Iculo labahambi.
1341Yizani nimbonge nimncome *uNdikhoyo,
nonke nina zicaka zakhe,
nina nonke nima bume ebusuku,
nisebenza endlwini kaNdikhoyo.
2Ziphakamiseleni esibingelelweni izandla zenu,
nimbonge nimncome uNdikhoyo.
3UNdikhoyo, umenzi wamazulu nehlabathi,
wanga angakuthamsanqela eseZiyon.