1Wandula wati u‐Elisha: Yivani ilizwi likayehova: utsho uyehova ukuti: Malunga nelixesha langomso kwotengiswa isilinganiso somgubo ocolekileyo ngeshekele, nezilinganiso zibini zeṙalasi ngeshekele, esangweni le‐Samariya. 2Laza iduna, owayama ukumkani pezu kwesandla salo, lapendula indoda katixo, lati: Bona ke, uyehova esenza izituba ezulwini nje, ibingabako lento na? Yayisiti: Bona ke, uya kuyibona ngamehlo ako, kodwa akuyi kutya kokwayo.
3Kekaloku bekuko amadoda amane engamaleperi ngasemnyango wesango: ati ke wona enye kwenye: Sihlalela nina apa, side sife? 4ukuba siti: Siya kungena esixekweni, indlala isesixekweni ke, sasiya kufa kona; nokuba sihlala apa, siya kufa kanjalo: ngako kaloku, hambani, sipongomele emkosini wama‐Siriya; ukuba ayasilondoloza ebomini, siya kubudla ubomi; nokuba ayasifisa, siya kufa kodwa. 5Aza esuka pakati kwoncwalazi ukuya emnqubeni wama‐Siriya: xeshekweni abefikile esipelweni somnquba wama‐Siriya, bona ke, kwakungeko kona namntu. 6Ngokuba inkosi ibivisile umkosi wama‐Siriya intlokoma yenqwelo, nentlokoma yamahashe, intlokoma yempi enkulu; andula ati omnye kwomnye: Bona ke, ukumkani wo‐Sirayeli ubaqeshile ngakuti okumkani bama‐Hete, nokumkani bama‐Jipete, ukusizuma. 7Abesukile ngako, esaba pakati kwoncwalazi, ashiya intente zawo, namahashe awo, namaqwaṙashe awo, umuquba njengokuba ubunjalo, esabela ubomi bawo.
8Kwa njalo amaleperi la eza esipelweni somnquba, angena ententeni, atya asela nokusela, asusa kona isilivere, negolide, nezivato, aya azifihla; aza abuya eza, angena kwenye intente, asusa nakona, aya afihla kanjalo. 9Andula ati elinye kwelinye: Asenzi tina ngokufaneleyo; umhla lo ngumhla wendaba ezilungileyo, kanti tina siti cwaka: ukuba siyalinda kude kukanye ukusa, sesiya kuzuza ityala; ngako kaloku hambani, siye sixelele indlu yokumkani. 10Asuka eza, abiza kumgcinisango wesixeko, ashumayela kubo, esiti: Kaseza emnqubeni wama‐Siriya, kekaloku bona ke, bekungeko kona namntu, nelizwi labantu, kodwa amahashe ebotshelelwe, namaqwaṙashe ebotshelelwe, nentente njengokuba zibe zinjalo. 11Waza wabiza abagcinisango, abaxelelayo indlu yokumkani pakati.
12Wandula wesuka ukumkani ebusuku, wati kuzo izicaka zake: Ndonixelela kambe into ayenzileyo kuti ama‐Siriya. Ayakwazi ukuba silambile; ngako apumile emnqubeni ukuya kuzimela endle, esiti: Nxa bapumileyo esixekweni, sobabamba behleli, singene esixekweni ke. 13Waza wapendula owasezicakeni zake, wati: Makutatyatwe ke amahlanu kuwo amahashe aseleyo, lawo aseleyo pakati kwalapa; (bona ke, oba njengaso sonke isihlwele so‐Sirayeli abaseleyo pakati kwalapa; bona ke, oba njengaso sonke isihlwele so‐Sirayeli abagqityelweyo;) size situme sibone. 14Kwaye kutatyatwa amahashe enqwelo ezimbini; waza watuma ukumkani emva kwomkosi wama‐Siriya, esiti: Hambani nibone. 15Basuka bawalandela kwada kwakuyo i‐Yoredane: kekaloku, bona ke, yonke indlela ibizele zizivato nempahla, abezilahlile ama‐Siriya ekunxameni kwawo. Zandula zabuya izigidimi, zashumayela kukumkani.
16Basuka bapuma abantu, bapanga umnquba wama‐Siriya. Kwaza kwatengiswa isilinganiso somgubo ocolekileyo ngeshekele, nezilinganiso zibini zeṙalasi ngeshekele, njengelizwi likayehova. 17Wati ukumkani walipatisa iduna, elo wayama pezu kwesandla salo, pezu kwesango; baza abantu balinyatela esangweni, lada lafa, njengokuba ibitetile indoda katixo, eyatetayo nxa ukumkani wehlela kuyo. 18Kwaye kute ke njengokuba indoda katixo ibitetile kukumkani, isiti: Kuya kutengiswa izilinganiso zibini zeṙalasi ngeshekele, nesilinganiso somgubo ocolekileyo ngeshekele, malunga nelixesha langomso, esangweni le‐Samariya. 19Laye iduna elo beliyipendula indoda katixo, lati: Bona ke, uyehova esenza izituba ezulwini nje, ibingabako lento na? Yaza yati: Bona ke, uya kuyibona ngamehlo ako, kodwa akuyi kutya kokwayo. 20Kwalihlela njalo ke; ngokuba abantu bebelinyatela esangweni, lada lafa.