1Wati u‐Rehobome akufika e‐Yerusaleme, wahlanganisa indlu ka‐Juda no‐Benjamine, amawaka alikulu linamashumi asibozo amadodana eqelene nokulwa, ukuba kuliwe no‐Sirayeli, kuze kubuyiselwe ubukumkani ku‐Rehobome. 2Kodwa ilizwi likayehova leza ku‐Shemaya indoda katixo, lisiti: 3Yitsho ku‐Rehobome unyana ka‐Solomone ukumkani wo‐Juda, nakubo bonke o‐Sirayeli abakwa‐Juda nakwa‐Benjamine, usiti: 4Utsho uyehova ukuti: Aniyi kunyuka, aniyi kulwa nabazalwana benu kanjalo: buyani abanye ngabanye ukuya endlwini yabo: ngokuba lento yenzekile ngam. Bandula bapulapula amazwi kayehova, babuya ekuyeni kwabo ngaku‐Jerobome.
5Waza u‐Rehobome wahlala e‐Yerusaleme; wayesaka izixeko zibe zinqaba kwa‐Juda. 6Wayesaka i‐Beteleheme, ne‐Hetame, ne‐Tekoha, 7ne‐Bete‐tsure, ne‐Soko, ne‐Hadulame, 8ne‐Gate, ne‐Maresha, ne‐Zifi, 9ne‐Adorayime, ne‐Lakishe, ne‐Hazeka, 10ne‐Tsoreha, ne‐Ajalone, ne‐Hebrone, ezikwa‐Juda nakwa‐Benjamine, izixeko ezinqatyisiweyo. 11Wayenqabisa inqaba ezo, wabeka kuzo inkosi, nembekelo zokutya, neoli, neveyine: 12nakuzo zonke izixeko ngezinye wabeka amakaka nemikonto, wakolisa ukuzinqabisa kakulu: baye o‐Juda no‐Benjamine bebengabake.
13Kanjalo abaperisite naba‐Levi, ababekuyo yonke i‐Sirayeli, batelela kuye bevela kuyo yonke imida yabo. 14Ngokuba aba‐Levi bebeshiya inqele zabo, nemfuyo yabo, baya kwa‐Juda nase‐Yerusaleme: (ngokuba u‐Jerobome nonyana bake bebebalahlile ukuba bangakonzi ngobuperisite kuyehova: 15wayezimisele ngokwake abaperisite, babe ngabendawo ezipakamileyo, nabedemoni, nabamatole abewenzile.) 16Nasemva kwabo, bevela kuzo zonke izizwe zo‐Sirayeli, abo babekisayo intliziyo zabo ukumfuna uyehova, utixo wo‐Sirayeli, beza e‐Yerusaleme, ukuba babingelele kuyehova, utixo woyise babo. 17Baza babuqinisa ubukumkani bakwa‐Juda, bamomeleza u‐Rehobome unyana ka‐Solomone, iminyaka yamitatu; ngokuba bebehamba ngendlela ka‐Davide no‐Solomone iminyaka yamitatu.
18Kekaloku u‐Rehobome wamzeka u‐Mahalate, intombi ka‐Jerimote unyana ka‐Davide, abe ngumfazi; no‐Abihayili, intombi ka‐Eliyabe unyana ka‐Jese, 19owamzalela abantwana, u‐Yehushe, no‐Shemariya, no‐Zahame. 20Nasemva kwake wamzeka u‐Mahaka intombi ka‐Abasalome, owamzalela u‐Abiya, no‐Hatai, no‐Ziza, no‐Shelomiti. 21Waza u‐Rehobome watanda u‐Mahaka intombi ka‐Abasalome, ngapezu kwabo bonke abafazi bake namashweshwe ake: (ngokuba ebezekile abafazi abalishumi linesibozo, namashweshwe amashumi matandatu; wazala onyana abamashumi mabini enesibozo, nentombi ezimashumi matandatu.) 22Kanjako wammisela intloko u‐Abiya unyana ka‐Mahaka, ukuba abe yinkosi pakati kwabazalwana bake: ngokuba ebecinga ukumenza ukumkani. 23Wayesenza ngokulumkileyo, wacita kubo bonke onyana bake pakati kwawo onke amazwe akwa‐Juda nawakwa‐Benjamine, kuzo zonke izixeko ezinqatyisiweyo, wabanika ukutya ngento eninzi; wabafunela isininzi sabafazi kanjalo.