1YAZI kanjalo oku, okokuba emihleni yokugqibela iya kuza kubako imihla enzima. 2Ngokuba abantu beya kuba ngabazitandayo, abatanda imali, abazidlayo, abaqanqalazayo, abagxeki, abangevayo abazali, abangenakubulela, abangenabungcwele, 3abangenalutando lwokuvela, abangaxoliseki, abancetezi, abangenabunca̔tu, izibovubovu, abatiya abalungileyo, 4ingcatsha, injubaqa, abakukumele lir̔atshi, bengabatanda imihlali ngapezu kwokuba bangabatanda utixo; 5benaso isimilo sobubedesho, kodwa amandla abo bewakanyele: deda kubo abanjalo. 6Ngokuba bengabakubo aba abo bakaselayo ezindlwini, batimbe amankazana azidenge, etweswe zizono, er̔olwa zinkanuko ngenkanuko, 7emana efunda, kanti engenamandla okuza ekwaziweni kwenyaniso napakade. 8Kekaloku njengokuba u‐Jane no‐Jambere bebemelana no‐Mosesi, kwa njalo nabo aba bayamelana nenyaniso; abantu abaluvo lwonakele kanye, bengabaliwayo ngalo ukolo. 9Kuloko bengayi kuhambisa ngento enkulu ngakumbi; ngokuba ubugeza babo buya kubonakala kubo bonke kwa sekuhleni, njengokuba nobabo abo bebunjalo.
10Kodwa wena ute nama ukulanda eyam imfundiso, impato, imvume, ukolo, ukuzeka kade, utando, umonde, 11intshutshiso, intlungu; — intlungu ezinjengezo zandihlelayo e‐Antiyoki, e‐Koniyume, e‐Lisitira; intshutshiso ezinjengezo ndazinyamezelayo; kanti inkosi yandihlangula kuzo zonke. 12Ewe, bonke abatanda ukuhlala ngobubedesho ku‐Kristu Yesu baya kutshutshiswa nabo. 13Kodwa abantu abakohlakeleyo nabanyangi baya kuhambisela kokubi ngakumbi, bekohlisa bekohliswa nokukohliswa.
14Wena kodwa hlala kwezonto uzifundileyo noziqiniselweyo, usazi nje lowo wazifunda kuye; 15nokokuba uti kutabata ebuntwaneni bako uzazile iziba̔lo ezingcwele, ezinamandla ukukwenza ulumkele usindiswa ngalo ukolo olukuye u‐Kristu Yesu. 16Zonke iziba̔lo zinikwa ngokupefumlela kukatixo, zinceda kanjalo ukuba kufundiswe, ukuba kohlwaywe, ukuba kulungiswe, ukuba kululekwe ebulungiseni; 17ukuze indoda katixo ibe ifezekile, ilungiselelwe yonke imisebenzi elungileyo ngokuzalisekileyo.