1Osukuba ekolwa ukuba u‐Yesu unguye u‐Kristu uzelwe ngutixo; nosukuba emtanda owazalayo uyamtanda nozelweyo nguye. 2Ngako oku siyazi ukuba siyalutanda usapo lukatixo, okuya utixo simtandayo, nemiyalelo yake siyigcinayo. 3Ngokuba lulo olu utando lukatixo, ukuba siyigcine imiyalelo yake: imiyalelo yake ayinzima ke. 4Ngokuba konke okuzelweyo ngutixo kuloyisa ilizwe: lulo olu ke ulwoyiso oluloyisayo ilizwe, ukolo lwetu. 5Ngubanina oloyisayo ilizwe, kupela ngulowo ukolwayo kukuba u‐Yesu ungunyana katixo?
6Nguye lo owezayo ngamanzi negazi, u‐Yesu ongu‐Kristu; bekungengawo amanzi odwa, bekungawo amanzi negazi: kanjalo umoya ungulowo unqi̔nayo, kuba umoya uyinyaniso. 7Ngokuba kuko abatatu abanqi̔nayo ezulwini, uyise, u‐Lizwi, nomoya oyingcwele; aba batatu ke banye. 8Kuko nabatatu abanqi̔nayo emhlabeni, umoya, namanzi, negazi: aba batatu ke balungelelene. 9Ukuba siyamkela ubunqi̔na babantu, ubunqi̔na bukatixo bugqitisile: ngokuba bubo obu ubunqi̔na bukatixo abunqi̔nileyo ngaye unyana wake. 10Okolwayo kuye unyana katixo unabo ubunqi̔na kwa pakati kwake; lowo ungakolwayo kuye utixo, umenzile yena ixoki, kuba engakolwanga kubo ubunqi̔na abunqi̔nileyo utixo ngaye unyana wake. 11Bubo obu ke ubunqi̔na, bokuba utixo wasinika ubomi obungunapakade; bona obubomi ke bukuye unyana wake. 12Onaye unyana, unabo ubomi; lowo ungenaye unyana katixo, akanabo ubomi.
13EZIZINTO ndiziba̔lile kuni nikolwayo egameni lonyana katixo; ukuze nibe nokwazi ukuba ninabo ubomi obungunapakade, nokuze nibe nokukolwa egameni lonyana katixo. 14Lulo olu ke ukalipo sinalo ngakuye, ukuba, xeshekweni sicela into ngokwentando yake, uyasiva: 15naxeshekweni saziyo ukuba uyasiva, oko sisukuba sikucela, siyazi ukuba siyazuza ingcelo ezo esiziceleyo kuye. 16Xeshekweni umntu ambonayo umzalwana wake esona isono esingabangi kufa, uya kucela, waeya kunika kuye ubomi, kubo abenzayo isono esingabangi kufa. Kuko isono esibang’ ukufa: anditsho ukuti makatandazele sona eso. 17Konke okungalungileyo kusisono: kanjalo kuko isono esingabangi kufa.
18Siyazi ukuba lowo usukuba ezelwe ngutixo akoni: uti owazalwayo ngutixo azigcine, ati okohlakeleyo angampati. 19Siyazi ukuba tina singabakuye utixo, nokuba ilizwe lonke limi enkohlakalweni. 20Siyazi kodwa ukuba unyana katixo ufikile, nokuba usinikile ingqondo, ukuze simazi lowo uyinyaniso; kanjalo sikuye lowo uyinyaniso, kuye unyana wake u‐Yesu Kristu. Nguye lo utixo oyinyaniso, nobomi obungunapakade.
21Lusatshana! zibambeni kuzo izitixo. Amene.