1KWAYE kube kuko abatile e‐Antiyoki, eṙementeni yakona, abaprofite nabafundisi; kwa u‐Banabasi, no‐Simone, obebizwa ngo‐Nigere, no‐Lukusi wase‐Kirene, no‐Manahene, obesondliwa ndawonye no‐Herodi inkosi, no‐Saulusi. 2Kekaloku nxa bebesenza isikonzo kwinkosi, bezila ukutya kanjalo, wati umoya oyingcwele: Ndahluleleni ke u‐Banabasi no‐Saulusi kulomsebenzi endibabizeleyo kuwo. 3Bandula bati, bakuba bezilile ukutya, betandazile nokutandaza, bebekile izandla pezu kwabo babandulula.
4Aba ke ngoko, betunyiwe ngumoya oyingcwele, behlela e‐Selusiya, besuka kona baselishela e‐Kiperusi. 5Bati bakuba bebefikile e‐Salamise, bashumayela ilizwi likatixo ezindlwini zentlanganiso zama‐Juda: babe kanjalo beno‐Johane engumkonzi. 6Baza becandile isiqiti kwada kwase‐Pafosi, bafumana isanuse esitile, umprofite obuxoki, um‐Juda, ogama lalingu‐Bara‐yesu, 7esibe sinaye umgwebi welozwe, u‐Seregiyo Paulusi, umntu osisazi: yena lo ebabizile u‐Banabasi no‐Saulusi, wanxamela ukuva ilizwi likatixo: 8kodwa u‐Elimasi, isanuse, (ngokuba linjalo igama lake ngokukunyushwa,) wamelana nabo, efuna ukumpambukisa umgwebi elukolweni. 9Waza u‐Saulusi, (obizwa nango‐Paulusi,) ezalisiwe ngumoya oyingcwele, wabeka amehlo pezu kwake, 10wati: Wena uzele yiyo yonke inkohliso nabubo bonke ubunginingini, mntwana ka‐Satane, lutshaba lwabo bonke ubulungisa! akuyi kupeza na ukupambukisa indlela ezilungileyo zenkosi? 11Nakaloku, bona ke, isandla senkosi sipezu kwako, wauya kuba yimfama, ungaboni ilanga kube mzuzu. Kwasekusiwa pezu kwake kwa oko ubunkungu nobumnyama; waza efumfutisela wafuna abantu bokumtundeza ngesandla. 12Wandula umgwebi akubona oko kwenzekileyo wakolwa, emangaliswa pezu kwofundiso lwenkosi.
13Kekaloku nxa o‐Paulusi bandulukayo e‐Pafosi, beza e‐Perega yase‐Pamfiliya. Waza u‐Johane wemka kubo, wabuyela e‐Yerusaleme.
14Kodwa bona besukile e‐Perega bacanda ilizwe, bafika e‐Antiyoki yase‐Pisidiya, bangena endlwini yentlanganiso ngomhla wesabata, bahlala pantsi. 15Bati ke emveni kwokuleseshwa kwomteto nabaprofite abapati bendlu yentlanganiso batuma kubo, besiti: Madoda, bazalwana! ukuba ninalo ilizwi lokuyala ukuliteta ebantwini, tetani.
16Wasuka wema u‐Paulusi, wakoba ngesandla, wati: Madoda, bo‐Sirayeli, nani boyikayo utixo! pulapulani. 17Utixo wababantu o‐Sirayeli wabaqasha obawo betu; nabantu abo wabapakamisa bakuhlala njengabasemzini ezweni le‐Jipete, wabaku̔pa kulo ngengalo epakamileyo. 18Wati ixesha langa layiminyaka emashumi mane wanyamezela imikwa yabo entlango. 19Waza ezici̔tile intlanga ezisixe̔nxe ezweni le‐Kanane, wababela umhlaba wazo ngeqashiso. 20Nasemveni kwoku wabanika abagwebi iminyaka yanga yamakulu mane anamashumi mahlanu, kwada kwako u‐Samyali umprofite. 21Bati kamva bacela ukumkani; waza utixo wabanika u‐Saule unyana ka‐Kishe, indoda yakwisizwe sika‐Benjamine, iminyaka yamashumi mane. 22Waza emshenxisile yena, wabavusela u‐Davide abe ngukumkani; owamnqi̔nelayo kanjalo, wati: Ndimfumene u‐Davide unyana ka‐Jese, indoda njengokweyam intliziyo, oya kukwenza konke ukutanda kwam. 23Kwinzalo yaló utixo njengokwesibambiso wavusela o‐Sirayeli umsindisi, u‐Yesu; 24akuba u‐Johane ebeshumayele pambili ubapitizesho lwoguquko kubo bonke abantu bakwa‐Sirayeli, engekafiki yena. 25Naxeshekweni u‐Johane ebegqibela uhambo lwake, wayesiti: Nizindla ukuba ndingubanina? andinguye; koko, bona ke, kusiza emva kwam ozihlangu zenyawo ndingafanele mna ukuzitukulula.
