1WANDULA u‐Elisha umprofite wabiza omnye konyana babaprofite, wati kuye: Binqa isinqe sako, utabate eligutyana leoli esandleni sako, uye e‐Ramote yase‐Gileyadi: 2uti wakufika kona, umkangelele apo u‐Jehu, unyana ka‐Yehoshafate, unyana ka‐Nimshi, ungene, umenze asuke pakati kwabazalwana bake, umzise enkambilini yapakati; 3uze utabate igutyana leoli, uyigalele pezu kwentloko yake, uti: Utsho uyehova ukuti: Ndikutambisile ube ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli. Wandule uvule ucango, usabe, ungalibali. 4Yasuka indodana leyo, indodana engumprofite, yaya e‐Ramote yase‐Gileyadi.
5Kekaloku yakufika, bona ke, inkosi zempi zibe zihleli kona; yaza yati: Ndinelizwi kuwe, nkosi! Wati u‐Jehu: Kuwupina kuti sonke? Yayisiti: Kuwe, nkosi! 6Wesuka ke, wangena endlwini; yaza yayigalela ioli pezu kwentloko yake, yati kuye: Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Ndikutambisile ube ngukumkani pezu kwabantu bakayehova, pezu kwo‐Sirayeli: 7wauya kubeta indlu ka‐Ahabi inkosi yako, ukuba ndipindezele igazi lezicaka zam abaprofite, negazi lazo zonke izicaka zikayehova, esandleni sika‐Jezebele: 8ngokuba yonke indlu ka‐Ahabi iya kutshabalala; ndandiya kunqamlela u‐Ahabi lowo unobudoda, nalowo uvaliweyo nalowo ukululekileyo, kwa‐Sirayeli; 9ndenze indlu ka‐Ahabi njengayo indlu ka‐Jerobome unyana ka‐Nebati, nanjengayo indlu ka‐Bahasha unyana ka‐Ahiya: 10no‐Jezebele izinja ziya kumdla enqeleni yase‐Yezerele, kungayi kubako namnye ukumncw̔aba. Yaza yavula ucango, yabaleka.
11Wandula u‐Jehu wapumela kuzo izicaka zenkosi yake; kwaza kwatiwa kuye: Kulungile na? ebezela nina kuwe elogeza? Wayesiti kuzo: Niyayazi indoda leyo, nokuteta kwayo. 12Koko zati: Uyaxoka; sixelele kambe. Wayesiti: Njengokunje nanjengokunje yateta kum, isiti: Utsho uyehova ukati: Ndikutambisile ube ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli. 13Zaza zanxama ke, zatabata ezinye ngezinye ingubo yazo, zayibeka ngapantsi kwake kwa pezu kwezinyukelo, zavutela ngexilongo, zati: Uba ngukumkani u‐Jehu! 14Wandula u‐Jehu, unyana ka‐Yehoshafate, unyana ka‐Nimshi, wenza ingcebiswano ngakuye u‐Yorame. (Kekaloku u‐Yorame wabegcina i‐Ramote yase‐Gileyadi, yena no‐Sirayeli bonke, ngenxa ka‐Hazayeli ukumkani we‐Siriya; 15kodwa ebebuyile u‐Yorame ukumkani ukuya kupoliswa e‐Yezerele emanxebeni abewenzelwe ngama‐Siriya ekulweni kwake no‐Hazayeli ukumkani we‐Siriya.)
Wayesiti u‐Jehu: Ukuba kungumxe̔lo wenu, makangapumi osindileyo esixekweni ukuya kushumayela oku e‐Yezerele. 16Waza wakwela u‐Jehu enqwelwaneni, wahambela e‐Yezerele; ngokuba u‐Yorame ebelele kona. Kanjalo u‐Ahaziya ukumkani wo‐Juda ebehlile ukuza kumbona u‐Yorame. 17Kekaloku umlindi ebemi pezu kwenqaba e‐Yezerele, owabona isihlwele sika‐Jehu ekuzeni kwake, wati: Ndiyabona isihlwele mna. Waza wati u‐Yorame: Tabata umkweli, umtume ukuya kubakaulela, aze ati: Luxolo na? 18Wasuka waya umkweli wehashe ukumkaulela, wati: Utsho ukumkani ukuti: Luxolo na? Wayesiti u‐Jehu: Uxolo luyinto nina kuwe? jikela ngasemva kwam. Waxela umlindi, esiti: isigidimi seza kubo, kodwa asibuyi. 19Waza watuma umkweli wehashe ngokwesibini, owafika kubo, wati: Utsho ukumkani ukuti: Luxolo na? Wayesiti u‐Jehu: Uxolo luyinto nina kuwe? jikela ngasemva kwam. 20Waxela ke umlindi, esiti: Weza kubo, kodwa akabuyi; kanjako ukuqu̔ba kunjengokuqu̔ba kuka Jehu unyana ka‐Nimshi, ngokuba equ̔ba ngobugeza. 21Wandula wati u‐Yorame: Bopa. Kwaza kwabotshwa inqwelwana yake. Wasuka wapuma u‐Yorame ukumkani wo‐Sirayeli, no‐Ahaziya ukumkani wo‐Juda, omnye nomnye enqwelwaneni yake; baye bepuma ukuya kukaulela u‐Jehu, bahlangana naye esahlulweni somhlaba sika‐Nabote um‐Yezerele.
