1WAYE u‐Ahabi ebenonyana abangamashumi asixe̔nxe e‐Samariya. Waza u‐Jehu waba̔la incwadi, watumela e‐Samariya, kwinkosana zase‐Yezerele, kwabadala, nakwabondli babantwana baka‐Ahabi, esiti: 2Kekaloku yakufika lencwadi kuni, benani onyana benkosi yenu nje, zinani kanjalo inqwelwana namahashe, nesixeko esinqatyisiweyo, nezixo̔bo; 3kangelelani lowo ulungileyo nofaneleyo konyana benkosi yenu, nimbeke pezu kweterone yoyise; nize nilwele indlu yenkosi yenu. 4Kodwa bebesoyika kakulu kunene, bati: Bona ke, okumkani bebabini abema pambi kwake; sesiya kuti nina ukuma tina? 5Baza obepezu kwendlu, nobepezu kwesixeko, nabadala, nabondli, batuma ku‐Jehu, ukuti: Sizizicaka zako tina, nako konke uya kusixelela kona siya kukwenza; asiyi kumenza namnye umntu ukumkani; yenza oko kulungileyo emehlweni ako.
6Wandula waba̔la incwadi kubo ngokwesibini, esiti: Ukuba ningabam, nokuba niya kupulapula ilizwi lam, zitabateni intloko zamadoda, zonyana benkosi yenu, nize kum e‐Yezerele malunga nelixesha langomso. Kekaloku onyana bokumkani, bengamadoda angamashumi asixe̔nxe, bebenabakulu besixeko abebebakulisile. 7Kwaza kwati, yakufika incwadi leyo kubo, batabata onyana bokumkani, babulala amadoda angamashumi asixe̔nxe, babeka intloko zawo ezingobozini, bazitumela kuye e‐Yezerele. 8Kwaye kusiza isigidimi, esashumayela kuye, sisiti: Bazisile intloko zonyana bokumkani. Wayesiti: Zibekeni ngemfumba zimbini emnyango wesango kude kuse. 9Kwabekute kwakusa, wapuma, wema, wati kubo bonke abantu: Nina nilungile; bona ke, ndaceba ngakuyo inkosi yam, ndayibulala; kodwa ngubanina obabuleleyo bonke aba? 10yazini kambe, ukuba akuyi kuwa nento yelizwi likayehova ngasemhlabeni, owalitetayo uyehova pezu kwendlu ka‐Ahabi: ngokuba uyehova ekwenzile oko wakutetayo ngesicaka sake u‐Elija. 11Wandula u‐Jehu wabulala bonke abaseleyo kwindlu ka‐Ahabi e‐Yezerele, nabo bonke abakulu bake, nabazane bake, nabaperisite bake, wada akamshiyela namnye oseleyo.
12Wada wesuka, wemka, waya e‐Samariya. Nxa abese‐Bete‐hekede yabalusi, endleleni, 13u‐Jehu wafumanana nabazalwana baka‐Ahaziya ukumkani wo‐Juda, wati: Ningobanina? Baye besiti: Tina singabazalwana baka‐Ahaziya; sasihlile ukuza kubulisa onyana bokumkani nonyana bokumkanikazi. 14Wand’ ukuti: Babambeni behleli. Baza bababamba behleli, bababulala ngasemnxunyeni wase‐Bete‐hekede, bengamadoda angamashumi mane anesibini; akasalisa namnye kubo.
15Nxa abemkile kona, wafumanana no‐Yehonadabi, unyana ka‐Rekabe, esiza ukumkaulela; waza wambulisa, wati kuye: Intliziyo yako ilungelelene na, njengokuba intliziyo yam ilungelelene nentliziyo yako? Wayesiti u‐Yehonadabi: Injalo. Ukuba injalo, ndinike isandla sako. Wanika ke isandla sake; waza wamnyukisela kuye enqwelwaneni. 16Wayesiti: Hamba nam, ubone ikwele lam ngenxa kayehova. Kwa njalo bamkwelisa enqwelwaneni yake.
17Wati akufika e‐Samariya, wabulala bonke abaseleyo ku‐Ahabi e‐Samariya, wada wamtshabalalisa; njengelizwi likayehova, elo wabelitetile ku‐Elija.
