1WANDULA u‐Josiya wabamba ipasika kuyehova e‐Yerusaleme: baye bexe̔la ipasika ngoweshumi linesine umhla wenyanga yokuqala. 2Waza wabamisa abaperisite pezu kwezigcinelo zabo, wabomelezela inkonzo yayo indlu kayehova; 3wati kuba‐Levi, abafundisayo o‐Sirayeli bonke, abebengabangcwele kuyehova: Bekani ityeya eyingcwele endlwini ebisakiwa ngu‐Solomone unyana ka‐Davide ukumkani wo‐Sirayeli; aniyi kuba namtwalo pezu kwamagxalaba; kaloku konzani uyehova, utixo wenu, nabantu bake o‐Sirayeli, 4nizilungise ngezindlu zoyise zenu, njengezahlulo zenu, ngesiba̔lo sika‐Davide ukumkani wo‐Sirayeli, nangesiba̔lo sika‐Solomone unyana wake; 5nime kweyingcwele indawo, ngezahlukaniso zezindlu zoyise zabazalwana benu usapo lwabantu, nangokwahlulwa kwezindlu zoyise zaba‐Levi; 6nixe̔le ipasika, nizingcwalise, nilungisele abazalwana benu, ukuba benze ngalo ilizwi likayehova ngesandla sika‐Mosesi.
7Waye u‐Josiya er̔olela usapo lwabantu ezinkomeni ezincinane, amatakane egusha nawebokwe, abe ngaweminikelo yepasika onke, ngenxa yabo bonke abebeko, angamawaka angamashumi matatu inani lawo, nenkabi ezingamawaka matatu: ezi bezizezemfuyo yokumkani. 8Nenkosi zake zona zar̔olela abantu, nabaperisite, naba‐Levi, ngokuvuma: u‐Hilikiya, no‐Zekariya, no‐Yehili, abapati bendlu katixo, banikela abaperisite, zibe yiminikelo yepasika, inkomo ezincinane ezingamawaka mabini anamakulu matandatu, nenkabi ezingamakulu matatu. 9Kanjalo u‐Konaniya, no‐Shemaya, no‐Netaneli, abazalwana bake, no‐Hashabiya, no‐Yeyeli, no‐Yozabadi, inkosi zaba‐Levi, bar̔olela aba‐Levi, zibe yiminikelo yepasika, inkomo ezincinane ezingamawaka mahlanu, nenkabi ezingamakulu mahlanu.
10Kwada kwalungiswa inkonzo: baza abaperisite bema endaweni yokuma yabo, naba‐Levi ezahlulweni zabo, njengomyalelo wokumkani. 11Baza baxe̔la ipasika; bati abaperisite bafefa ngegazi, belamkela ezandleni zabo, naba‐Levi bahlinza. 12Bandula basusa okwamadini okutshiswa, ukuba bakunike ngezahlulo zendlu zoyise elusatsheni lwabantu, ukuze lunikele kuyehova, njengokuba̔liweyo encwadini ka‐Mosesi: benje njalo ngenkabi nazo. 13Baye besoja ipasika ngomlilo, njengesiko: kodwa izinto ezingcwele bazipeka ezimbizeni, nakongxawo, nasezikotileni, baza bababela bonke abantu ngobunxamo.
14Nakamva balungisela bona, nabaperisite: ngokuba abaperisite, onyana baka‐Arone, bebesekunikeleni amadini okutshiswa namanqata kwada kwasebusuku; ngako aba‐Levi balungisela bona, nabaperisite onyana baka‐Arone. 15Kanjalo abaculi, onyana baka‐Safa, bebesendaweni yokuma yabo, njengomyalelo ka‐Davide, no‐Safa, no‐Hemani, no‐Jedutune umboni wokumkani; nabalindimnyango ngesango ngesango; bebengabangwa bona ukumka enkonzweni yabo, ngokuba abazalwana babo, aba‐Levi, babalungisela. 16Kwa njalo kwalungiswa yonke inkonzo kayehova ngaleyomini, ukuba kubanjwe ipasika, nokuba kunikelwe amadini okutshiswa pezu kwesibingelo sikayehova, njengomyalelo wokumkani u‐Josiya. 17Lwaza usapo luka‐Sirayeli obeluko lwabamba ipasika ngexesha elo, nomtendeleko wezonka ezingenagwele imihla esixe̔nxe.
18Kwaye kungabanjwanga ipasika enjalo, kuselokwemihla ka‐Samyali umprofite; kanjako akwabiko namnye ukumkani wo‐Sirayeli owabamba ipasika enjengaleyo wayibambayo u‐Josiya, nabaperisite, naba‐Levi, nabo bonke o‐Juda no‐Sirayeli abebeko, nabemi base‐Yerusaleme. 19Ngoweshumi linesibozo umnyaka wobukumkani buka‐Josiya kwabanjwa ipasika le.
20Emveni kwako konke oku, akuba u‐Josiya ebesel elungisile indlu, kwenyuka u‐Neko ukumkani we‐Jipete ukulwa ngakuyo i‐Karakemishe, ngasem‐Ferate: waza u‐Josiya wapumela ngakuye. 21Wandula watuma izigidimi ukuya kuye, esiti: Ndiyinto nina kuwe, kumkani wo‐Juda? andizi ngakuwe wena namhla, ndiza ngakuyo indlu elwayo nam; ngokuba utixo ete uya kundikaulezisa: yeka wena utixo, okunye nam, ukuze angakububisi. 22Kodwa u‐Josiya akasonga ubuso bake kuye, koko wazenza ngakumbi ukuba alwe naye; akapulapula kuwo amazwi ka‐Neko evela emlonyeni katixo, kodwa weza ukulwa emhlanjeni wase‐Megido. 23Bati abatoli bamtolela ukumkani u‐Josiya; waza wati ukumkani kwizicaka zake: Nimke nam, ngokuba ndenziwe inxeba kakulu. 24Zandula izicaka zake zamsusa enqwelweni leyo, zamkwelisa kweyesibini inqwelo abenayo, zamsa e‐Yerusaleme; wada wafa, wancw̔atywa emancw̔abeni oyise bake: baza bonke o‐Juda nabase‐Yerusaleme bamlilela u‐Josiya. 25Kanjako u‐Jeremiya wenza isililo pezu kwo‐Josiya; nabo bonke abaculi nabaculikazi bateta ngo‐Josiya ezililweni zabo kwada kwanamhla, bazenza zibe ngummiso kwa‐Sirayeli: bona ke, ziba̔liwe ezililweni.
26Kekaloku isisalela semicimbi ka‐Josiya, nezibele zake, njengoko kuba̔liweyo emtetweni kayehova, 27nezenzo zake, ezokuqala nezokupela, bona ke, ziba̔liwe encwadini yokumkani bo‐Sirayeli no‐Juda.