1NDABONA inkosi imi ngasesibingelweni; yaisiti: Beta umqolo, ize ingcangcazele imigubasi; uyici̔te pezu kwentloko zabo bonke; nabayinzalo yabo ndobabulala ngesiṙele; akayi kwesaba namnye wakubo obalekayo, akayi kusindiswa namnye wakubo osindayo. 2Noko batyobozelayo ehadesi, sobatabata kwa kona isandla sam; noko bakwelayo ezulwini, ndobahlisa kwa kona: 3nangona bazimela engcopeni ye‐Karamele, ndiya kupengulula, ndibatabate kwa kona; nangona bazifihlayo emehlweni am emazantsi olwandle, ndoyiyalela inyoka kwa kona, yobaluma ke: 4nakuba baya ekutinjweni pambi kwentshaba zabo, ndiya kuyalela isiṙele kwa kona, sobabulala ke; ndandiya kubeka amehlo am pezu kwabo kube kokubi, kungabi kokulungileyo.
5Ngokuba inkosi, uyehova wemikosi, inguye ocu̔kumisayo umhlaba, uze unyibilike; bati bonke abemiyo kuwo balile; unyuke wona upela njengomlambo, untywiliswe njengangawo umlambo wase‐Jipete. 6Lowo ozakileyo inkambili zake ezulwini, nesazinge sake usisekele pezu kwomhlaba; lowo obizayo amanzi olwandle, awagalele pezu kwobuso bomhlaba; nguyehova igama lake.
7Aninjengosapo lwama‐Tiyopiya na kum, lusapo luka‐Sirayeli? utsho uyehova. Andinyusanga na o‐Sirayeli ezweni le‐Jipete, nama‐Filistiya e‐Kafetori, nama‐Siriya e‐Kire? 8Bona ke, amehlo enkosi e nguyehova angapezu kwobukumkani obububono, ndandiya kutshabalalisa bona ebusweni bomhlaba; kodwa noko, andiyi kugqibela ukutshabalalisa indlu ka‐Yakobi, utsho uyehova. 9Ngokuba, bona ke, ndiya kuxela, ndandiya kuhluza indlu ka‐Sirayeli pakati kwezizwe zonke, njengokuba kuhluzwa inqolowa ngentluzo, kungawi nalunye ukozwana pezu kwomhlaba. 10Baya kufa ngesiṙele bonke aboni pakati kwabantu bam, abati: Ububi abuyi kusifikela, abuyi kusipangela kanjalo.
11NGOMHLA lowo ndolipakamisa ipempe lika‐Davide eliwayo, ndivingce iziṙoba zalo; ndandiya kupakamisa ingci̔takalo zalo, ndilake njengasemihleni yakudala: 12ukuze kufuywe isisalela se‐Edome, nabo bonke abaheyideni ekubizwa pezu kwabo igama lam, utsho uyehova okwenzayo oku.
13Bona ke, imihla iyeza, utsho uyehova, ukuba umlimi womfumana umvuni, nomxovuli wedreyive lowo uhlwayelayo imbewu; kanjalo intaba ziya kutontsela iveyine entsha, nazo zonke induli zonyibilika. 14Ndandiya kubuyisa ukutinjwa kwabantu bam o‐Sirayeli, abaya kuzaka izixeko ezici̔takeleyo, beme kuzo: baya kutyala imiyezo, basele iveyine yayo; bozenza nezitiya, badle isixakato sazo. 15Ngokuba ndiya kubatyala emhlabeni wabo; baye bengasayi kubuya badonyulwe emhlabeni wabo endiwunikileyo kubo, utsho uyehova, utixo wako.