1EBEYIMINYAKA ilishumi linamibini u‐Manase ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yamashumi mahlanu anamihlanu e‐Yerusaleme. 2Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, njengento ezibuntshontsho zabaheyideni, ababegqogqiwe nguyehova pambi kwalo usapo luka‐Sirayeli. 3Ngokuba wabuya wazaka indawo ezipakamileyo, ezo u‐Hezekiya uyise wake ubezicitile; wamisela o‐Bali izibingelo, wenza imifanekiso ka‐Ashera, wazitoba kuwo wonke umkosi wezulu, wawukonza. 4Waka izibingelo nasendlwini kayehova, owabesiti uyehova ngayo: e‐Yerusaleme liya kubako igama lam kude kube ngunapakade. 5Wakela nawo wonke umkosi wezulu izibingelo, emabaleni omabini endlu kayehova. 6Waye yena kanjalo edlulisa abantwana bake emlilweni, esihlanjeni sonyana ka‐Hinome, wenza ngobugqi, walaula, wenza ngobanuse, wenzelana nemishologu namatola: wandisa ukwenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, ukumqumbisa. 7Kanjako wabeka umfanekiso oqingqiweyo, idalo abelenzile, endlwini katixo, owabesiti utixo ngayo ku‐Davide naku‐Solomone unyana wake: Kulendlu, nakuyo i‐Yerusaleme, endiyinyulileyo kuzo zonke izizwe zo‐Sirayeli, ndiya kubeka igama lam kude kube ngunapakade: 8ndandingayi kupinda ukukwelelisa unyawo luka‐Sirayeli emhlabeni, endiwumisele oyihlo benu; kupela ukuba baya kulumkela ukwenza konke endibayaleleyo ngako, ngawo wonke umteto, nezimiselo, nezigwebo, ngesandla sika‐Mosesi.
9Wenje njalo u‐Manase ukudungudelisa o‐Juda nabemi base‐Yerusaleme, bada bakwenza okukohlakeleyo ngapezu kwabaheyideni, abo wabatshabalalisayo uyehova pambi kwalo usapo luka‐Sirayeli. 10Wandula wateta uyehova ku‐Manase, nasebantwini bake: abapulapula noko. 11Ngako uyehova wazisa pezu kwabo inkosi zomkosi wokumkani we‐Asiriya, ezambamba u‐Manase emitolweni, zamnxiba ngamakamandela obedu, zamsa e‐Babilone. 12Kodwa ekuxinezelweni kwake wabongoza ubuso bukayehova, utixo wake, wazigoba kakulu pambi kwotixo woyise bake, 13watandaza kuye: waza wakungeleka kuye, weva isitaṙuziso sake, wambuyisela e‐Yerusaleme ebukumkanini bake. Wandula wazi u‐Manase ukuba uyehova unguye utixo.
14Nasemveni kwoku waka udonga ngapandle kwesixeko sika‐Davide, ngasecaleni lasentshonalanga le‐Gihone emfuleni, nakude kwasekungenweni ngesango lentlanzi, wabiyela i‐Hofeli, walupakamisa kakulu, wabeka inkosi zokulwa kuzo zonke izixeko ezinqatyisiweyo zakwa‐Juda. 15Wayesusa otixo basemzini nelodalo endlwini kayehova, nazo zonke izibingelo abezakile entabeni yendlu kayehova, nase‐Yerusaleme, waziposa ngapandle kwesixeko. 16Waza walungisa isibingelo sikayehova, wabinga pezu kwaso imibingo yoxolo neminikelo yokubulela, waxelela o‐Juda ukuba bakonze uyehova, utixo wo‐Sirayeli. 17Kodwa abantu basabinga imibingo ezindaweni ezipakamileyo, bebingela uyehova, utixo wabo, kupela.
18Kekaloku isisalela semicimbi ka‐Manase, nomtandazo wake kuye utixo wake, namazwi abo ababoni abateta kuye egameni likayehova, utixo wo‐Sirayeli, bona ke, zisemba̔lini yokumkani bo‐Sirayeli. 19Kanjalo umtandazo wake, nokokuba u‐Tixo wakungeleka kuye, nazo zonke izono zake, nobumenemene bake, nendawo owati kuzo waka indawo ezipakamileyo, wazimisa i‐Ashera nemifanekiso eqingqiweyo, engekazigobanga, bona ke, ziba̔liwe emazwini ababoni. 20Wada u‐Manase walala noyise bake, wancw̔atywa endlwini yake; waza u‐Amoni unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
21EBEYIMINYAKA imashumi mabini anesibini u‐Amoni ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yamibini e‐Yerusaleme. 22Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, njengokuba ebenje njalo u‐Manase uyise: ngokuba u‐Amoni wayibingela yonke imifanekiso eqingqiweyo abeyenzile uyise, wayikonza; 23akazigoba pambi kwoyehova, njengokuba ebezigobile u‐Manase uyise; koko u‐Amoni lowo wandisayo ityala. 24Zaza izicaka zake zaceba ngakuye, zamfisa kweyake indlu. 25Kodwa abantu belizwe babulala bonke abebecebile ngakuye ukumkani u‐Amoni: bandula abantu belizwe benza u‐Josiya unyana wake ukumkani esikundleni sake.