1Kwaye kute, akuba egqibile ukuteta ku‐Saule, wandula umpefumlo ka‐Jonatane wanxityelelwa empefumlweni ka‐Davide; waye u‐Jonatane wamtanda njengompefumlo wake. 2Waza u‐Saule wamtabata ngomhla lowo, engamvumeli ukuba abuyele endlwini yoyise. 3Wandula u‐Jonatane wenza ucebano no‐Davide, ngokuba ebemtanda njengompefumlo wake: 4wati kanjalo u‐Jonatane wazihluba ingubo ebikuye, wayinika ku‐Davide, nezivato zake, kwa neṙele lake, nesipeta sake, noqwemesha lwake.
5Waye u‐Davide wapumela apo asukuba u‐Saule ebemtumela kona, wenza ngobulumko; waza u‐Saule wambeka pezu kwamadoda okulwa; waekolekile emehlweni abantu bonke, nasemehlweni ezicaka zika‐Saule kanjako.
6Kwaye kute ekutikeni kwabo, nxa u‐Davide abebuya ekubulaleni um‐Filistiya, kwapuma abafazi kuzo zonke izixeko zakwa‐Sirayeli, ngokuvuma nangemidudo, ukuya kumkaulela u‐Saule ukumkani, ngentambula, nangovuyo, nangeziculiso. 7Baza abafazi bapendulana ekudlaleni kwabo, bati: u‐Saule ubulele amawaka ake, kodwa u‐Davide amawaka ake alishumi. 8Wandula u‐Saule waqumba kunene, ngokuba belibi emehlweni ake ilizwi elo; wayesiti: Banikile ku‐Davide amawaka alishumi, kanti kum banikile amawaka odwa; kuseko ukunikwa kuye ubukumkani kupela. 9Waye u‐Saule enomona ngakuye u‐Davide, kwa semhleni lowo nangasemva kwawo.
10KWABEKUTE ngomhla olandelayo, ukuba umoya okohlakeleyo katixo wamzuma u‐Saule, wada waprofitesha pakati kwendlu; waza u‐Davide wabeta uhadi ngesandla sake, njengakweminye imihla: kekaloku bekuko intshuntshe esandleni sika‐Saule. 11Wasuka u‐Saule wabinza ngentshuntshe, wati: Ndiya kumbetela u‐Davide kwa seludongeni; kodwa u‐Davide wapepa ebusweni bake kabini.
12Wandula u‐Saule wamoyika u‐Davide, ngokuba uyehova enaye, kanti ebemkile ku‐Saule. 13Ngako u‐Saule wamshenxisa kuye, wammisa abe yinkosi yake yewaka; waza wapuma wangena pambi kwabantu. 14Kekaloku u‐Davide wenza ngobulumko kuzo zonke indlela zake; waye uyehova enaye. 15Wati u‐Saule akubona ukuba u‐Davide wenza ngokulumkileyo kakulu, wamoyika. 16Kodwa bonke o‐Sirayeli no‐Juda bamtanda u‐Davide, ngokuba wapuma wangena ebusweni babo.
17Waza u‐Saule wati ku‐Davide: Nanku u‐Merabi, intombi yam enkulu, endiya kumnika kuwe abe ngumfazi; kupela ube ngunyana wobuṙoti kum, ulwe imfazwe zikayehova. Ngokuba u‐Saule ebesiti: Masingabi ngakuye isandla sam, masibe ngakuye isandla sama‐Filistiya. 18Koko u‐Davide wati ku‐Saule: Ndingubanina mna? buyinto nina nobomi bam? siyinto nina isizalwane sobawo kwa‐Sirayeli, ukuba ndibe ngumyeni kukumkani? 19Kwaye kute kodwa ngexesha abeya kunikwa u‐Merabi, intombi ka‐Saule, ku‐Davide, wanikwa yena ku‐Hadriyeli, um‐Mehola, abe ngumfazi.
20Waza u‐Mikali, intombi ka‐Saule, wamtanda u‐Davide; kwati kwakuxelwa ku‐Saule, yabifanele londawo emehlweni ake. 21Wayesiti u‐Saule: Ndiya kumnika yena, ukuba abe ngumgibe kuye, nokuba isandla sama‐Filistiya sibe ngakuye. Ngako u‐Saule wati ku‐Davide: Uya kuba ngumyeni kum namhla ngowesibini. 22Waye u‐Saule wayalela izicaka zake, wati: Tetani ku‐Davide ngasese, nisiti: Bona ke, ukumkani ukolisiwe nguwe, nazo zonke izicaka zake ziyakutanda; ngako kaloku yiba ngumyeni kuye ukumkani. 23Zaza izicaka zika‐Saule zateta lamazwi ezindlebeni zika‐Davide. Wayesiti u‐Davide: Kuyinto elula emehlweni enu na ukuba ngumyeni kukumkani, ndiyindoda elihlwempu nedelekileyo nje? 24Zaza izicaka zika‐Saule zamxelela, zisiti: Njengalamazwi wateta u‐Davide. 25Wandula u‐Saule wati: Niya kutsho ku‐Davide ukuti: Ukumkani akanyamekeli ikazi, kodwa ikulu lamajwabu ama‐Filistiya, ukuze kupindezelwe ezintshabeni zokumkani. Kanti u‐Saule wacinga ukumwisa u‐Davide ngesandla sama‐Filistiya. 26Zaza izicaka zake zamxelela u‐Davide lamazwi; kekaloku londawo ibifanele emehlweni ka‐Davide, yokuba abe ngumyeni kukumkani: kodwa imihla ibingekazalisekile: 27ngako wesuka u‐Davide waya, yena namadoda ake, wabulala amadoda angamakulu mabini pakati kwama‐Filistiya; wati u‐Davide wazisa amajwabu awo, baza bawanika ngelonani lonke kukumkani, ukuba abe ngumyeni kuye ukumkani. Wandula u‐Saule wamnika u‐Mikali, intombi yake, abe ngumfazi.
28Waye u‐Saule wabona, wakwazi, ukuba uyehova uno‐Davide; kanjalo u‐Mikali, intombi ka‐Saule, wamtanda u‐Davide. 29Waza walekela u‐Saule ukumoyika u‐Davide ngakumbi; wati u‐Saule waba lutshaba luka‐Davide imihla yonke. 30Zandula zapuma inkosi zama‐Filistiya: kwaye kute, nxa sukuba zipumile, u‐Davide wenza ngobulumko pezu kwazo zonke izicaka zika‐Saule, lada igama lake lanconywa kakulu.