zenu. 14Naye nindipendula, nati: Ilungile lonto uyitetileyo, ukuba yenziwe. 15Ndaza ndatabata intloko zezizwe zenu, amadoda alumkileyo, anokwazeka, ndawenza intloko pezu kwenu, inkosi zamawaka, nenkosi zamakulu, nenkosi zamashumi mahlanu, nenkosi zamashumi manye, namagosa pakati kwezizwe zenu. 16Ndaye ndiyalela abagwebi benu ngeloxesha, ndisiti: Pulapulani amatyala akoyo pakati kwabazalwana benu, nilungise ukugweba pakati kwomntu nomzalwana wake, nowasemzini onaye. 17Aniyi kugqalisela ubuso ekugwebeni; niya kupulapula abancinane njengokuba nipulapula abakulu; aniyi kwoyika ubuso bomntu; ngokuba umgwebo ungo katixo: nendawo eninqabelayo, yisondezeni kum, ndandiya kuyipulapula. 18Kanjalo ndabendiyalela nina ngeloxesha zonke izinto eninge nizenza.
19Sati sakunduluka e‐Horebe, sandula sacanda kuyo yonke leyontlango inkulu neyoyikekayo, enaniyibona endleleni yentaba yaba‐Amori, njengokuba ebesiyalele uyehova, utixo wetu; sada safika e‐Kadeshe‐baneha. 20Ndaza ndati kuni: Nifikile entabeni yaba‐Amori, esiyipiwayo nguyehova, utixo wetu. 21Kangela ke, uyehova, utixo wako, ubekile elozwe pambi kwako; nyuka, libambe, njengokuba uyehova, utixo woyihlo bako, etshilo kuwe; ungoyiki, ungatuswa nokutuswa.
22Naza nasondela kum nonke, nati: Siya kususa amadoda aye pambi kwetu, aya kusipandela ilizwe, asibuyisele ilizwi ngendlela esiya kunyuka ngayo, nangezixeko esiya kufika kuzo. 23Kekaloku leyonto ibilungile emehlweni am; ndaza ndacapula kuni amadoda alishumi linamabini, indoda nye ngesizwe ngesizwe: 24ajika ke, enyukela ngasentabeni, aza kufika entilini ye‐Shekole, ayihlola ke. 25Ati kanjalo atabata kwisiqa̔mo selizwe ezandleni zawo, asihlisela kuti, asibuyisela ilizwi, ati: Lilungile elozwe asipayo uyehova, utixo wetu.
26Noko naningavumi ukunyuka, kodwa nalivukela ilizwi likayehova, utixo wenu. 27Naye nibe niseya ezintenteni zenu, nati: Ngokuba uyehova esitiyile, usipumisile elizweni le‐Jipete, ukuba asinikele ezandleni zaba‐Amori, ukusitshabalalisa. 28Sesiya kunyuka ukuya pina? abazalwana betu banyibilikisile intliziyo zetu, besiti: Abantu ngabakulu nabade kuti; izixeko zezikulu nezinqatyiselweyo kwada kwasezulwini; kanjako nosapo lwama‐Hanaki sasilubona apo.
29Ndaza ndati kuni: Ningankwantyi, ningaboyiki nokuboyika. 30Uyehova, utixo wenu, ohambayo pambi kwenu, nguye oya kunilwela; njengako konke wanenzelayo e‐Jipete pambi kwamehlo enu, 31nasentlango, apo nibonileyo okokuba uyehova, utixo wenu, unitwele, njengokuba umntu etwala unyana wake, kuyo yonke indlela benihamba ngayo, nada nafika kulendawo.
32Kodwa nangalento beningakolwa nguyehova, utixo wenu, 33obehamba pambi kwenu endleleni, ukuya kunihlolela indawo yokuti waca kwenu, ngomlilo ebusuku, ukuba anibonise indlela eniya kuhamba ngayo, nangelifu emini.
34Wati uyehova akuva ilizwi lamazwi enu, waqumba kunene, wafunga, esiti: 35Ngenyaniso akuyi kubako nanye kulamadoda esisizukulwana sikohlakeleyo, eya kubona elolizwe lilungileyo, endandifunga ngalo ukuba ndiya kulinika koyihlo benu, 36ngapandle kwo‐Kalebi, unyana ka‐Jefune! yena wolibona, nakuye ndowunika umhlaba abenyatela pezu kwawo, nakubo abantwana bake, ngenxa yokuba ekolisile ukulandela uyehova. 37Kanjalo nam wandiqumbela uyehova ngenxa yenu, esiti: Nawe akuyi kungena kona: 38u‐Yoshuwa, unyana ka‐Nune, omiyo ebusweni bako, yena uya kungena kona; lowo momeleze ke: ngokuba eya kubamkelisa o‐Sirayeli ilifa lalo. 39Nentsapo zenu, enanisiti: Zoba lixoba; nabantwana benu, abangakwaziyo namhla okulungileyo nokukohlakeleyo, aba baya kungena kona, nakubo bona ndiya kulinika, baye bona beya kulifuya. 40Kodwa nina, jikani, nihambele ngasentlango, ngendlela yaselwandle olubomvu.
41Naza napendula nati kum: Sonile ngakuye uyehova tina; sesiya kunyuka silwe, njengako konke asiyaleleyo uyehova, utixo wetu. Xeshikweni nise nibinqile abanye ngabanye ngempahla zabo zokulwa, ninxamile nje ukunyukela entabeni, 42wandula wati uyehova kum: Yiti kubo: Ningenyuki, ningalwi kanjako, ngokuba ndingeko mna pakati kwenu; ukuze ningoyiswa pambi kwentshaba zenu. 43Koko ndakuteta kuni, nibe ningapulapuli; kodwa navukelana nelizwi likayehova, nenza nger̔atshi, nenyukela entabeni. 44Bandul’ ukupumela ngakuni aba‐Amori, abebehlala kulontaba, banisukela, njengokuba zisenje njalo inyosi, banicitela e‐Sehire, nakude kwase‐Horema. 45Nada nabuya ke, nalila pambi kwoyehova: kanti uyehova akapulapula ilizwi lenu, akanibekela indlebe kanjako. 46Kwa njalo nibe nihlala e‐Kadeshe imihla yamininzi, njengemihla enibe nihlala ngayo.