26Madoda, bazalwana, lusapo lwesizalwane sika‐Abrahame, nabo pakati kwenu abamoyikayo utixo! litunyiwe kuni ilizwi losindiso olu. 27Ngokuba abo bemiyo e‐Yerusaleme, nabapati babo, bengamazanga yena lowo, nawo amazwi abaprofite, aleseshwayo ngesabata zonke, bawazalisekisile ngokumgweba. 28Kanjako bakuba bengafumananga tyala elibang’ ukufa, bacela ku‐Pilati ukuba makabulawe. 29Naxeshekweni babefezile zonke izinto eziba̔liweyo ngaye, bamtula emtini, bambeka encw̔abeni. 30Kodwa utixo wamvusa ekufeni; 31owabonakala ngemihla emininzi kwabo babenyukile naye e‐Galili nkuza e‐Yerusaleme, abangamanqi̔na ake ebantwini. 32Natitina siyanishumayeza isibambiso esenzelwa obawo betu, 33okokuba esi utixo usizalisekisile kuti lusapo lwabo, emvusile nje u‐Yesu; njengokuba kanjalo kuba̔liwe eculweni lesibini ukuti: Ungunyana wam wena, ndikuzele namhla nje. 34Nokokuba wamvusa ekufeni, angabi saya kubuyela ekuboleni, utshilo ukuti: Ndiya kunipa izibele zika‐Davide eziqinisekileyo. 35Utingoko nakwelinye iculo: Akuyi kuyekelela oyingcwele yako abone ukubola. 36Ngokuba ke u‐Davide, akuba ebekonzile isizukulwana sake ngemvume katixo, walala ubutongo, wabekelwa koyise bake, wabona ukubola: 37kodwa lowo utixo wamvusayo, akabona kubola.
38Makwazeke kuni ngoko, madoda, bazalwana! ukuba ngaye lo kuyashunyayelwa kuni ukuxolelwa kwezono: 39nokuba ngaye lo osukuba ekolwa uyakululwa kuzo zonke izinto, enibe nikohliwe kukukululwa kuzo ngomteto ka‐Mosesi. 40Lumkani ngoko, kuze kunganihleli oko kutetiweyo ebaprofiteni ukuti: 41Kangelani, nina badeli! niti nqa, niti shwaqe; ngokuba umsebenzi ndiwusebenza emihleni yenu, umsebenzi eningasayi kukolwa nguwo, nakuba umntu ewushumayela kuni.
42Kekaloku akuba ama‐Juda ebepuma endlwini yentlanganiso, babebongoza abaheyideni ukuba lamazwi atetwe kubo ngesabata yasemva. 43Kwati kwakuba kundulukile intlanganiso, abaninzi bama‐Juda nababangene ebujudeni ababedeshayo balandela u‐Paulusi no‐Banabasi; abati beteta kubo, babacenga ukuba bamane ukuma elufefeni lukatixo.
44Kekaloku ngesabata elandelayo, saza kuba sonke isixeko sihlanganisene ukuva ilizwi likatixo. 45Kodwa ama‐Juda akuzibona izihlwele, azaliswa luzondo, apika ezonto zibe zitetwa ngu‐Paulusi, epika, egxeka nokugxeka. 46Baza bakalipa u‐Paulusi no‐Banabasi, bati: Bekufanelekile ukuba ilizwi likatixo litetwe kuni ukuqala: kodwa ekubeni nililahlayo, nizigweba nje ukuba anifanele ubomi obungunapakade, bona ke, siyajikela kubaheyideni: 47ngokuba inkosi isiyalele ngokunjalo, isiti: Ndikubekele ukuba lukanyiso lwabaheyideni, ukuze ube ngowosindiso kude kube sekupeleni kwomhlaba. 48Bati abaheyideni besiva ezizinto bavuya, badumisa ilizwi lenkosi: baza bakolwa bonke ababe bemiselwe ubomi obungunapakade.
49Laye ilizwi lenkosi libe lihanjiswa kulo lonke elozwe. 50Kodwa ama‐Juda atelekisa amankazana abedeshayo nadumileyo namadoda amakulu asesixekweni, avusa intshutshiso ngaku‐Paulusi no‐Banabasi, abagxota emideni yawo. 51Koko bavutululayo utuli lwenyawo zabo ngakuwo, beza e‐Koniyume. 52Baye abadisipile bezaliswa luvuyo na ngumoya oyingcwele.