61Nzwakazindini etshatsheleyo,
siye ngaphi isithandwa sakho?
Ngaba sibhekise ngaphi,
khon' ukuze nathi sikufunise?
2Simke saya emyezweni waso,
apho kutyalwe iziqholo khona.
Sizalusele khona emyezweni,
kananjalo siqokelela iinyibiba.
3Isithandwa sam sesam, nam ndingowaso;
salusela phakathi kweenyibiba.
4Awu, waza wamhle, sithandwa sam!
Uyinzwakazi okwesixeko iTiza;
umhle nqwa neJerusalem;
unesihomo ngathi ngumkhosi onendwe.
5Hayi, musa ukundijonga;
amehlo akho ayandongamela.
Iinwele ngathi ngumhlambi weebhokhwe
zisihla kuloo mixawuka yaseGiliyadi.
6Amazinyo amhlophe qhwa,
ngathi ziigusha zivela kuhlanjwa.
Onke asenamaqabane awo;
akukho lingumth' uzimele.
7Izidlele ngaphaya kwesigqubuthelo
ngathi ngamacala erharnati.
8Amakhosikazi ngamashumi amathandathu,
amaqadi ngamashumi asibhozo,
ngokunjalo nentaphane yeentombi,
9ke mna andiziva ngehobe lam,
yena cikizwa wam onguye qwaba!
Nguyedwazana kanina,
yena ngumathandwa walowo umzeleyo.
Zonk' iintombi ziyamdumisa zakumbona;
unconywa ngamakhosikazi namaqadi.
10Ngubani lo uthi gqi ngathi ngumso,
omkhitha ngathi yinyanga,
oqaqambe ngathi lilanga,
ondili ngathi ziinkwenkwezi zingumngcelele?
11Ndihle nday' emyezweni wemithi yeenati,
ndaya kubuka izityalo entilini.
Ndiye kukhangela ukuba imidiliya iyadubula na,
nokuba ngaba imirharnati iyatyayamba na.
12Ndithe ndingaqondi ndazibhaqa
sengathi ndilitshawe lamatshawe,
ndiphethe iinqwelo zokulwa zabantu bakowethu.
13Buya, buya, mShulemikazi!
Buya, buya, ukuze sikubone!
Nobona ntoni na kakade kumShulemikazi
lo gama angqungqayo phakathi kwemikhosi?