1Waza wati u‐Davide: Yiyo le indlu kayehova ongutixo, siso esi isibingelo sedini lokutshiswa ko‐Sirayeli.
2KEKALOKU waxela u‐Davide ukuba kuhlanganiswe bonke abasemzini abaselizweni lakwa‐Sirayeli; waza wamisa ababazi ukuba babaze amatye aqandulweyo, kuze kwakiwe indlu katixo. 3Walungisa u‐Davide nesincete, ngento eninzi, sibe sesezikonkwane zengcango zamasango, nesezibandakanyiso; nexina, ngento eninzi, engenakulinganiswa; 4nemiti yesedare engenakubalwa: ngokuba ama‐Tsidone nama‐Tire ebezisile into eninzi yemiti yesedare ku‐Davide. 5Wayesiti u‐Davide: u‐Solomone unyana wam ungumfana, utambile; kanti indlu eya kwakelwa uyehova iya kwenziwa nkulu ngento egqitiseleyo, ibe nodumo nobungcwalisa kuwo onke amazwe; ndiya kumlungisela ke. Kwa njalo u‐Davide walungisa ngento eninzi engekafi.
6Waza wambiza u‐Solomone unyana wake, wamyalela ukuba akele uyehova, utixo wo‐Sirayeli, indlu. 7Wayesiti u‐Davide ku‐Solomone: Nyana wam! mna ke, bekusentliziyweni yam ukwakela igama likayehova, utixo wam, indlu: 8kodwa ilizwi likayehova leza kum, lisiti: Igazi ulipalazile ngokuninzi, nemfazwe ezinkulu uzenzile; akuyi kwakela igama lam indlu, ngokuba igazi elininzi ulipalazile emhlabeni ebusweni bam. 9Bona ke, uya kuzalelwa unyana, oya kuba yindoda yokupumla; ndandiya kumnika ukupumla kuzo zonke intshaba zake ezingqongayo: ngokuba igama lake liya kuba ngu‐Solomone, ndandiya kunika uxolo nokwonwaba ko‐Sirayeli emihleni yake. 10Nguye oya kwakela igama lam indlu; yena woba ngunyana kum, nam ndoba nguyise kuye; ndandiya kuqinisa iterone yobukumkani bake pezu kwo‐Sirayeli kude kube ngunapakade. 11Kaloku, nyana wam! wanga uyehova angaba nawe; uze utamsanqeleke, wake indlu kayehova, utixo wako, njengoko akutetileyo ngawe. 12Makati kodwa uyehova akunike ubulumko nokuqonda, akumise pezu kwo‐Sirayeli; uze uwugcine umteto kayehova, utixo wako. 13Oko uya kutamsanqeleka, nxa ulumkela ukwenza izimiselo nezigwebo, owati uyehova wamyalela u‐Mosesi ngazo pezu kwo‐Sirayeli: yomelela, ukalipe; ungoyiki, ungatuswa nokutuswa.
14Bona ke, ebunzimeni bam, ndilungisele indlu kayehova italente zegolide ezingamawaka alikulu, netalente zesilivere ezingamawaka aliwaka; nexina nesincete ngento engenakulinganiswa, ngokuba zizonke ezonto: ndilungisile nemiti namatye; ungati wena wongezelele kuzo. 15Kanjako bako nawe abasebenzi ngobuninzi, ababazi, nencibi zamatye, nezemiti, nabo bonke abalumkileyo emisebenzini yonke. 16Igolide, isilivere, nexina, nesincete, azinakubalwa: suka, wenze, aze ange angaba nawe uyehova.
17Kanjako u‐Davide wayalela zonke inkosi zakwa‐Sirayeli ukuba zimncede u‐Solomone unyana wake, esiti: 18Uyehova, utixo wenu, akanani na? akanipumzanga ngamacala onke na? ngokuba abemi belizwe ebanikile esandleni sam; kanjalo ilizwe loyisiwe pambi kwoyehova, napambi kwabantu bake. 19Kaloku bekisani intliziyo yenu nompefumlo wenu ukumfuna uyehova, utixo wenu, nize nisuke, niyake indawo eyingcwele kayehova ongutixo, kuze kuziswe ityeya yocebano lukayehova, nempahla ezingcwele zikatixo, kulondlu eya kwakelwa igama likayehova.