1KWAYE kute emveni kwoku, ukuba u‐Abasalome wazilungisela inqwelo namahashe, namadoda angamashumi mahlanu abaleke pambi kwake. 2Wavuka kusasa u‐Abasalome, wema ngasecaleni lendlela yesango: kwaza kwati, umntu osukuba enempikiso yokuba eze kukumkani ekugwebeni, wabiza u‐Abasalome kuye, wati: Uvela kwisipina isixeko? Wayesiti: Isicaka sako sivela kwesinye sezizwe zo‐Sirayeli. 3Waza u‐Abasalome wati kuye: Kangela, indawo zako zilungile, zifanelekile; kodwa akuko umpulapuli kuwe evela kukumkani. 4Wati kanjalo u‐Abasalome: Akwaba ndamiswa umgwebi elizweni, ukuba eze kum umntu osukuba enempikiso nesimangalo, ukuze ndimlungise! 5Kwaza kwati, akusondela umntu ukuza kutoba pambi kwake, wandula wasolula isandla sake, wambamba, wamanga. 6Wenza ke u‐Abasalome ngendawo enjalo kubo bonke o‐Sirayeli abezayo kukumkani ekugwebeni: wada u‐Abasalome weba̔ intliziyo zamadoda akwa‐Sirayeli.
7Kwabekute ekupeleni kweminyaka yamashumi mane, wandula u‐Abasalome wati kukumkani: Mandihambe ke, ndiye ndisifeze isibambiso sam, endibambisileyo ngaso kuyehova, e‐Hebrone: 8ngokuba isicaka sako besibambisa ngesibambiso, ndakuhlala e‐Geshure e‐Siriya, sisiti: Ukuba uyehova uya kundibuyisela e‐Yerusaleme ngenyaniso, ndiya kwandula ndimkonze uyehova. 9Waza ukumkani wati kuye: Hamba ngoxolo. Wesuka ke, waya e‐Hebrone.
10Kekaloku u‐Abasalome watuma abahloli pakati kwazo zonke izizwe zo‐Sirayeli, esiti: Xeshekweni niya kuva ilizwi lexilongo, nandul’ ukuti: u‐Abasalome ungukumkani e‐Hebrone. 11Kwaye kumka no‐Abasalome e‐Yerusaleme amadoda angamakulu mabini, engamenyiweyo; aya ngolungelelwano lwawo, engazi luto. 12Kanjalo u‐Abasalome watumela u‐Ahitofele um‐Gilo, umpakati ka‐Davide, avele esixekweni sake, e‐Gilo, nxa ebebingelela imibingo. Yati ingcebiswano yaba namandla; ngokuba abantu bebemana besandela u‐Abasalome.
13Wada weza umbiki ku‐Davide, esiti: Intliziyo zamadoda akwa‐Sirayeli ziyalandela u‐Abasalome. 14Wandula wati u‐Davide kuzo zonke izicaka zake ezibe zinaye e‐Yerusaleme: Sukani, sisabe; ngokuba kungayi kubako kuti ukusinda ebusweni buka‐Abasalome: nxamani ukumka, hleze asifumane kamsinyane, ahlise pezu kwetu ilishwa, abete isixeko ngohlangoti lweṙele. 15Zaza izicaka zokumkani zati kukumkani: Njengako konke iya kukunyula inkosi yam ukumkani, nazi izicaka zako ukwenje njalo!
