1ONYANA baka‐Levi: ngu‐Gereshone, no‐Kohati, no‐Merari. 2Nonyana baka‐Kohati: ngu‐Hamerame, no‐Yitsare, no‐Hebrone, no‐Huziyeli. 3Nabantwana baka‐Hamerame: ngu‐Arone, no‐Mosesi, no‐Miriyame. Nonyana baka‐Arone: ngu‐Nadabi, no‐Abihu, no‐Elezari, no‐Yitamare. 4Wati u‐Elezari wazala u‐Finehasi; u‐Finehasi wazala u‐Abishuha, 5no‐Abishuha wazala u‐Buki, no‐Buki wazala u‐Huzi, 6no‐Huzi wazala u‐Zerahiya, no‐Zerahiya wazala u‐Merayoti; 7u‐Merayoti wazala u‐Amariya, no‐Amariya wazala u‐Ahitube, 8no‐Ahitube wazala u‐Tsadoki, no‐Tsadoki wazala u‐Himahatse, 9no‐Himahatse wazala u‐Hazariya, no‐Hazariya wazala u‐Johanane, 10no‐Johanane wazala u‐Hazariya, (nguye lo owapata ubuperisite endlwini abeyakile u‐Solomone e‐Yerusaleme,) 11no‐Hazariya wazala u‐Amariya, no‐Amariya wazala u‐Ahitube, 12no‐Ahitube wazala u‐Tsadoki, no‐Tsadoki wazala u‐Shalume, 13no‐Shalume wazala u‐Hilikiya, no‐Hilikiya wazala u‐Hazariya, 14no‐Hazariya wazala u‐Seraya, no‐Seraya wazala u‐Yehotsadaki, 15no‐Yehotsadaki wemka nabatinjwa, xeshekweni uyehova wafudusayo o‐Juda ne‐Yerusaleme ngesandla sika‐Nebukanetsare.
16Onyana baka‐Levi: ngu‐Gereshome, no‐Kohati, no‐Merari. 17Amagama onyana baka‐Gereshome ngala: ngu‐Libeni, no‐Shimehi. 18Nonyana baka‐Kohati: ngu‐Hamerame, no‐Yitsare, no‐Hebrone, no‐Huziyeli. 19Onyana baka‐Merari: ngu‐Mahali, no‐Mushi.
Ezi zizizalwane zaba‐Levi, ngoyise babo. 20Esika‐Gereshome: u‐Libeni ebengunyana wake; u‐Yahati ebengunyana wake; u‐Zima ebengunyana wake; 21u‐Jowahi ebengunyana wake; u‐Hido ebengunyana wake; u‐Zera ebengunyana wake; u‐Yaterai ebengunyana wake. 22Onyana baka‐Kohati: u‐Haminadabi ebengunyana wake; u‐Kora ebengunyana wake; u‐Asire ebengunyana wake; 23u‐Lekana ebengunyana wake; no‐Abiyasafa ebengunyana wake; no‐Asire ebengunyana wake; 24u‐Tahati ebengunyana wake; u‐Wuriyeli ebengunyana wake; u‐Huziya ebengunyana wake; no‐Saule ebengunyana wake. 25Nonyana baka‐Lekana: ngu‐Hamasai, no‐Ahimote. 26Kekaloku u‐Lekana: onyana baka‐Lekana bebengaba: u‐Tsofai ebengunyana wake; no‐Nahate ebengunyana wake; 27u‐Eliyabe ebengunyana wake; u‐Yerohame ebengunyana wake; u‐Lekana ebengunyana wake. 28Nonyana baka‐Samyali: ngu‐Vashini owamazibulo, no‐Abiya. 29Onyana baka‐Merari: ngu‐Mahali; u‐Libeni ebengunyana wake; u‐Shimehi ebengunyana wake; u‐Huza ebengunyana wake; 30u‐Shimehi ebengunyana wake: u‐Hagiya ebengunyana wake; u‐Hasaya ebengunyana wake.
