1Ngokuba sisazi ukuba siti, xeshekweni indlu yetu yasemhlabeni yolupahla ici̔twayo, sinaso isakiwo sivela kutixo, indlu ingenziwanga ngezandla, ingunapakade, ezulwini. 2Ngokuba kulo olu sigula, silangazelela ukwambata intlalo yetu evela ezulwini: 3ukuba kambe nxa sivete nje asiyi kufunyanwa sizé. 4Ngokuba tina esikulo olupahla sigula, sitwaliswa ke: ekubeni singafuni ukuhlutyululwa, koko sifuna ukwambatiswa, ukuze oko kunokufa kuginywe bubomi. 5Kekaloku lowo owasenzela kwa yona lento ngutixo, ote kanjalo wasinika isibambiselo somoya.
6Sinokwomelela ngoko ngamaxesha onke nje, sisazi nokwazi ukuba siti, nxa sisekaya letu emzimbeni, sikude nekaya letu enkosini; 7(ngokuba sihamba ngalo ukolo, singahambi ngako okubonakalayo;) 8siyomelela ke, ewe siyanxamela ukuti ngakumbi sifuduke emzimbeni, sigodukele kwinkosi. 9Ngako oko siyazamela ukuba siti, nokuba siseko, nokuba siyafuduka, sibe sikolekile kuyo. 10Ngokuba sifanele tina sonke ukubonakaliswa pambi kwesihlalo sokugweba sika‐Kristu; ukuze bonke ngabanye babuye bamkele izinto ezenziweyo besemzimbeni, ngokwezinto bazenzileyo, nokuba yinto elungileyo, nokuba yinto ekohlakeleyo.
11KEKALOKU silwazi nje ulwoyikeko lwenkosi, siyacenga abantu: kodwa sibonakalisiwe kutixo; ewe ndiyatemba kanjalo ukuba sibonakalisiwe pakati kwezazeliso zenu. 12Ngokuba singabuyi sizazise kuni, koko sininika ituba lokuqa̔yisela ngenxa yetu, ukuze nibe nalo ngakubo abati baqa̔yise ebusweni, bangaqa̔yisi entliziyweni. 13Ngokuba nokuba sinobuhilihili, kungenxa katixo; nokuba sinokuqonda kwetu, kungenxa yenu. 14Ngokuba utando luka‐Kristu lusinyanzela, sigwebile nje oku ukuti, ukuba omnye wafela bonke, kukona bafayo kwa bonke: 15kanjalo wafela bonke, ukuze abo bahleliyo bangabi sazihlalela bona, koko bahlalele lowo ute ngenxa yabo wafa wabuya wavuka. 16Kwa njalo tina emveni kwakaloku nje asazi ngokwenyama namnye umntu: ewe nokuba simazile ngokwenyama u‐Kristu, noko ngoku asisamazi. 17Kwa njalo ukuba umntu ukuye u‐Kristu, usisidalwa esitsha: izinto zakudala zidlulile; bona ke, zonke izinto ziba zintsha. 18Kanjako zonke izinto zivela kutixo, owasixolisana naye ngokwake ngaye u‐Yesu Kristu, wasinika tina isikonzo soxolisano; 19esokuti utixo ube ku‐Kristu elixolisana naye ngokwake ilizwe, engabaleli kubo iziposo zabo; wayebekela kuti ilizwi loxolisano.
20Ngako sizizitunywa esikundleni sika‐Kristu, njengokungati utixo ebenikunga ngati: siyanitandaza esikundleni sika‐Kristu, manixoliswane notixo. 21Ngokuba lowo ubengasazanga isono wamenza ukuba sisono ngenxa yetu; ukuze tina sibe bubulungisa bukatixo kuye.