1KANJAKO u‐Davide nenkosi zomkosi babahlulela enkonzweni onyana baka‐Safa, nabaka‐Hemani, nabaka‐Jedutune, abaya kuprofitesha ngehadi, nangenebele, nangesimbali: nali inani lawo amadoda omsebenzi lowo ngenkonzo yawo: 2Abonyana baka‐Safa: ngu‐Zakure, no‐Josefe, no‐Netaniya, no‐Asharela, onyana baka‐Safa, ngapantsi kwesandla sika‐Safa, owaprofiteshayo ngapantsi kwezandla zokumkani. 3Abaka‐Jedutune: onyana baka‐Jedutune; ngu‐Gedaliya, no‐Tseri, no‐Yisaya, no‐Shimehi, no‐Hashabiya, no‐Matitiya, abatandatu, ngapantsi kwezandla zoyise wabo u‐Jedutune, owaprofitesha ngohadi ekumbuleleni nasekumdumiseni uyehova. 4Abaka‐Hemani: abonyana baka‐Hemani; ngu‐Bukiya, no‐Mataniya, no‐Huziyeli, no‐Shebuweli, no‐Jerimote, no‐Hananiya, no‐Hanani, no‐Eliyata, no‐Gidelati, no‐Romamti‐hezere, no‐Yoshebekasha no‐Maloti, no‐Hotire, no‐Mahaziyote: 5bonke aba bebengonyana baka‐Hemani, umboni wokumkani emazwini katixo, ukupakamisa ilizwi lopondo. Waye utixo ebemnikile u‐Hemani onyana balishumi linesine, nentombi zantatu. 6Bonke aba bebengapantsi kwezandla zoyise babo ekuculeni endlwini kayehova, ngazo isimbali, nenebele, nehadi, ngenxa yenkonzo yendlu katixo, ngapantsi kwezandla zokumkani, no‐Safa, no‐Jedutune, no‐Hemani. 7Nenani labo, kunye nabazalwana babo abebefundisiwe amaculo kayehova, bonke abebenokuqonda, belingamakulu mabini anamashumi asibozo anesibozo ngapandle.
8Kananjalo bawisa amaqashiso, umvaṙasho malungana nomvaṙasho, kwa nabancinane nabakulu, onokuqonda kunye nomfundi. 9Elokuqala iqashiso lapumela ku‐Safa, ku‐Josefe: elesibini ku‐Gedaliya; yena, nabazalwana bake, nonyana bake, bebelishumi elinesibini: 10elesitatu ku‐Zakure; yena, nonyana bake, nabazalwana bake, bebelishumi elinesibini: 11elesine ku‐Yitseri; yena, nonyana bake, nabazalwana bake, bebelishumi elinesibini: 12elesihlanu ku‐Netaniya; yena, nonyana bake, nabazalwana bake, bebelishumi elinesibini: 13elesitandatu ku‐Bukiya; yena, nonyana bake, nabazalwana bake, bebelishumi elinesibini: 14elesixe̔nxe ku‐Yesharela; yena, nonyana bake, nabazalwana bake, bebelishumi elinesibini: 15elesibozo ku‐Yisaya; yena, nonyana bake, nabazalwana bake, bebelishumi elinesibini: 16elesitoba ku‐Mataniya; yena, nonyana bake, nabazalwana bake, bebelishumi elinesibini: 17eleshumi ku‐Shimehi; yena, nonyana bake, nabazalwana bake, bebelishumi elinesibini: 18eleshumi linesinye ku‐Hazareli; yena, nonyana bake, nabazalwana bake, bebelishumi elinesibini: 19eleshumi linesibini ku‐Hashabiya; yena, nonyana bake, nabazalwana bake, bebelishumi elinesibini: 20eleshumi linesitatu ku‐Shubaweli; yena, nonyana bake, nabazalwana bake, bebelishumi elinesibini: 21eleshumi linesine ku‐Matitiya; yena, nonyana bake, nabazalwana bake, bebelishumi elinesibini: 22eleshumi linesihlanu ku‐Jeremote; yena, nonyana bake, nabazalwana bake, bebelishumi elinesibini: 23eleshumi linesitandatu ku‐Hananiya; yena, nonyana bake, nabazalwana bake, bebelishumi elinesibini: 24eleshumi linesixe̔nxe ku‐Yoshebekasha; yena, nonyana bake, nabazalwana bake, bebelishumi elinesibini: 25eleshumi linesibozo ku‐Hanani; yena, nonyana bake, nabazalwana bake, bebelishumi elinesibini: 26eleshumi linetoba ku‐Maloti; yena, nonyana bake, nabazalwana bake, bebelishumi elinesibini: 27elamashumi mabini ku‐Eliyata; yena, nonyana bake, nabazalwana bake, bebelishumi elinesibini: 28elamashumi mabini anesinye ku‐Hotire; yena, nonyana bake, nabazalwana bake, bebelishumi elinesibini: 29elamashumi mabini anesibini ku‐Gidelati; yena, nonyana bake, nabazalwana bake, bebelishumi elinesibini: 30elamashumi mabini anesitatu ku‐Mahaziyote; yena, nonyana bake, nabazalwana bake, bebelishumi elinesibini: 31elamashumi mabini anesine ku‐Romamti‐hezere; yena, nonyana bake, nabazalwana bake, bebelishumi elinesibini.