18Wandula u‐Jehu wabahlanganisa bonke abantu, wati kubo: u‐Ahabi wakonza u‐Bali ngokuncinane; u‐Jehu uya kumkonza ngokukulu. 19Ngako kaloku, bizani bonke abaprofite baka‐Bali, zonke izicaka zake, nabo bonke abaperisite bake, beze kum; makungabiko namnye ongekoyo: ngokuba ndinombingo omkulu wokwenzelwa u‐Bali; osukuba eya kuba engeko, akayi kudla ubomi. Kodwa u‐Jehu wenza ngobuqinga, ukuze ababubise abakonzi baka‐Bali. 20Walekela wati u‐Jehu: Miselani u‐Bali intlanganiso enkulu. Baza bashumayela ke. 21Waye u‐Jehu kanjalo watuma pakati kwe‐Sirayeli yonke; bandula beza bonke abakonzi baka‐Bali, kwada akwasala namnye obengezi: baye besiza endlwini ka‐Bali, ukuba indlu ka‐Bali ibizele kwa kwenye incam kwada kwakwenye. 22Wandula wati kulowo ubepezu kwendlu yezivato: Kupela bonke abakonzi baka‐Bali izivato. Wabakupela izivato ke. 23Waza wangena u‐Jehu, no‐Yehonadabi unyana ka‐Rekabe, endlwini ka‐Bali, wati kubo abakonzi baka‐Bali: Pengululani, nibone ukuba kungabiko apa nani namnye wabakonzi bakayehova, kubeko abakonzi baka‐Bali bodwa. 24Kekaloku bakungena ukwenza imibingelelo namadini okutshiswa, wandula u‐Jehu wawamisa ngapandle amadoda angamashumi asibozo, wati: Lowamntu, kuwo onke amadoda endiwazisileyo ezandleni zenu, osindayo, ubomi bake omsindisayo boba sesikundleni sobomi bake.
25Kwaye kute, nxa abegqibile ukwenza idini lokutshiswa, wati u‐Jehu kumlisela nakuzo injengele: Ngenani, babeteni, makungapumi namnye. Baza bababeta ngohlangoti lweṙele; kanjalo umlisela nenjengele babaposa pandle, baya esixekweni sendlu ka‐Bali. 26Bandula bakupa izifanekiso endlwini ka‐Bali, bazitshisa. 27Kanjako basicita isifanekiso sika‐Bali; bayicita nendlu ka‐Bali, bayenza ibe yindlu yelindle kude kwanamhla.
28Kwa njalo u‐Jehu watshabalalisa u‐Bali kwa‐Sirayeli. 29Kodwa izono zika‐Jerobome unyana ka‐Nebati, owenzayo o‐Sirayeli bone, akapambuka u‐Jehu ekuzilandeleni, kwa amatole egolide abese‐Betele nabese‐Dane.
30Waza uyehova wati ku‐Jehu: Ngenxa yokuba ulungisile ukwenza okufaneleyo emehlweni am, ukuba wenzile kwindlu ka‐Ahabi njengako konke obekusentliziyweni yam, onyana bako besesine isizukulwana baya kuhlala pezu kweterone yakwa‐Sirayeli. 31Kodwa u‐Jehu akalumkela ukuhamba emtetweni kayehova, utixo wo‐Sirayeli, ngayo yonke intliziyo yake; akapambuka kuzo izono zika‐Jerobome, owenzayo o‐Sirayeli bone.
32Ngaleyomihla waqala uyehova ukunqamla kwa‐Sirayeli: ngokuba u‐Hazayeli wababeta kuyo yonke imida yakwa‐Sirayeli; 33kutabata e‐Yoredane ngasekupumeni kwelanga, lonke ilizwe le‐Gileyadi, elama‐Gadi, nelama‐Rubene, nelama‐Manase; kuyo i‐Harohere, engasemlanjeni we‐Arenone, ne‐Gileyadi, ne‐Bashane.
34Kekaloku isisalela semicimbi ka‐Jehu, nako konke abekwenza, nawo onke amandla ake, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli? 35Wada walala u‐Jehu noyise bake, wancw̔atywa e‐Samariya; waza u‐Yehowahazi unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake. 36Nemihla abepata ubukumkani u‐Jehu pezu kwo‐Sirayeli, ibiyiminyaka engamashumi mabini anesibozo.