31NGABA owati u‐Davide wabamisa pezu kwenkonzo yokucula endlwini kayehova, emvenikweni ibinendawo yokupumla ityeya. 32Baye bekonza pambi kwentlalo yayo intente yentlangano ngokucula, wada u‐Solomone wayaka indlu kayehova e‐Yerusaleme: bandula bema kona enkonzweni yabo njengesiko labo.
33Aba bangabemayo kona nonyana babo. Kubo onyana bama‐Kohati: u‐Hemani umculi, unyana ka‐Joweli, unyana ka‐Samyali, 34unyana ka‐Lekana, unyana ka‐Yerohame, unyana ka‐Eliyeli, unyana ka‐Toha, 35unyana ka‐Tsufi, unyana ka‐Lekana, unyana ka‐Mahate, unyana ka‐Hamasai, 36unyana ka‐Lekana, unyana ka‐Joweli, unyana ka‐Hazariya, unyana ka‐Tsefaniya, 37unyana ka‐Tahati, unyana ka‐Asire, unyana ka‐Abiyasafa, unyana ka‐Kora, 38unyana ka‐Yitsare, unyana ka‐Kohati, unyana ka‐Levi, unyana ka‐Sirayeli. 39Nomzalwana wake u‐Safa, owema ngasekunene kwake: u‐Safa, unyana ka‐Berakiya, unyana ka‐Shimeha, 40unyana ka‐Mikaheli, unyana ka‐Bahaseya, unyana ka‐Malekiya, 41unyana ka‐Eteni, unyana ka‐Zera, unyana ka‐Hadaya, 42unyana ka‐Etane, unyana ka‐Zima, unyana ka‐Shimehi, 43unyana ka‐Yahati, unyana ka‐Gereshome, unyana ka‐Levi. 44Nabazalwana babo, onyana baka‐Merari, abema ngasekohlo: u‐Etane, unyana ka‐Kishi, unyana ka‐Habedi, unyana ka‐Maluke, 45unyana ka‐Hashabiya, unyana ka‐Amatsiya, unyana ka‐Hilikiya, 46unyana ka‐Ametsi, unyana ka‐Bani, unyana ka‐Shemere, 47unyana ka‐Mahali, unyana ka‐Mushi, unyana ka‐Merari, unyana ka‐Levi.
48Kanjalo abazalwana babo, aba‐Levi, bamiselwa yonke inkonzo yetabanakele yendlu katixo.
49KEKALOKU u‐Arone nonyana bake baqumisa pezu kwesibingelo sedini lokutshiswa, napezu kwesibingelo sesiqumiso, bemiselwe wonke umsebenzi w endawo eyingcwele yezingcwele, nokwenzela o‐Sirayeli uxoliso, njengako konke abeyalele ngako u‐Mosesi isicaka sikatixo. 50Aba bangonyana baka‐Arone: u‐Elezari ebengunyana wake; u‐Finehasi ebengunyana wake; u‐Abishuha ebengunyana wake; 51u‐Buki ebengunyana wake; u‐Huzi ebengunyana wake; u‐Zerahiya ebengunyana wake; 52u‐Merayoti ebengunyana wake; u‐Amariya ebengunyana wake; u‐Ahitube ebengunyana wake; 53u‐Tsadoki ebengunyana wake; u‐Himahatse ebengunyana wake.
54Ezi ke zindawo zabo zokuhlala ngelali zabo, emideni yabo, ezonyana baka‐Arone, ezezizalwane zama‐Kohati: ngokuba iqashiso lokuqala belilelawo. 55Kwaye kunikwa kuwo i‐Hebrone, elizweni lakwa‐Juda, nenqele zayo ezingqongayo. 56Kodwa kwanikwa izindle zasesixekweni, nemizi yaso, ku‐Kalebi unyana ka‐Jefune. 57Kwaza kwanikwa onyana baka‐Arone izixeko zakwa‐Juda; i‐Hebrone, isixeko sokupepela, ne‐Libena nenqele zayo, ne‐Yatire, ne‐Shetemoha nenqele zayo, 58ne‐Hilene nenqele zayo, ne‐Debire nenqele zayo, 59ne‐Hashane, nenqele zayo, ne‐Bete‐shemeshe nenqele zayo: 60nakuso isizwe sika‐Benjamine kwacatshulwa i‐Geba nenqele zayo, ne‐Halemete nenqele zayo, ne‐Hanatote nenqele zayo. Zonke izixeko zabo, ngezizalwane zabo, zizixeko ezilishumi linazitatu. 61Kodwa onyana baka‐Kohati, abo baseleyo kwisizalwane sesosizwe, kwacatshulelwa bona esiqingateni sesizwe, kwa esiqingateni sesizwe sika‐Manase, ngeqashiso, izixeko ezilishumi.