22Kwaye kute, nxa u‐Yorame wambona u‐Jehu, waza wati: Luxolo na, Jehu? Wayesiti: Luxolo olunina nxa imibulo ka‐Jezebele unyoko wako, nezenzo zobugqi zake, ziseninzi kangaka? 23Waza u‐Yorame wasonga izandla zake, wesaba, wati ku‐Ahaziya: Kuko inkohliso, Ahaziya! 24Kuloko u‐Jehu wabamba isipeta ngesandla sake, wambeta u‐Yorame pakati kwemikono yake, ukuba utolo lwapuma entliziyweni yake, waza watoba pantsi enqwelwaneni yake. 25Wandula wati u‐Jehu ku‐Bidekare injengele yake: Funqula, umpose kwesosahlulo somhlaba sika‐Nabote um‐Yezerele: ngokuba kumbula, nxa sanxulumana mna nawe ukukwela emva kwo‐Ahabi uyise, okokuba uyehova wabeka pezu kwake lomgwebo wokuti: 26Ngenyaniso igazi lika‐Nabote, negazi lonyana bake, ndilibonile izolo, utsho uyehova; ndandiya kupindezela kuwe kwesisahlulo somhlaba, utsho uyehova! Ngako kaloku, funqula, umpose kwesosahlulo somhlaba, njengalo ilizwi likayehova.
27Kodwa u‐Ahaziya ukumkani wo‐Juda, akubona oku, wesaba ngendlela yendlu yomyezo. Wasuka u‐Jehu wamputuma, wati: Mbeteni naye enqwelwaneni. Benje njalo ke eqineni le‐Gure, elingase‐Yibelame; wandula wesabela e‐Megido, wafa kona. 28Zaza izicaka zake zamsa ngenqwelwana e‐Yerusaleme, zamncw̔aba encw̔abeni lake ndawonye noyise bake esixekweni sika‐Davide. 29Ngomnyaka weshumi elinamnye ka‐Yorame unyana ka‐Ahabi, waba ngukumkani u‐Ahaziya pezu kwo‐Juda.
30Wada watika u‐Jehu e‐Yezerele. Wati akuva u‐Jezebele, wafaka amehlo ake iqabo, wayenza ntle intloko yake, wakangela pandle ngefenstile. 31Nxa u‐Jehu abengena esangweni, wandula wati: Bekuko uxolo na ku‐Zimri, owabulalayo inkosi yake? 32Waza wapakamisa ubuso bake ngasefenstileni, wati: Ngubanina ongecala lam? ngubanina? Kwaza kwakangela pandle ngakuye abatenwa babini umhlaumbi batatu. 33Wayesiti: Mkahleleni pantsi. Bamkahlela pantsi ke; kwaza kwasasazwa kwigazi lake pezu kwodonga, napezu kwamahashe; wamnyatela kanjalo. 34Waza wangena, wadla wasela nokusela, wati: Yiyani nikangele lomfazi oqalekisiweyo, nimncw̔abe, ngokuba eyintombi yokumkani. 35Basuka baya ukumncw̔aba; kodwa abafumana nto kuye, kupela lukakai, nenyawo, nentende zezandla. 36Ngako babuya beza, bamxelela. Wayesiti: Lento lilizwi likayehova, elo walitetayo ngesicaka sake u‐Elija um‐Tishebi, lisiti: Enqeleni yase‐Yezerele izinja ziya kuyidla inyama ka‐Jezebele: 37saye isidumbu sika‐Jezebele siya kuba njengomgquba pezu kwobuso bomhlaba, enqeleni yase‐Yezerele; ukuba akuyi kutiwa: Lo‐ungu‐Jezebele.