1Kanjako mna, ngowokuqala umnyaka ka‐Dariyusi um‐Medi, ndema ukuba ndibe ngumomelezi nenqaba kuye.
2Nakaloku ndoyishumayela kuwe inyaniso. Bona ke, kusaza kusuka okumkani abatatu e‐Peresiya: kanjalo owesine wotyeba ngobutyebi obukulu pezu kwabo bonke; nasekwomeleleni kwake ngobutyebi bake uya kuvusa bonke ngakubo ubukumkani base‐Javane.
3Kwoda kusuke ukumkani onamandla, oya kupata ngobukosi obukulu, enze ngeyake intando. 4Nxa aya kuma, boti ubukumkani bake bapulwe, bahlulelwe emimoyeni yomine yezulu, kungabi kubo abenzalo yake, kungabi njengabo ubukosi bake wabepata ngabo kanjalo: ngokuba ubukumkani bake buya kudonyulwa, bube bobabanye ngapandle kwabo aba.
5Waeya kwomelela ukumkani wasesuyide, nenye kwinkosana zake, eya kwomelela ngapezu kwake, ipate ubukosi; ubukosi bayo boba bubukosi obukulu. 6Nasekupeleni kweminyaka etile botelelana; ngokuba intombi yokumkani wasesuyide iya kuza kukumkani wasenode ukwenza uxolo: kodwa ayiyi kuba esabamba amandla engalo; naye akayi kuma, neyake ingalo: koko iya kunikelwa, nabo bayizisayo, nowayizalayo, nowayomelezayo ngalomaxesha. 7Kodwa esebeni lengcambo zayo kwosuka omnye esikundleni sake, oya kuza nempi, angene enqatyeni yokumkani wasenode, enze ngakubo, eyise nokweyisa. 8Nakanjako otixo babo, kunye nenkosi zabo, nezinto zabo ezinqwenelekileyo ezesilivere nezegolide, wozitimba azise e‐Jipete; waeya kuma yena iminyaka engapezu kweyokumkani wasenode. 9Woda eze ebukumkanini bake ukumkani wasesuyide, abuyele elizweni lake.
10Kodwa onyana bake baya kwenza imfazwe, basihlanganise isihlwele sempi ezinkulu; waeya kunxama ukuza omnye, akukulise, adlule nokudlula; andul’ ukubuya, enze imfazwe kude kube senqatyeni yake. 11Waye ukumkani wasesuyide eya kucunukiswa, apume alwe naye, kwa nokumkani wasenode: uya kuku̔pa isihlwele esikulu naye; kodwa isihlwele eso sonikelwa esandleni sake. 12Nxa sisusiwe esosihlwele, iya kupakama intliziyo yake; waeya kuwisa amawakawaka; kodwa akayi kwomelezwa noko: 13ngokuba eya kubuya ukumkani wasenode, oya kumisa isihlwele esikulu kwesapambili; nasekupeleni kweminyaka etile, uya kunxama ukuza enempi enkulu nempahla eninzi. 14Kanjako ngamaxesha lawo abaninzi bosukela ngakuye ukumkani wasesuyide: aeya kuzipakamisa amanyangaza abantu bako, ukuba kuqiniswe umboniso; kodwa aya kuwa. 15Waeya kuza ukumkani wasenode, aposele induli, abambe izixeko ezinqatyisiweyo: zaye ingalo zowasesuyide zingayi kuma, nabantu bake abanyuliweyo, kanjalo akuyi kubako amandla okuma. 16Kodwa lowo ozayo ngakuye uya kwenza ngeyake intando, kungeko namnye oya kuma ebusweni bake; waeya kuma elizweni elihle, elikugqitywa kwoba sesandleni sake. 17Kanjako uya kubeka ubuso bake ukuza namandla obukumkani bake bonke, nabalungileyo kunye naye, enze nokwenza; waeya kumnika intombi yabafazi, efuna ukuyonakalisa; kodwa ayi kuba nokuma, ayi kuba ngecala lake kanjalo. 18Woda aguqule ubuso bake ukuya eziqitini, abambe ezininzi: kodwa inkosi etile iya kwenza ukuyihlazisa kwake kupele, ngapandle kwokuba ukuhlazisa kwake iya kukubuyisa pezu kwake. 19Andule asonge ubuso bake ngasezinqatyeni zelake ilizwe: kodwa uya kuku̔beka, awe, angabi senokufunyanwa.
