1KWAYE kute, nxa u‐Solomone abegqibile ukwaka indlu kayehova, nendlu yokumkani, nako konke ukunqwenela kuka‐Solomone owabetanda ukukwenza, 2wandula wabonakala uyehova ku‐Solomone ngokwesibini, njengokuba ebebonakele kuye e‐Gibeyone.
3Wayesiti uyehova kuye: Ndivile umtandazo wako, nesitaṙuziso sako utaṙuzisile ngaso ebusweni bam; ndenzile ngcwele indlu le oyakileyo, ukuba ndibeke igama lam kona kude kube ngunapakade; kwakuya kubako kona amehlo am nentliziyo yam imihla yonke. 4Kanjalo wena ukuba uya kuhamba pambi kwam, njengokuba ebehamba u‐Davide uyihlo wako, ngolungelelwano lwentliziyo, nangokulungisa, ukwenza ngako konke endikuyaleleyo; nokuba uya kugcina izimiselo zam nezigwebo zam: 5ndiya kwandula ndiqinise Iterone yobukumkani bako pezu kwo‐Sirayeli kude kube ngunapakade; njengokuba benditeta ku‐Davide uyihlo wako, ndisiti: Akuyi kukunqamkela indoda pezu kweterone yakwa‐Sirayeli. 6Kanti ukuba niya kuka nibuye ekundilandeleni, nina nabantwana benu, nize ningagcini imiyalelo yam, nezimiselo zam endizibekileyo pambi kwenu, kodwa niye nikonze otixo bambi, nitobe pambi kwabo: 7ndiya kwandula ndinqamle o‐Sirayeli emhlabeni, endiwunikileyo kubo; nalendlu, endiyingcwalisele igama lam, ndoyilahla ebusweni bam; waye u‐Sirayeli eya kuba yinto yokuzekeliswa nelizwi lokuhlekisa pakati kwabantu bonke: 8nendlu le, epezulu, osukuba edlula ngakuyo woti nqa, enze amakwelo; kwakuya kutiwa: Kungenxa yanina enzileyo uyehova njengokunjalo kwelilizwe nakulendlu? 9kwakuya kutiwa: Ngenxa yokuba bamshiya uyehova, utixo wabo, owabapumisayo oyise babo elizweni le‐Jipete, nokuba babambelela kotixo bambi, batoba pambi kwabo, babakonza: kungoko uyehova azisileyo pezu kwabo bonke obububi.
10KWAZA kwati ekupeleni kweminyaka emashumi mabini, okuya u‐Solomone abezakile izindlu ezo zombini, indlu kayehova, nendlu yokumkani, 11(u‐Hirame, ukumkani we‐Tire, ebencedile u‐Solomone ngemiti yesedare, nangemiti yeberoshe, nangegolide, ngako konke ukutanda kwake,) wandula ukumkani u‐Solomone wampa u‐Hirame izixeko ezimashumi mabini elizweni le‐Galili. 12Waza wapuma u‐Hirame e‐Tire ukuya kubona izixeko abezipiwe ngu‐Solomone; kodwa bezingafanele emehlweni ake. 13Wati ngoko: Zezinina izixeko ezi uzipile kum, mzalwana wam? Wayezibiza ngokuti lilizwe le‐Kabule kwada kwanamhla nje. 14Kekaloku u‐Hirame wabezitumile kukumkani italente zegolide zalikulu linamashumi mabini.
15Nantsi indawo yesitabataba sabantu, abesinyusile ukumkani u‐Solomone, ukuba kwakiwe indlu kayehova, nendlu yake, ne‐Milo, nodonga lwe‐Yerusaleme, ne‐Hatsore, ne‐Megido, ne‐Gezere: 16(Wayenyukile u‐Faro ukumkani we‐Jipete, wayibamba i‐Gezere, wayitshisa ngomlilo, naba‐Kanane ababehlala esixekweni wababulala, nayo yona wayinika ibe libaso kwintombi yake umfazi ka‐Solomone: 17waza u‐Solomone wayaka i‐Gezere, ne‐Bete‐horone yasezantsi, 18ne‐Bahalate, ne‐Tademore entlango, kwelolizwe, 19nazo zonke izixeko zokubekela abenazo u‐Solomone, nezixeko zenqwelo, nezixeko zamahashe okukwelwa, noko asukuba ebenqwenela u‐Solomone ukukwaka e‐Yerusaleme, nase‐Lebanone, nakulo lonke ilizwe lobukosi bake:) 20Bonke abantu ababesele kubo aba‐Amori, ama‐Hete, ama‐Perizi, ama‐Hivi, nama‐Yebusi, abebengengabo abosapo luka‐Sirayeli, 21abantwana babo ababesele emva kwabo elizweni, abo usapo luka‐Sirayeli belukohliwe ukubalahlela ekutshatyalalisweni, kwa pezu kwabo wabeka u‐Solomone ukunikela ngenkonzo kwada kwanamhla nje. 22Kanti kulo usapo luka‐Sirayeli u‐Solomone akenza nalinye ikonza; kodwa lona belungamadoda okulwa, nezicaka zake, nenkosana zake, nenjengele zake, nabapati benqwelo zake, nabakweli bake bamahashe. 23Kulo olu beziko inkosi zabongama ababepezu kwomsebenzi ka‐Solomone, amakulu mahlanu anamashumi mahlanu, ezibe zinobukosi pezu kwabantu abenzayo emsebenzini.
24Koko intombi ka‐Faro yenyuka esixekweni sika‐Davide ukuya endlwini yayo, abeyakele yona u‐Solomone: oko wayaka i‐Milo.
25Waye u‐Solomone amaxesha matatu emnyakeni mnye enikela amadini okutshiswa neminikelo yoxolo, pezu kwesibingelo abesakele uyehova, waqumisa pezu kwaso isibingelo esibe sipambi kwoyehova: kwa njalo wayigqiba indlu.
26Kanjako ukumkani u‐Solomone wazenza inqanawa e‐Hetsiyone‐gebere, engase‐Elote, elunxwemeni lwolwandle olubomvu, elizweni le‐Edome. 27Waza u‐Hirame watuma ezinqanaweni ezo izicaka zake, amadoda enqanawa abelwazi ulwandle, kunye nezicaka zika‐Solomone. 28Zaye zisiya e‐Ofire, zatabata kona igolide, italente ezingamakulu mane anamashumi mabini, zayizisa kukumkani u‐Solomone.