1Kekaloku u‐Saulusi ebetakazela ukubulawa kwake.
Kwasuka kwabako ngeloxesha intshutshiso enkulu ngakuyo iṙemente ebise‐Yerusaleme: baza bonke batiwa sa emazweni ase‐Judeya ne‐Samariya; kwasala abapostile kupela.
2Kekaloku amadoda abubedesho amncw̔aba u‐Stefane, enza isijwili esikulu pezu kwake. 3Kodwa u‐Saulusi ebeci̔ta iṙemente, engena kwizindlu ngezindlu, er̔ola namadoda namankazana, wawanikela entolongweni.
4Bandula abo batiwa sa bacanda indawo zonke, beshumayela ilizwi.
5WAZA u‐Filipi wehlela esixekweni sase‐Samariya, wabashumayeza u‐Kristu. 6Zaye izihlwele zinyamekela ezonto zibe zitshiwo ngu‐Filipi ngentliziyo nye, zisiva zibona nokubona imiqondiso abeyenza. 7Ngokuba omoya abanco̔lileyo, bekala ngelizwi elikulu, bebepuma kwabaninzi abebenabo: kanjako abaninzi ababenesifo sokushwabanisa nabaziziqwala bapiliswa. 8Kwaza kwabako uvuyo olukulu kwesosixeko.
9Kwaye kuko indoda etile, egama lalingu‐Simone, ebifudula isenza ngobugqi kwesosixeko, imangalisa abantu base‐Samariya, isiti ingumntu omkulu bo: 10ababebambelela kuyo bonke, kwa kuye omncinane kwada kwakuye omkulu, besiti: Lendoda ingamandla amakulu katixo. 11Babebambelela kuyo ke, ngenxa yokuba bekukade ibamangalisile ngezinto zayo zobugqi. 12Kodwa xeshekweni bakolwayo ngu‐Filipi, eshumayela izinto ezingabo ubukumkani bukatixo nangalo igama lika‐Yesu Kristu, bebebapitizeshwa, kwa namadoda namankazana. 13Kanjalo u‐Simone wakolwa naye, wati akuba ebapitizeshiwe waman’ ukubako no‐Filipi; waza ebona imiqondiso nemimangaliso emikulu ebisenziwa, wati nqa.
14Kekaloku kwakuviwa ngabapostile abebese‐Yerusaleme, ukuba i‐Samariya ilamkele ilizwi likatixo, batuma kubo u‐Petrosi no‐Johane: 15abati, bakuba behlele kona, babatandazela, ukuze bamkele umoya oyingcwele: 16(ngokuba ebengekabawelanga kwa namnye; koko babe bebapitizeshelwe egameni lenkosi u‐Yesu kodwa.) 17Bandula babeka izandla pezu kwabo, baza bamkela umoya oyingcwele.
18Wati kekaloku u‐Simone, ebonile okokuba umoya oyingcwele uyanikwa ngokubekwa kwezandla zabapostile, wafuna ukubanikela imali, 19esiti: Ndipeni nam igunya eli, lokuba lowo ndisukuba ndibeka izandla pezu kwake amkele umoya oyingcwele. 20Kodwa u‐Petrosi wati kuye: Maiti imali yako kunye nawe ibe yinto yokutshatyalaliswa, ngokokuba isipo sikatixo ubusiba wosizuza ngemali. 21Akunasahlulo nasabiwo kulendawo: ngokuba intliziyo yako ingalungile ebusweni bukatixo. 22Guquka ngoko kubo obububi bako, ukunge utixo, ukuba umhlaumbi woyixolelwa inkumbulo yentliziyo yako. 23Ngokuba ndibona ukuba usenyongweni yobuṙaṙa nasekubanjweni kwenkohlakalo. 24Waza wapendula u‐Simone wati: Ndikungeleni nina enkosini ukuze kungandihleli nanye yezozinto nitetile ngazo.
25Bandula bona, bakuba benqi̔nisile bateta ilizwi lenkosi, babuyela e‐Yerusaleme, bashumayela ivangeli emizini emininzi yama‐Samariya.
26Yati kekaloku ingelosi yenkosi yateta ku‐Filipi, isiti: Suka, uhambele ngasesuyide, ngendlela ehlayo e‐Yerusaleme iye e‐Gaza, leyo ilubala. 27Wesuka ke wahamba: kekaloku bona ke, umntu wase‐Tiyopiya, umbusi omkulu ka‐Kandase ukumkanikazi wama‐Tiyopiya, obepezu kwayo yonke indyebo yake, obezile e‐Yerusaleme ukuza kubedesha, 28wabebuya, wati ehleli enqwelweni yake walesesha incwadi yomprofite u‐Yisaya. 29Waza wati umoya ku‐Filipi: Sondela, uhlangane nalenqwelo. 30Waza u‐Filipi wagidimela kona, wamva elesesha incwadi yomprofite u‐Yisaya, wati: Uqonda ke na oko ukuleseshayo? 31Wati yena: Ndingati nina ukuqonda pofu, ukuba akuko mntu ondikapayo? Waza wambongoza u‐Filipi ukuba akwele ahlale naye. 32Kekaloku indawo yesiba̔lo abeyilesesha, ibiyilé yokuti: War̔olwa njengegusha isiya ekuxe̔lweni, nanjengokuba imvana ebusweni boyigugulayo isidenge, kwa njalo akavuli umlomo wake: 33ebupantsini bake ukugwetyelwa kwake kwasuswa; nesizukulwana sake ngubanina oya kusixela? ngokuba bususwa emhlabeni ubomi bake. 34Wapendula ke umbusi lowo ku‐Filipi, wati: Ndiyakukunga, umprofite utsho oku ngobanina? ngokwake, ngomntu wumbi, kusinina? 35Waza u‐Filipi wavula umlomo wake, waqala kwa kuso isiba̔lo esi, wamshumayeza u‐Yesu.
36Kekaloku nxa bebehamba endleleni, bafika ngasemanzini atile: waza wati umbusi: Nanga amanzi; ndixakwa yinto nina ukubapitizeshwa? 37Wayesiti u‐Filipi: Ukuba uyakolwa ngayo yonke intliziyo yako, kungenzwa. Wayependula wati: Ndiyakolwa ukuba u‐Yesu Kristu unguye unyana katixo. 38Waza waxela ukuba inqwelo ime: baza bobabini behlela emanzini, kwa no‐Filipi nombusi; wambapitizesha ke. 39Kekaloku okuya bebenyuke emanzini, umoya wenkosi wamsusa u‐Filipi, wati umbusi akabi sambona: ngokuba ebehamba indlela yake evuya. 40Kodwa u‐Filipi wafunyanwa e‐Azote: waza ecanda ilizwe washumayela ivangeli kuzo zonke izixeko, wada wafika e‐Kesareya.