1WAZA u‐Samyali wati kubo bonke o‐Sirayeli: Bona ke, ndipulapulile ilizwi lenu ngako konke enikutetileyo kum; ndenzile ukumkani pezu kwenu. 2Nakaloku, nanku ukumkani ehamba pambi kwenu: mna ke, ndimdala, ndinezimvi; nonyana bam, naba benani: kanjalo mna ndihambile ebusweni benu kwa sebutsheni bam kude kwanamhla. 3Nanku ndilapa nje, nqi̔nelani ngakum pambi kwotixo, napambi kwomtanjiswa wake: yekabanina inkabi endiyihlutileyo? lelikabanina iqwaṙashe endilihlutileyo? ngubanina endimlumkisileyo? ngubanina endimbandezeleyo? ndisamkele isizi kwesikabanina isandla, ukuba ndimfamekise amehlo am ngaso? ndandiya kubuyisela kuni. 4Baye besiti: Akusilumkisanga, akusibandezelanga, akwamkelanga nto esandleni samntu. 5Waza wati kubo: Uyehova ulinqi̔na ngakuni, nomtanjiswa wake ulinqi̔na namhla nje, lokuba anifumananga nto esandleni sam. Bati: Ulinqi̔na.
6Walekela u‐Samyali wati ebantwini: Nguyehova owenza u‐Mosesi no‐Arone, nowenyusayo oyihlo benu elizweni le‐Jipete. 7Ngako kaloku yimani, ukuze ndipikisane nani ebusweni bukayehova ngazo zonke izenzo ezilungileyo zikayehova, azenzileyo kuni nakoyihlo benu. 8Xeshekweni abefikile u‐Yakobi e‐Jipete, bada bakala oyihlo benu kuyehova, wandula uyehova watuma u‐Mosesi no‐Arone, abapumisayo oyihlo benu e‐Jipete, babahlalisa kulendawo. 9Kodwa bamlibala uyehova, utixo wabo; waza wabatengisa esandleni sika‐Sisera, inkosi yempi yase‐Hatsore, nasesandleni sama‐Filistiya, nasesandleni sokumkani wama‐Mowabi, abalwayo ngakubo. 10Bada bakala kuyehova, bati: Sonile, ngokuba sishiyile uyehova, sakonza o‐Bali no‐Hashetorete; kodwa kaloku sisindise esandleni sentshaba zetu, sasiya kukonza wena. 11Wandula uyehova watuma u‐Yerubebali, no‐Bedane, no‐Jefeta, no‐Samyali, wanisindisa esandleni sentshaba zenu ezingqongayo, nada nahlala ngokunqaba. 12Kodwa nakubona ukuba u‐Nahashe, ukumkani wosapo luka‐Hamoni, weza ngakuni, nati kum: Hai; ngukumkani oya kupata ubukosi pezu kwetu; nxa uyehova, utixo wenu, ebengukumkani wenu. 13Ngako kaloku nanku ukumkani enimnyulileyo, lowo nimcelileyo! bona ke, uyehova umisile ukumkani pezu kwenu. 14Ukuba niya kumoyika uyehova, nimkonze, nipulapule ilizwi lake, ningavukeli ngakuwo umlomo kayehova, niya kwandul’ ukuti, kwa nani nokumkani opata ubukosi pezu kwenu, nimlandele uyehova, utixo wenu: 15kanti ukuba aniyi kupulapula ilizwi likayehova, koko nivukela ngakuwo umlomo kayehova, sesiya kuti isandla sikayehova sibe ngakuni, njengokuba besingakubo oyihlo benu. 16Ngako kaloku yimani, nibone lento enkulu, aya kuyenza uyehova pambi kwamehlo enu. 17Asi kuko na ukuvunwa kwenqolowa namhla? Ndiya kubiza kuyehova: waeya kunika indudumo nemvula, ukuze nazi, nibone, ukuba kukulu ukukohlakala kwenu, enikwenzileyo emehlweni kayehova, ngokuzicelela ukumkani.
20Waza u‐Samyali wati ebantwini: Ningoyiki; niyenzile kambe yonke lenkohlakalo; noko ke ningapambuki ekumlandeleni uyehova, kodwa konzani uyehova ngayo yonke intliziyo yenu: 21ize ningapambuki; ngokuba beniya kulandela izinto ezingendawo, ezingenakunceda, ezingenakusindisa nokusindisa; ngokuba zingendawo. 22Ngokuba uyehova engayi kulahla abantu bake, ngenxa yegama lake elikulu; ngokuba uyehova ebetanda ukunenza abantu bake. 23Kanjako mna, makube lé kum ukuba ndone ngakuye uyehova, ngokuyeka ukunitandazela; koko ndiya kunifundisa indlela elungileyo nefanelekileyo: 24kodwa yoyikani uyehova, nimkonze yena ngenyaniso ngayo yonke intliziyo yenu; ngokuba gqalani izinto ezingakanana azenzileyo kuni. 25Kodwa ukuba nimana ukwenza inkohlakalo, niya kubujiswa, kwa nina nokumkani wenu.