21Ngani na izizwe zisenza imbudumbudu nje?
Ngani na abantu besenza amayelenqe azé nje?
2Ookumkani bemi bume,
neziphathamandla zenza amabhunga
okuvukela *uNdikhoyo nomthanjiswa wakhe,Mseb 4:25-26 besithi:
3“Masiziqhawule ezo mbophelelo zabo,
sikhululeke kuloo makhamandela abo.”
4Lowo ungqendeve esihlalweni sakhe ezulwini uyabahleka;
uNdikhoyo usuka abagxwale.
5Uya kusuka akhalimele ngomsindo,
abankwantyise ngengqumbo yakhe, athi:
6“Ndim lo umisele lo kumkani wam phezu kweZiyon,
intaba yam ncakasana.”
7Ewe, ndivakalisa isibhengezo sikaNdikhoyo esithi:
“Ungunyana wam wena; ndikuzele namhlanje.Mseb 13:33; Hebh 1:5; 5:5
8Cela kum, ndikunike iintlanga zibe lilifa lakho,
namaphethelo ehlabathi abe ngawakho.
9Wòzilawula ngegqudu lentsimbi,
ùzintlekeze zibe ziingceba oku kwezitya zomdongwe.SiTyh 2:26-27; 12:5; 19:15”
10Ngoko ke, nina bokumkani, lumkani,
nina ziphathamandla zelizwe, yalekani.
11Mkhonzeni ngembeko uNdikhoyo,
nivuye ninokuzoyikela.
12Khahlelani kuye unyana ngentobeko,
hleze aniqumbele nitshabalale endleleni;
kaloku umsindo wakhe uyakhawuleza.
Hayi uyolo lwabo bonke abazimela ngoNdikhoyo!