62Nonyana baka‐Gereshome, ngezizalwane zabo, kwacatshulelwa bona esizweni sika‐Yisakare, nasesizweni sika‐Ashere, nasesizweni sika‐Nefatali, nasesizweni sika‐Manase e‐Bashane, izixeko ezilishumi linazitatu.
63Onyana baka‐Merari kwacatshulelwa bona ngeqashiso, ngezizalwane zabo, esizweni sika‐Rubene, nasesizweni sika‐Gadi, nasesizweni sika‐Zebulone, izixeko ezilishumi linazibini.
64Kwa njalo usapo luka‐Sirayeli lwabanika aba‐Levi izixeko ezo nenqele zazo. 65Lwabanika ngeqashiso, zicatshulwe esizweni sosapo luka‐Juda, nasesizweni sosapo luka‐Simone, nasesizweni sosapo luka‐Benjamine, ezizixeko, ezona zibiziweyo ngamagama.
66N abaseleyo ezizalwaneni zonyana baka‐Kohati, babenezixeko zasemideni yabo zicatshulwe esizweni sika‐Frayime. 67Baye bebanika, kuzo izixeko zokupepela, i‐Shekeme nenqele zayo, entabeni yakwa‐Frayime; ne‐Gezere nenqele zayo, 68ne‐Yokemame nenqele zayo, ne‐Bete‐horone nenqele zayo, 69ne‐Ajalone nenqele zayo, ne‐Gate‐rimone nenqele zayo: 70kwacatshulwa nakuso isiqingata sesizwe sika‐Manase, i‐Hanere nenqele zayo, ne‐Bilehame nenqele zayo, zibe zezesizalwane sonyana baka‐Kohati abaseleyo.
71Onyana baka‐Gereshome kwacatshulelwa bona esizalwaneni sesiqingata sesizwe sika‐Manase, i‐Golane yase‐Bashane nenqele zayo, ne‐Hashetarote nenqele zayo; 72nasesizweni sika‐Yisakare, i‐Kedeshe nenqele zayo, i‐Daberate nenqele zayo, 73ne‐Ramote nenqele zayo, ne‐Haneme nenqele zayo; 74nasesizweni sika‐Ashere, i‐Mashali nenqele zayo, ne‐Habedoni nenqele zayo, 75ne‐Hukoke nenqele zayo, ne‐Rehobi nenqele zayo; 76nasesizweni sika‐Nefatali, i‐Kedeshe yase‐Galili nenqele zayo, ne‐Hamone nenqele zayo, ne‐Kiriyatayime nenqele zayo.
77Nonyana baka‐Merari abaseleyo kwacatshulelwa bona esizweni sika‐Zebulone, i‐Rimone nenqele zayo, i‐Tabore nenqele zayo: 78napesheya kwe‐Yoredane ngase‐Jeriko, ngecala lasempumalanga le‐Yoredane, kwacatshulwa esizweni sika‐Rubene, i‐Betsere yasentlango nenqele zayo, ne‐Yahetsa nenqele zayo, 79ne‐Kedemote nenqele zayo, ne‐Mefahate nenqele zayo; 80nasesizweni sika‐Gadi, i‐Ramote yase‐Gileyadi nenqele zayo, ne‐Mahanayime nenqele zayo, 81ne‐Heshebone nenqele zayo, ne‐Yahezere nenqele zayo.