951Yizani sombelele *uNdikhoyo,
simculele sigcobile umkhuseli nomsindisi wethu!
2Masiye kuye sinombulelo,
simombelele iingoma zokubonga.
3Kaloku uNdikhoyo nguThixo onamandla,
ngukumkani omkhulu *kwizithixo zonke.
4Lisesandleni sakhe ihlabathi liphela;
iinzulu neencopho zilawulwa nguye.
5Ulawula ulwandle kuba walwenza;
nomhlaba wawudala ngezandla zakhe.
6Yizani siqubude simnqule,
siguqe phambi koNdikhoyo umdali wethu,
7kuba yena nguThixo wethu.
Thina singumhlambi awalusayo,
iigusha ezondliwa nguye.
Namhla liveni ilizwi lakhe elithi:
8“Musan' ukuba neenkani,Hebh 3:15; 4:7 njengookhokho benu eMeribha,
njengemihla yaseMasa entlango,
9apho bandilingayo,Mfud 17:1-7; Ntlango 20:2-13
naxa babezibona izinto endandibenzela zona.
10Iminyaka emashumi mane bandikruqula,
ndada ndathi: ‘Hay' ukungeva kwabo;
abayithobeli imiyalelo yam.’
11Ngoko ke ndafunga ngomsindo, ndathi:
‘Abasoze bangene ekuphumleni kwam.’ ”Ntlango 14:20-23; Hlaz 1:34-36; 12:9-10; Hebh 3:7-11; 4:3,5