1KWAYE kute emra kwemihla emininzi, landula ilizwi likayehova leza ku‐Elija ngomnyaka wesitatu, lisiti: Hamba, uzibonakalise ku‐Ahabi; ngokuba ndiya kunisa imvula pezu kwobuso bomhlaba. 2Wasuka wahamba u‐Elija ukuya kuzibonakalisa ku‐Ahabi.
Kekaloku indlala ibinzima e‐Samariya. 3Wada u‐Ahabi wambiza u‐Hobadiya, obepezu kwendlu yake. (Wati u‐Hobadiya wamoyika uyehova kakulu: 4ngokuba bekute, akuba u‐Jezebele ebenqamla abaprofite bakayehova, wandula u‐Hobadiya watabata abaprofite balikulu, wabafihla ngamashumi mahlanu emqolombeni, wabafunzela ngesonka nangamanzi.) 5Wayesiti u‐Ahabi ku‐Hobadiya: Hamba elizweni, uye kuyo yonke imitombo yamanzi, nakuyo yonke imilambo; kungati siya kufumana inca, ukuba silondoloze amahashe namaqwaṙaṙa ehleli, singanqamkeIwa zizilo. 6Baza balaba ilizwe pakati kwabo, ukuba bacande kulo: u‐Ahabi wahamba ngenye indlela eyedwa, no‐Hobadiya wahamba ngenye indlela eyedwa.
7Kekaloku nxa u‐Hobadiya abesendleleni, bona ke, u‐Elija wahlangana naye; waza wamazi, wawa ebusweni bake, wati: Nguwe na le inkosi yam u‐Elija? 8Wayesiti kuye: Ndim; hamba, uti kwinkosi yako: Nanku u‐Elija. 9Kodwa wati: Ndonile nganto nina, ukuba uya kunikela isicaka sako esandleni sika‐Ahabi, ukundibulala? 10Ehleli nje uyehova, utixo wako, akuko isizwe nobukumkani, apo inkosi yam ingatumelanga kona, ukuba akufune! naxeshekweni kwatiwa: Akako apa; wandula wafungisa obobukumkani nesosizwe, ukuba abakufumananga. 11Nakaloku uti wena: Hamba, uti kwinkosi yako: Nanku u‐Elija. 12Kwakuya kuti, nxa ndimkile kuwe, umoya kayehova wokutwalela apo endingaziyo: naxeshekweni ndizayo ukumxelela u‐Ahabi, kanti akangekufumane, uya kwandula andibulale: kodwa mna sicaka sako, ndimoyikile uyehova kwa sebutsheni bam. 13Akuxelelwanga inkosi yam na, oko ndakwenzayo nxa u‐Jezebele wabulala abaprofite bakayehova, ukuba ndawafihla amadoda alikulu kubaprofite bakayehova ngamashumi mahlanu emqolombeni, ndawafunzela ngesonka nangamanzi? 14Nakaloku uti wena: Hamba, uti kwinkosi yako: Nanku u‐Elija; waeya kundibulala. 15Waza wati u‐Elija: Ehleli nje uyehova wemikosi, endimi pambi kwake, ngenyaniso ndiya kuzibonakalisa namhla kuye!
16Wasuka wahamba u‐Hobadiya ukuya kumkaulela u‐Ahabi, wamxelela: waza u‐Ahabi waya ukumkaulela u‐Elija. 17Kwabekute, nxa u‐Ahabi abembona u‐Elija, wandula u‐Ahabi wati kuye: Nguwe na lo okatazayo o‐Sirayeli? 18Wayesiti: Andikatazile o‐Sirayeli mna; nguwe, nendlu kayihlo, ngokokuba niyishiyile imiyalelo kayehova, nokuba ulandele o‐Bali. 19Ngako kaloku, tuma, uhlanganisele kum o‐Sirayeli bonke entabeni ye‐Karamele, nabaprofite baka‐Bali bengamakulu mane anamashumi mahlanu, nabaprofite baka‐Ashera bengamakulu mane, abadlayo esitebeni sika‐Jezebele. 20Waza watuma u‐Ahabi pakati kwalo lonke usapo luka‐Sirayeli, wabahlanganisa abaprofite abo entabeni ye‐Karamele.
21Wandula u‐Elija wasondela kubo bonke abantu, wati: Kwoda kube ninina nipala pakati kwezizindlo zibini? ukuba nguyehova ongutixo, mlandeleni yena; kodwa ukuba ngu‐Bali, mlandeleni yena. Koko abantu bebengampenduli nazwi nye. 22Walekela u‐Elija wati ebantwini: Ndisele mna umprofite kayehova ndedwa; kanti abaprofite baka‐Bali bangamadoda angamakulu mane anamashumi mahlanu. 23Makekunikwe kuti inkunzana zibe mbini; mabati bona bazinyulele inkunzana ibe nye, bayihlahle, bayibeke pezu kwenkuni, kodwa umlilo mabangawufaki; nam ndiya kulungisa enye inkunzana, ndiyibeke pezu kwenkuni, kodwa umlilo andiyi kuwufaka: 24nize nibize ngegama lotixo wenu, ndandiya kubiza mna ngegama likayehova; notixo lowo oya kupendula ngomlilo, makabe nguye ongutixo. Bapendula bonke abantu, bati: Lilungile ilizwi elo.