20Kuya kwandula kusuke esikundleni sake odlulisayo umbizi weminikelo ebungcwaliseni bobukumkani; kodwa pakati kwentsuku ezitile uya kwapuka, kungengemisindo, kungengemfazwe kanjako. 21Woda asuke esikundleni sake odelekileyo, ekungayi kunikwa kuye ubungangamsha bobukumkani; kodwa uya kuza eluxolweni, nobukumkani uya kububamba ngezibongo. 22Nangengalo zomsinga baya kukukuliswa pambi kwake, bapulwe nokwapulwa, nenkosi yocebano nayo. 23Nasemva kwokuba kwenziwe ukutelelana nayo, uya kwenza ngenkohliso; waeya kunyuka azuze amandla ngento enciname yabantu. 24Eluxolweni uya kuza nakwezityebileyo indawo zezwana; waeya kukwenza oko kungenziwanga ngoyise bake, nangoyise boyise bake; impango, namaxoba, nempahla, wozicita pakati kwabo; nangakuzo inqaba wowaqinga amaqinga ake, kwa kude kube lixesha elitile. 25Waeya kuvusa amandla ake nentliziyo yake ngakuye ukumkani wasesuyide, enempi enkulu; naye ukumkani wasesuyide wovuselwa ukulwa, enempi enkulu, kwa into eninzi kunene: kodwa akayi kuba nokuma; ngokuba beya kuqinga ngakuye amaqinga. 26Ewe, abo badlayo ukutya okumnandi kwake baya kumapula, nempi yake iya kukukulisa; babeya kuwa ababuleweyo abaninzi. 27Okumkani aba bobabini intliziyo zabo zofuna ukwenza ububi, nasesitebeni sinye baya kuteta ulwimi; kodwa akuyi kuba nokuhambiseka, ngokuba kusaza kubako ukupela ngexesha elimiselweyo. 28Uya kwandula abuyele elizweni lake enempahla into enkulu; yaiya kuti intliziyo yake ibe ngakulo ucebano olungcwele; uya kwenza nokwenza, abuyele kwelake ilizwe. 29Ngexesha elimiselweyo uya kubuya, eze ngasesuyide; koko kungayi kuba njengokwapambili, nanjengokwasemva. 30Ngokuba ziya kuza ngakuye inqanawa zama‐Kiti; woba nobuhlungu ngoko, abuye ke, aluqumbele ucebano olungcwele, enze nokwenza: ewe, uya kubuya, agqalele abalushiyayo ucebano olungcwele.
31Zaziya kusuka ingalo ngenxa yake, eziya kunco̔lisa eyingcwele indawo, inqaba, zilisuse idini elifuti, ziyibeke into ezondekileyo eci̔takalisayo. 32Nabo benzayo ngokukohlakeleyo ngakulo ucebano uya kubonakalisa ngezibongo; kodwa abantu abamaziyo utixo wabo baya kwomelela, benze nokwenza. 33Kanjalo abo banokuqonda pakati kwabantu bobafundisa abaninzi: noko baya kuwa ngesiṙele nangelangatye, ngokutinjwa nangokupangwa, kube ntsuku. 34Nasekuweni kwabo, baya kuncedwa ngoncedo oluncinane; baye abaninzi beya kunamatela kubo ngezibongo. 35Nakubo abanokuqonda baya kuwa inxenye, ukubalinga, nokubahlambulula, nokubenza mhlope, kude kube lixesha lesipelo: ngokuba kusekokwexesha elimiselweyo.
36Kanjalo uya kwenza ngentando yake ukumkani lowo; waeya kuzipakamisa, azenze mkulu ngapezu kwotixo bonke, atete izinto ezimangalisayo ngakuye utixo wotixo, ahambiseke kude kugqitywe ingqumbo: ngokuba kuya kwenziwa okumisiweyo. 37Akayi kugqalela otixo boyise bake, nonqwenelo lwabafazi; akayi kugqalela kwa namnye utixo, kodwa wozenza mkulu pezu kwonke. 38Notixo wenqaba uya kumenzela ubungcwalisa esikundleni sake; kwa utixo abangamazanga oyise bake uya kumenzela ubungcwalisa ngegolide, nangesilivere, nangamatye anqabileyo, nangezinto ezinqwenelekileyo. 39Ewe, uya kwenzela inqaba ezinqatyisiweyo kunye notixo wasemzini; lowo oya kumvuma womandisela ubungcwalisa; waeya kubapatisa ubukosi pezu kwabaninzi, nelizwe wolaba ngenxa yomvuzo.
40Nangexesha lesipelo ukumkani wasesuyide wosunduza ngakuye; waye ukumkani wasenode eya kugaleleka pezu kwake njengoqwitela, enenqwelo zokulwa, nabakweli bamahashe, nenqanawa ezininzi; waeya kungena emazweni, akukulise, adlule nokudlula, 41wongena nasezweni elihle, namazwe amaninzi aya kuwiswa; kodwa aya kusinda la esandleni sake, i‐Edome, ne‐Mowabi, nabazintloko zosapo luka‐Hamoni. 42Uya kusolula isandla sake pezu kwamazwe; aliyi kusinda ilizwe le‐Jipete. 43Waeya kuba namandla pezu kwendyebo zegolide nesilivere, napezu kwazo zonke izinto ezinqwenelekileyo zase‐Jipete: kananjalo ama‐Libiya nama‐Tiyopiya oba semikondweni yake. 44Kodwa indaba zivela empumalanga nasenode ziya kumtusa; woti ngako apume ngomsindo omkulu ukubatshabalalisa nokubalahlela embujisweni abaninzi. 45Nentente zekomkulu lake wozimisa pakati kwelwandle ngasentabeni entle engcwele; woda eze ekupeleni kwake, kungeko oya kumnceda.