1BANDULA abantu belizwe batabata u‐Yehowahazi unyana ka‐Josiya, bamenza ukumkani esikundleni soyise e‐Yerusaleme. 2Ebeyiminyaka imashumi mabini anesitatu u‐Yehowahazi ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani inyanga zantatu e‐Yerusaleme. 3Koko ukumkani we‐Jipete wamshenxisayo angabi ngukumkani e‐Yerusaleme, wahlaulisa ilizwe ikulu letalente zesilivere, netalente inye yegolide. 4Waza ukumkani we‐Jipete wamenza u‐Eliyakime umkuluwe wake ukumkani pezu kwo‐Juda ne‐Yerusaleme, waguqula igama lake libe ngu‐Yoyakime; no‐Yehowahazi umninawe wake, wamtabata u‐Neko, wamzisa e‐Jipete.
5Ebeyiminyaka imashumi mabini anamihlanu u‐Yoyakime ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yalishumi elinamnye e‐Yerusaleme: wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, utixo wake. 6Kwenyuka ngakuye u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, wamnxiba ngamakamandela obedu, ukuba amse e‐Babilone. 7Nempahla zendlu kayehova wazizisa u‐Nebukanetsare inxenye e‐Babilone, wazibeka etempileni yake e‐Babilone.
8Kekaloku isisalela semicimbi ka‐Yoyakime, nento ezibuntshontsho zake owazenzayo, noko obekufunyanwa kuye, bona ke, ziba̔liwe encwadini yokumkani bo‐Sirayeli no‐Juda: waza u‐Yoyakine unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
9Ebeyiminyaka yasibozo u‐Yoyakine ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani inyanga zantatu nemihla yalishumi e‐Yerusaleme: wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova. 10Nasekutwaseni kwomnyaka, watuma ukumkani u‐Nebukanetsare, wamzisa e‐Babilone, kunye nezinto ezinq wenelekileyo zendlu kayehova, wamenza u‐Zedekiya umzalwana wake ukumkani pezu kwo‐Juda ne‐Yerusaleme.
11Ebeyiminyaka imashumi mabini anamnye u‐Zedekiya ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yalishumi elinamnye e‐Yerusaleme. 12Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, utixo wake; akazigoba pambi kwo‐Jeremiya umprofite, eteta okuvela emlonyeni kayehova. 13Nakanjako wavukela ngakuye ukumkani u‐Nebukanetsare, obemfungisile utixo; intamo yake wayenza lukuni, nentliziyo yake wayigwenxisa, ukuba angaguqukeli kuyehova, utixo wo‐Sirayeli.
14Kanjalo zonke inkosi zabaperisite, nabantu, bandisa ukwenza ngobumenemene kakulu, njengazo zonke izinto ezibuntshontsho zabaheyideni; banco̔lisa indlu kayehova, leyo abeyingcwalisile e‐Yerusaleme. 15Waza uyehova, utixo woyise babo, watuma kubo ngesandla sezitunywa zake, evuka kusasa, ezituma: ngokuba ebenenceba pezu kwabantu bake napezu kwekaya lake: 16kodwa babehleka izitunywa zikatixo, bawadela amazwi ake, nabaprofite bake babagculela; ude wavuka umsindo kayehova ngakubo abantu bake, kwada akwabiko umciza.
17Ngako wenyusela pezu kwabo ukumkani wama‐Kaledine, owabulala amadodana abo ngeṙele endlwini yeyingcwele indawo yabo, engabanga nanceba pezu kwomfana nentombi, pezu kwexego noyingwevu: bonke wabanika esandleni sake. 18Nazo zonke impahla zendlu katixo, ezinkulu nezincinane, nendyebo zendlu kayehova, nendyebo zokumkani, nezenkosi zake; ezi zonke wazizisa e‐Babilone. 19Baye betshisa indlu katixo, bacita nodonga lwe‐Yerusaleme, nazo zonke inqaba zayo bazitshisa ngomlilo, nazo zonke izinto ezinqwenelekileyo zayo bazonakalisa. 20Nabasindileyo eṙeleni wabafudusela e‐Babilone; baza baba zizicaka kuye nakonyana bake kwada kwakukupatwa kwobukumkani be‐Peresiya: 21kuze kuzalisekiswe ilizwi likayehova ngomlomo ka‐Jeremiya, lada ilizwe lenzelela isabata zalo: yonke imihla yokucitakala kwalo libe linokupumla, ize izalisekiswe iminyaka emashumi asixe̔nxe.
22KEKALOKU ngowokuqala umnyaka ka‐Koreshe ukumkani we‐Peresiya, ukuze kufezwe ilizwi likayehova ngomlomo ka‐Jeremiya, wawuvusa uyehova umoya ka‐Koreshe ukumkani we‐Peresiya, ukuba walidlulisa ilizwi kubo bonke ubukumkani bake, esenje njalo nangesiba̔lo kanjako, esiti: 23Utsho u‐Koreshe ukumkani we‐Peresiya ukuti: Bonke ubukumkani bomhlaba ndibunikiwe nguyehova, utixo wezulu: kanjalo yena undiyalezele ukumakela indlu e‐Yerusaleme, ekwa‐Juda. Ngubanina pakati kwenu ovumayo kubo bonke abantu bake? uyehova, utixo wake, makabe naye, enyuke ke.