25Waza wati u‐Elija kubaprofite baka‐Bali: Zinyuleleni inkunzana ibe nye, niyilungise ukuqala, ngokuba nina nibaninzi; nize nibize ngegama lotixo wenu, kodwa umlilo ningawufaki. 26Baza batabata inkunzana ebinikwa kubo, bayilungisa, babiza ngegama lika‐Bali kwa sekuseni kwada kwasemini enkulu, besiti: Bali, sipendule! Kodwa bekungeko ilizwi, bekungeko nopendulayo. Bati kanjalo baxantsa ngasesibingelweni esibe senziwe.
27Kwaye kute emini enkulu, wandula u‐Elija wabahleka, wati: Bizani ngelizwi elikulu; ngokuba engutixo yena: kungaba uyancokola, umhlaumbi uye ngasese, umhlaumbi useluhambeni; ngati ulele ubutongo, ufanel’ ukuvuswa. 28Baza babiza ngelizwi elikulu, baziqapula njengesiko labo ngamaṙele nangentshuntshe, kwada kwapalaka igazi pezu kwabo. 29Kwabekute, nxa imini enkulu seidlulile, baprofitesha kwada kwaza kunikelwa ngomnikelo wokudla; kodwa bekungeko ilizwi, bekungeko nompenduli, bekungeko nokupulapula.
30Wandula wati u‐Elija kubo bonke abantu: Sondelani kum. Basuka bonke abantu basondela kuye. Waza walungisa isibingelo sikayehova esibe sicitekile. 31Watabata u‐Elija amatye alishumi linamabini njengenani lezizwe zonyana baka‐Yakobi, lowo ilizwi likayehova leza kuye, lisiti: Igama lako loba ngu‐Sirayeli; 32wasaka ngamatye lawo isibingelo egameni likayehova; nangokungqonga isibingelo wawenza umsele, obulingana nendawo yezilinganiso zibini zembewu. 33Waza wazicwangcisa inkuni, wayihlahla inkunzana, wayibeka pezu kwenkuni, 34wati: Zalisani imipanda ibe mine ngamanzi, niwagalele pezu kwedini lokutshiswa, napezu kwenkuni. Wati kanjako: Yenza ngokwesibini. Baye besenza ngokwesibini ke. Walekela wati: Yenza ngokwesitatu. Baye besenza nangokwesitatu. 35Aza amanzi abaleka ngokungqonga isibingelo; kanjalo nomsele wawuzalisa ngamanzi.
36Kwaye kute, nxa kunikelwa ngomnikelo wokudla, wandula wasondela u‐Elija umprofite, wati: Yehova, Tixo ka‐Abrahame, ka‐Yisake, noka‐Sirayeli! makwaziwe namhla ukuba wena ungutixo kwa‐Sirayeli, nokuba mna ndisisicaka sako, nokuba ndizenzile zonke ezizinto ngelizwi lako. 37Ndipendule, Yehova! ndipendule, baze bakwazi abantu aba okokuba wena Yehova unguye utixo, nokuba usongile intliziyo yabo ngomva. 38Wandul’ ukuwa umlilo kayehova, wadla idini lokutshiswa, nenkuni, namatye, notuli; namanzi abesemseleni wawakotulula.
39Bati bakubona bonke abantu, bawa ngobuso babo; baye besiti: Nguyehova ongutixo! nguyehova ongutixo! 40Waza wati u‐Elija kubo: Bambani abaprofite baka‐Bali; makangasindi namnye kubo. Bababamba ke: waza u‐Elija wabahlisela emlanjeni we‐Kishone, wababulala kona apo.
41Wandula wati u‐Elija ku‐Ahabi: Nyuka, yidla usele nokusela; ngokuba kuko isandi sengxokolo yemvula. 42Waselenyuka u‐Ahabi ukuya ukudla nokusela; kodwa u‐Elija wenyukela engcopo ye‐Karamele, wazitoba pantsi ngasemhlabeni, wabeka ubuso bake pakati kwamadolo ake, 43wati kwisicaka sake: Zunyuke, ukangele ngaselwandle. Senyuka ke, sakangela, sati: Akuko nto. Waza wati: Buya uye amaxesha abe sixe̔nxe. 44Kwaye kute ngelesixe̔nxe ixesha, sati: Nali ilifu elincinane, njengesandla somntu, liti tyi elwandle. Wayesiti: Nyuka, uti ku‐Ahabi: Bopa, uhle ke, ukuba imvula ingakutinti. 45Kwabekute pakati kwoko, izulu laba mnyama ngamafu nangumoya, yaza yabako imvula enkulu. Wakwela ke u‐Ahabi, waya e‐Yezerele. 46Saye isandla sikayehova sibe sipezu kwo‐Elija, owabinqa isinqe sake, wabaleka pambi kwo‐Ahabi, kwada kwangenwa e‐Yezerele.