Eyesibini yezikronike 14
1WADA u‐Abiya walala noyise bake, wancw̔atywa esixekweni sika‐Davide; waza u‐Asa unyana wake wapata ubukumkani esikundleni sake. Kweyake imihla ilizwe lalonwabile iminyaka yalishumi.
2Waye u‐Asa esenza okulungileyo nokufaneleyo emehlweni kayehova, utixo wake: 3ngokuba ebesusa izibingelo zotixo basemzini, nendawo ezipakamileyo; waqekeza intsika zamatye, ne‐Ashera wazigaula; 4kanjalo waxelela o‐Juda ukuba bafune uyehova, utixo woyise babo, nokuba benze ngomteto nangomyalelo. 5Waza wazisusa kuzo zonke izixeko zakwa‐Juda indawo ezipakamileyo nezifanekiselo zelanga: baye ubukumkani bonwabile pambi kwake.
6Wayesaka izixeko ezinqatyisiweyo kwa‐Juda: ngokuba ilizwe belonwabile, kungabangako imfazwe kuye ngalominyaka nje; ngokuba ebempumzile uyehova. 7Ngako wabete ko‐Juda: Makesizake izixeko ezi, sizenze indonga ngokungqonga, nenqaba, ingcango, nemivalo, nxa ilizwe lisepambi kwetu: ngokuba simfunile uyehova, utixo wetu; samfuna ke, wasipumza ngamacala onke. Baza baka ke, bahambiseka. 8Kekaloku u‐Asa wabenempi yamawaka angamakulu matatu abakwa‐Juda, betwele amakaka nemikonto, namawaka angamakulu mabini anamashumi asibozo abakwa‐Benjamine, abatwali bengweletshetshe nabatyedi bezipeta: bonke aba bebengamagoṙa abuṙoti.
9Kwaye kupuma ngakubo u‐Zera um‐Tiyopiya, enempi yamadoda angamawaka aliwaka, nenqwelo ezingamakulu matatu; wayesiza kude kwase‐Maresha. 10Wandula u‐Asa wapuma ngakuye; baza bacwangcisela ukulwa esihlanjeni se‐Tsefata ngase‐Maresha. 11Waye u‐Asa wabiza kuyehova, utixo wake, wati: Yehova! asi nto kuwe ukunceda, nokuba ngabanamandla, nokuba ngabaswele amandla: sincede, Yehova, Tixo wetu! ngokuba sisayama kuwe, nangegama lako sizile ngakuso esisihlwele. Yehova! u ngutixo wetu wena; maingakwoyisi into engumntu. 12Waza uyehova wabeta ama‐Tiyopiya pambi kwo‐Asa napambi kwo‐Juda; ati ama‐Tiyopiya esaba. 13Koko u‐Asa nabantu abebenaye bawaputuma kwada kwase‐Gerari; andula awa kuwo ama‐Tiyopiya, kwada akwabiko ukugcinwa kwobomi kuwo; ngokuba ebecitwa pambi kwoyehova, napambi kwomkosi wake: bada bemka namaxoba amaninzi kakulu. 14Kanjalo babeta zonke izixeko ezingqongayo i‐Gerari; ngokuba ulwoyiko lukayehova belubako pezu kwazo: baza bazipanga zonke izixeko ezo; ngokuba impango eninzi ibipakati kwazo. 15Babeta nentente yenkomo, batimba igusha ngento eninzi, nenkamela, babuyela e‐Yerusaleme.
Bible Society of South Africa 1902