1KEKALOKU u‐Davide wazenzela izindlu esixekweni sika‐Davide, wayilungisela ityeya katixo indawo, wayolulela intente. 2Wandula wati u‐Davide: Akuko mntu ongayitwalayo ityeya katixo, kupela ngaba‐Levi; ngokuba bona ebanyulile uyehova ukuba batwale ityeya katixo, nokuba bamkonze kude kube ngunapakade.
3Waza u‐Davide wabahlanganisela e‐Yerusaleme o‐Sirayeli bonke, ukuze ityeya kayehova inyuselwe endaweni yayo, leyo ebeyilungisele yona. 4Kanjalo wababuta u‐Davide onyana baka‐Arone naba‐Levi: 5konyana baka‐Kohati, u‐Wuriyeli oyinkosi, nabazalwana bake abalikulu linamashumi mabini; 6konyana baka‐Merari, u‐Hasaya oyinkosi, nabazalwana bake abangamakulu mabini anamashumi ekwa mabini; 7konyana baka‐Gereshome, u‐Joweli oyinkosi, nabazalwana bake abalikulu linamashumi matatu; 8konyana baka‐Elitsafane, u‐Shemaya oyinkosi, nabazalwana bake abangamakulu mabini: 9konyana baka‐Hebrone, u‐Eliyeli oyinkosi, nabazalwana bake abangamashumi asibozo; 10konyana baka‐Huziyeli, u‐Haminadabi oyinkosi, nabazalwana bake abalikulu elineshumi linababini.
11Waza u‐Davide wabiza u‐Tsadoki no‐Abiyatare abaperisite, naba‐Levi, u‐Wuriyeli, no‐Hasaya, no‐Joweli, no‐Shemaya, no‐Eliyeli, no‐Haminadabi, 12wati kubo: Nina nizintloko zendlu zoyise zaba‐Levi; zingcwaliseni, nina nabazalwana benu, ukuba niyinyuse ityeya kayehova, utixo wo‐Sirayeli, ize endaweni ndiyilungisele yona. 13Ngokokuba bekungenini abenje njalo ekuqaleni, watyobozela pezu kwetu uyehova, utixo wetu, ngokuba singamfunanga njengesiko.
14Bandula abaperisite naba‐Levi bazingcwalisa, ukuze benyuse ityeya kayehova, utixo wo‐Sirayeli. 15Lwaza usapo lwaba‐Levi lwayityata ityeya katixo emagxalabeni alo, ngezibonda ezipezu kwayo, njengokuba ebeyalele u‐Mosesi ngelizwi likayehova.
16Wateta u‐Davide kwinkosi zaba‐Levi, ukuba zimise abazalwana bazo abaculi, benento zokuculisa, inebele, nehadi, nesimbali, bevakalisa ngokupakamisa ilizwi ngovuyo. 17Baza aba‐Levi bamisa u‐Hemani unyana ka‐Joweli; nakubazalwana bake, u‐Safa unyana ka‐Berekiya; nakonyana baka‐Merari abazalwana babo, u‐Etane unyana ka‐Kushaya: 18nakunye nabo, abazalwana babo besaci sesibini, u‐Zekariya, u‐Bene, no‐Yaziyeli, no‐Shemiramote, no‐Yehili, no‐Huni, no‐Eliyabe, no‐Benaya, no‐Mahaseya, no‐Matitiya, no‐Elifele, no‐Mikineya, no‐Obedi‐edome, no‐Yeyeli, abalindimnyango. 19Baza abaculi, u‐Hemani, no‐Safa, no‐Etane, bavakalisa ngesimbali zexina; 20no‐Zekariya, no‐Aziyeli, no‐Shemiramote, no‐Yehili, no‐Huni, no‐Eliyabe, no‐Mahaseya, no‐Benaya, ngenebele ngokwehalamote; 21no‐Matitiya, no‐Elifele, no‐Mikineya, no‐Obedi‐edome, no‐Yeyeli, no‐Hazaziya, ngehadi ngokwesheminiti, ukuhlabelisa.
22Kekaloku u‐Kenaniya ebengumpati waba‐Levi ngokuvuma: waluleka ngokuvuma, ngokuba ebenokuqonda. 23U‐Berekiya no‐Lekana bebengabalindimnyango betyeya.
24U‐Shebaniya, no‐Yoshafate, no‐Netaneli, no‐Hamasai, no‐Zekariya, no‐Benaya, no‐Eliyezeri, abaperisite, bahlokomisa amaxilongo pambi kwetyeya katixo: u‐Obedi‐edome no‐Yehiya bebengabalindimnyango betyeya.
25Kwaye kute, u‐Davide, nabadala bo‐Sirayeli, nenkosi zamawaka, baya ukunyusa ityeya yocebano lukayehova endlwini ka‐Obedi‐edome ngovuyo. 26Kwaza kwati, ngokokuba utixo wabanceda aba‐Levi abatwala ityeya yocebano lukayehova, babingelela inkunzana zenkomo ezisixe̔nxe, nenkunzi zegusha ezikwa sixe̔nxe. 27Kekaloku u‐Davide wavatiswa ngengubo yeqiya eshiceneyo, kwa nabo bonke aba‐Levi abatwala ityeya, nabaculi, no‐Kenaniya umpati wokuvuma kwabaculi: kanjalo u‐Davide ebeneyefodi yeqiya pezu kwake. 28Kwa njalo o‐Sirayeli bonke benyusa ityeya yocebano lukayehova, ngokumemeza, nangentlokoma yopondo, nangamaxilongo, nangesimbali, bevakalisa ngenebele nangehadi.
29Kwaza kwati, yakufika ityeya yocebano lukayehova esixekweni sika‐Davide, u‐Mikali, intombi ka‐Saule, wakangela ngefentsile, wambona ukumkani u‐Davide eduda, edlala nokudlala: wandula wamdela entliziyweni yake.