1KEKALOKU abatile abebehlile e‐Judeya, bebefundisa abazalwana, besiti: Ukuba analuki ngesiko lika‐Mosesi, aningesindiswe. 2Ngako xeshekweni u‐Paulusi no‐Banabasi babenongxolisano nopikisano olungencinane nabo, bamisela ukuba u‐Paulusi no‐Banabasi, nabanye abatile bakubo, banyukele e‐Yerusaleme kubo abapostile nabadala pezu kwalombuzo. 3Bandula bona, bepelekelelwe yiṙemente, bacanda i‐Fenisi ne‐Samariya, beshumayela ukuguquka kwabaheyideni: baye besenzela bonke abazalwana uvuyo olukulu. 4Bati bakufika e‐Yerusaleme, bamkelwa ngembuko yiṙemente nabapostile nabadala, baxela konke abekwenzile ngabo utixo. 5Kodwa kwesuka kwema abatile bakulo uhlobo lwabafarisi abakoliweyo, besiti: Kufanele ukuba baluke, nokuba bayalezelwe ukugcina umteto ka‐Mosesi.
6Baza bahlanganisana abapostile nabadala ukuba baqonde lendawo. 7Kekaloku lwakubako upikisano olukulu, wesuka u‐Petrosi, wati kubo: Madoda, bazalwana! niyazi kakulu nina ukuba kuse kukade wandinyulayo utixo pakati kwetu, ukuba abaheyideni beve ngomlomo wam ilizwi levangeli, bakolwe. 8Kanjako utixo ozaziyo intliziyo wabanqi̔nela, enikile kubo umoya oyingcwele, njengokuba ebemnikile nakuti; 9engenzanga kwahluka pakati kwetu nabo, ehlambulule intliziyo zabo ngokolo. 10Ngako kaloku yinina ukuba nimlinge utixo, ngokubeka iyokwe pezu kwentamo yabadisipile, abangabanga namandla kwa nobawo nati ukuyitwala? 11Koko kungalo ufefe lwenkosi u‐Yesu Kristu esikolwa ukuba siya kusindiswa, kwa ngendawo abaya kusindiswa ngayo bona nabo.
12Waza wonke umhlambi wati cwaka, wapulapula ku‐Banabasi naku‐Paulusi, betyela leyo imiqondiso nemimangaliso emikulu abeyenzile utixo pakati kwabaheyideni ngabo.
13Nasemveni kwokuba bebete cwaka bona, wapendula u‐Yakobi, esiti: Madoda, bazalwana! ndipulapuleni. 14U‐Simone utyele indawo waqala ngayo utixo ukutyelela kubaheyideni, ukuba atabatele igama lake abantu kubo. 15Kanjako ayalungelelana noku amazwi abaprofite; njengokuba kuba̔liwe ukuti: 16Emveni kwoku ndiya kubuya, ndandiya kubuya ndilake ipempe lika‐Davide eliwileyo; nengci̔takalo zalo ndobuya ndizake, ndilimise kanjako: 17ukuze isisalela sabantu sibe sifuna inkosi, nabo bonke abaheyideni ekubizwe pezu kwabo igama lam, utsho uyehova okwenzayo oku konke. 18Yaziwa ngutixo yonke imisebenzi yake kwa sekuqalekeni kwexesha. 19Nditi ngoko ukugweba kwam, masingabakatazi abo bakubo abaheyideni abaguqukela kutixo; 20masiba̔le kubo ukuba bazile izinto ezinco̔lisekileyo zezitixo, nombulo, nokuṙwishiweyo, negazi. 21Ngokuba u‐Mosesi kutabata emaxesheni akudala enabo kuzo zonke izixeko abamshumayelayo, eleseshwa ezindlwini zentlanganiso ngesabata zonke.
22Kwandula kwanga kulungile kubapostile, nakubadala, kunye nayo yonke iṙemente, ukunyula amadoda kwababo, bawatume e‐Antiyoki kunye no‐Paulusi no‐Banabasi; kwa u‐Jude, obebizwa ngelinye igama elingu‐Barasaba, no‐Silasi, amadoda amakulu pakati kwabazalwana; 23beba̔lile ngabo ezizinto zokuti: Abapostile, nabadala, nabazalwana, kubo abazalwana abangabakubo abaheyideni abase‐Antiyoki, nase‐Siriya, nase‐Silisiya, bebulisa. 24Ngokokuba sivile ukuba abatile abapuma kuti banipitizelisa ngamazwi, bexalisa imipefumlo yenu, besiti nifanele ukwaluka nokugcina umteto, esibe singabanikanga umyalezo wokutsho: 25kwanga kulungile kuti, sihlangene nje ngentliziyo nye, ukunyula amadoda atile, siwatume kuni, kunye nabatandwa betu u‐Banabasi no‐Paulusi, 26abantu abancamileyo ubomi babo ngenxa yegama lenkosi yetu u‐Yesu Kristu. 27Sibatumile ngoko u‐Jude no‐Silasi, abaya kuti bona ngokwabo banityele kwa ezizinto ngomlomo. 28Ngokuba kube kunga kulungile kumoya oyingcwele nakuti, ukuba singabeki pezu kwenu namnye umtwalo omkulu kwezizinto ezifanelekileyo: 29Zokuba nizile izinto ezibingelwe izitixo, negazi, nokuṙwishiweyo, nombulo: eniya kuti nizigcina ningazenzi nilungise. Hlalani kakuhle.
30Bandula bona bakuba bendululwe beza e‐Antiyoki: baza bewuhlanganisile umhlambi, banikela incwadi; 31abati bakuyilesesha, bavuya ngenxa yonwabiso. 32Baza u‐Jude no‐Silasi, bengabaprofite bona nabo, bayala abazalwana ngokuteta okuninzi, babomeleza. 33Bati bakuba bebenzile umzuzu, bandululwa ngoxolo kubazalwana ukuya kubapostile. 34Kodwa kwanga kulungile ku‐Silasi ukuba alibale kona. 35Kanjalo u‐Paulusi no‐Banabasi bebehlala e‐Antiyoki, befundisa beshumayela nokushumayela ilizwi lenkosi, ndawonye nabo nabanye abaninzi.
36KEKALOKU emveni kwemihla etile wati u‐Paulusi ku‐Banabasi: Makesibuye siye sityelele kubazalwana betu kuzo zonke izixeko, apo silishumayele kona ilizwi lenkosi, sibone ukuba banjanina. 37Waza u‐Banabasi wanxamela ukutabata nabo u‐Johane obebizwa ngo‐Maraki. 38Kodwa u‐Paulusi ebeba akufanelekile ukumtabata nabo yena lo, owesuka kubo e‐Pamfiliya, engayanga nabo emsebenzini. 39Kwabako ngoko ubambano olubukali, bada bahlukana omnye nomnye, wati u‐Banabasi wamtabata u‐Maraki, waselishela e‐Kiperusi. 40Kodwa u‐Paulusi waqasha u‐Silasi, wemka, enikelwe elufefeni lukatixo ngabazalwana.
41Waza wacanda i‐Siriya ne‐Silisiya, ezomeleza iṙemente.