16Waza wapuma ukumkani, nabo bonke abendlu yake ngasezinyaweni zake: kodwa ukumkani washiya ishumi labafazi abangamashweshwe, ukuba balinde indlu. 17Kwa njalo wapuma ukumkani, nabo bonke abantu ngasezinyaweni zake; baya bahlala e‐Bete‐meraki. 18Zaza zonke izicaka zake zadlula ngasecaleni lake; nabo bonke aba‐Kereti, nabo bonke aba‐Peleti, nawo onke ama‐Gate, amadoda angamakulu matandatu abevele e‐Gate ngasezinyaweni zake, badlula pambi kwokumkani. 19Wandula ukumkani wati ku‐Yitai um‐Gate: Kunganina ukuba nawe uhambe nati? buya, uhlale nokumkani; ngokuba wena ungowasemzini, nofudukileyo ukuza endaweni yako kanjako: 20ufikile izolo nje, sendiya kukudungudelisa na namhla ngokuhamba nati? mna kambe ndiya kuhamba apo ndingahambela kona; buya wena, ubuyise abazalwana bako: ububele nenyaniso maibe nawe. 21Koko u‐Yitai wampendula ukumkani, wati: Njengokuba ehleli uyehova, nanjengokuba ihleli inkosi yam ukumkani, endaweni apo iya kubako kona inkosi yam ukumkani, nokuba kube kukufa, nokuba kube kukudliwa kwobomi, kwa lapo siya kubako isicaka sako! 22Waza u‐Davide wati ku‐Yitai: Hamba, uwele. Wasuka wawela u‐Yitai um‐Gate, nawo onke amadoda ake, nabo bonke abantwana ababenaye. 23Lati ilizwe lonke lalila ngelizwi elikulu, bakuwela bonke abantu: kanjalo ukumkani wawela umlanjana we‐Kidrone, baza bawela nabantu bonke, ngasendleleni yentlango.
24Kwaye kuko, bona ke, no‐Tsadoki, nabo bonke aba‐Levi kunye naye, betwele ityeya yocebano lukatixo; bayibeka pantsi ke ityeya katixo; waza wenyuka u‐Abiyatare, bada bagqiba bonke abantu ukudlula bevela esixekweni. 25Wayesiti ukumkani ku‐Tsadoki: Yibuyisele ityeya katixo esixekweni: ukuba ndiya kufumana ufefe emehlweni kayehova, uya kundibuyisa, andibonise yona nekaya lake; 26kodwa ukuba utsho ukuti: Andikoliswa nguwe; nanku mna, makenze kum njengo kuba kulungile emehlweni ake. 27Walekela ukumkani wati ku‐Tsadoki umperisite: Wena akungumboni na? buyela esixekweni ngoxolo, nonyana bako bobabini kunye nawe, u‐Himahatse unyana wako, no‐Jonatane unyana ka‐Abiyatare. 28Kangelani, ndiya kulibala ematafeni entlango, kude kuvele ilizwi kuni lokundibika. 29Ngako u‐Tsadoki no‐Abiyatare babuyisela ityeya katixo e‐Yerusaleme, baza bahlala kona.
30Kekaloku u‐Davide wenyuka ngeqina lentaba yeminquma, elila ekunyukeni kwake, enentloko yake igqujutelwe, wahamba ngenyawo zingenazihlangu: kanjalo bonke abantu ababenaye bagqubutela abanye ngabanye intloko zabo, benyuka, belila ekunyukeni kwabo. 31Kwada kwaxelelwa u‐Davide, ukuti: u‐Ahitofele upakati kwabacebiswene no Abasalome. Waza wati u‐Davide: Zumatise ke icebo lika‐Ahitofele, Yehova!
32Kwabekute, akufika u‐Davide emmangweni, apo wambedesha kona utixo, nanku u‐Hushai um‐Areki esiza kumkaulela, enengubo yake iṙazukile, nomhlaba pezu kwentloko yake. 33Wayesiti u‐Davide kuye: Ukuba uyadlula nam, uya kwandula ube ngumtwalo kum; 34kodwa ukuba uya kubuyela esixekweni, uti ku‐Abasalome: Mna ndoba sisicaka sako, kumkani! bendisisicaka soyihlo ngapambili, kodwa kaloku ndoba sisicaka sako; uya kwandula unditshitshisele icebo lika‐Ahitofele. 35Abako na nawe kona u‐Tsadoki no‐Abiyatare abaperisite? ngako kuya kuti, zonke indawo uya kuziva zivela endlwini yokumkani, wozixela ku‐Tsadoki naku‐Abiyatare abaperisite. 36Bako nabo kona onyana babo bobabini, u‐Himahatse oka‐Tsadoki, no‐Jonatane oka‐Abiyatare; ngezandla zabo niya kutuma kum zonke indawo eniya kuziva. 37Waza u‐Hushai, umhlobo ka‐Davide, weza esixekweni; wati no‐Abasalome weza e‐Yerusaleme.