1WASUKA u‐Rehobome waya e‐Shekeme; ngokuba bebeze e‐Shekeme o‐Sirayeli bonke, ukuze bamenze ukumkani.
2Kwaye kute, kwakuviwa ngu‐Jerobome unyana ka‐Nebati, (kekaloku yena ebese‐Jipete, ngokuba ebesabile ebusweni buka‐Solomone ukumkani; wada u‐Jerobome wabuya e‐Jipete; 3baza batuma bambiza;) kwandul’ ukuza u‐Jerobome no‐Sirayeli bonke, bateta ku‐Rehobome, besiti: 4Uyihlo wako wayenza lukuni iyokwe yetu; uz’ uti wena kaloku wenze lula ubukonzo boyihlo obulukuni, neyokwe yake enzima abeyibeka pezu kwetu, sasiya kukukonza. 5Wayesiti kubo: Mkani kanjako intsuku zibe ntatu, nandule nibuye nize kum. Bemka ke abantu.
6Waza ukumkani u‐Rehobome wacebisana namaxego, abemi ebusweni buka‐Solomone uyise, nxa abesahleli, esiti: Niti nina ukundicebisa nina, kuze kupendulwe ababantu? 7Ateta kuye, esiti: Ukuba uya kwenza ngobubele kwababantu, ubabuke, utete kubo amazwi alungileyo, baya kwandula babe zizicaka zako imihla yonke.
8Kodwa walishiya icebo lamaxego, elo abemcebisile ngalo, waya wacebisana namadodana abekulile kunye naye, abemi ebusweni bake. 9Wayesiti kuwo: Lelinina icebo nilinikayo nina, ukuba sipendule ababantu, abatetileyo kum, besiti: Yenza lula iyokwe ayibekileyo pezu kwetu uyihlo wako? 10Aza ateta kuye amadodana abekulile kunye naye, esiti: Uya kutsho kwababantu abatetileyo kuwe, besiti: Uyihlo wako wayenza nzima iyokwe yetu, kodwa wena yenze lula pezu kwetu; uya kutsho kubo ukuti: Ucikicane wam woba mkulu kuso isinqe sobawo isibili sake. 11Ukuba kaloku ubawo unitwesile ngeyokwe enzima, mna ke ndiya kwongeza kuyo iyokwe yenu; ubawo unohlwayile ngezwiniya, kodwa mna ndonohlwaya ngonomadudwane.
12Kwa njalo kweza u‐Jerobome nabo bonke abantu ku‐Rehobome ngosuku lwesitatu, njengokuba ebetetile ukumkani, esiti: Buyani nize kum ngosuku lwesitatu. 13Waza ukumkani wabapendula ngokulukuni; ngokuba ukumkani u‐Rehobome walishiya icebo lamaxego, 14wateta kubo njengecebo lamadodana, esiti: Ubawo wayenza nzima iyokwe yenu, kodwa mna ndiya kwongeza kuyo; ubawo wanohlwaya ngezwiniya, kodwa mna ndonohlwaya ngonomadudwane.
15Akapulapula ke ukumkani ebantwini; ngokuba belulujiko luvela kutixo, ukuze uyehova aliqinise ilizwi lake, elo walitetayo ngaye u‐Ahiya um‐Shilo ku‐Jerobome unyana ka‐Nebati.
16Bati bakubona bonke o‐Sirayeli ukuba ukumkani akapulapuli kubo, bapendula abantu kukumkani, besiti: Sisipina isabiwo esinaso ku‐Davide? akuko kuti nelifa kunyana ka‐Jese: abanye ngabanye ezintenteni zenu, bo‐Sirayeli! kaloku kangela kweyako indlu, Davide! Basuka baya o‐Sirayeli bonke ezintenteni zabo. 17Kodwa usapo luka‐Sirayeli olube luhleli ezixekweni zakwa‐Juda, wapata ubukumkani pezu kwalo u‐Rehobome.
18Wandula ukumkani u‐Rehobome watuma u‐Hadorame, obepezu kwabesitabataba; lwaza usapo luka‐Sirayeli lwamgibisela ngamatye, wada wafa. Ngako ukumkani u‐Rehobome wanxama ukukwela enqwelweni, ukuba asabele e‐Yerusaleme. 19Kwa njalo o‐Sirayeli baqipukelana nendlu ka‐Davide, kwada kwanamhla nje.